| ← Psalms (92/150) → |
| 1. | Umhobe; ingoma, ngemini yesabatha. Kulungile ukubulela kuYehova, Nokulibethela uhadi igama lakho, Wena usenyangweni; |
| 2. | Ukuyixela kwakusasa inceba yakho, Nokunyanisa kwakho ebusuku, |
| 3. | Ngoweentambo ezilishumi nangomrhubhe, Ngokulubetha uhadi ngofefe. |
| 4. | Ngokuba uyandivuyisa, Yehova, ngomsebenzi wakho, Ngezenzo zezandla zakho ndinokumemelela. |
| 5. | Azizikhulu izenzo zakho, Yehova! Zinzulu kakhulu iingcinga zakho. |
| 6. | Isityhakala asinakwazi; Isinyabi asikuqondi oko. |
| 7. | Ekudubuleni kongendawo njengomfuno, Ekutyatyambeni kwabasebenzi bonke bobutshinga, Kukuze batshabalale ngonaphakade. |
| 8. | Ke wena, Yehova, ungophezulu ngonaphakade. |
| 9. | Ngokuba uyabona, iintshaba zakho, Yehova, Ngokuba uyabona, iintshaba zakho ziva kutshabalala; Baya kuchithwa-chithwa bonke abasebenzi bobutshinga. |
| 10. | Uyaluphakamisa uphondo lwam njengolwenqu; Ndigalelwe ioli entsha. |
| 11. | Iliso lam liyababonela abandilalelayo, Indlebe yam iyabeva abasukela phezulu kum benobubi. |
| 12. | Amalungisa aya kudubula njengesundu, Aya kukhula njengomsedare weLebhanon. |
| 13. | Etyelwe nje endlwini kaYehova, Aya kutyatyamba ezintendelezweni zoThixo wethu. |
| 14. | Aya kuhluma eselenezimvi, Aya kuba etyebile, eluhlaza; |
| 15. | Ukuze axele ukuba uthe tye uYehova, Uliwa lam, kungekho bugqwetha kuye. |
| ← Psalms (92/150) → |