| ← Psalms (91/150) → |
| 1. | Ohleli esitheni lOsenyangweni, Azilalise emthunzini kaSomandla, |
| 2. | Uthi kuYehova, Hlathi lam, Mboniselo yam, Thixo wam, endikholose ngaye! |
| 3. | Ngokuba ngokwakhe uya kukuhlangula emgibeni womthiyeli, Endyikityeni yokufa eyeyelisayo. |
| 4. | Wokugubungela ngeentsiba zakhe, Uzimele phantsi kwamaphiko akhe. Likhaka, yingweletshetshe inyaniso yakhe. |
| 5. | Akuyi koyikiswa zizothuso ebusuku, Nalutolo lubaleka emini; |
| 6. | Nandyikitya yakufa ihamba esithokothokweni, Nasifo sibhubhisayo, sibhuqa emini enkulu. |
| 7. | Kungawa iwaka ecaleni kwakho, Isigidi ngasekunene kwakho, Kodwa kungasondeli nto kuwe. |
| 8. | Wokhangela ngamehlo akho odwa, Ukubonele ukubuyekezwa kwabangendawo. |
| 9. | Ngokuba nguwe, Yehova, ihlathi lam. Umenze Osenyangweni ikhaya lakho. |
| 10. | Akuyi kuqubisana bubi nawe. Kungafiki sibetho ententeni yakho. |
| 11. | Ngokuba izithunywa zakhe uziwisele umthetho ngawe, Ukuba zikugcine ezindleleni zakho zonke. |
| 12. | Zokuthwala wena ngezandla zozibini, Hleze ubetheke ngonyawo lwakho etyeni. |
| 13. | Wonyathela phezu kwengonyama nephimpi, Uyinyashe ingonyama entsha nenamba ngeenyawo. |
| 14. | Ngokuba enamathele kum, ndomsiza; Ndimse engxondeni, ngokuba elazi igama lam. |
| 15. | Wondibiza, ndiphendule, Ndoba naye embandezelweni; Ndomhlangula, ndimzukise; |
| 16. | Ndimanelise ngemihla emide, Ndimbonise ukusindisa kwam. |
| ← Psalms (91/150) → |