| ← Psalms (67/150) → |
| 1. | Kumongameli; eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. Umhobe. Ingoma. Ngamana uThixo wasibabala, wasisikelela, Wabukhanyisa ubuso bakhe kuthi; (Phakamisani.) |
| 2. | Ukuze yaziwe ehlabathini indlela yakho, Usindiso lwakho ezintlangeni zonke. |
| 3. | Ngamana zabulela izizwe kuwe, Thixo, Zabulela izizwe kuwe zonke ziphela; |
| 4. | Zavuya zamemelela izizwe: Ngokuba uya kugweba phakathi kwezizwe ngokuthe tye, Uzikhaphe izizwe ehlabathini. (Phakamisani.) |
| 5. | Ngamana zabulela izizwe kuwe, Thixo, Zabulela izizwe kuwe zonke ziphela. |
| 6. | Umhlaba uyivelisile indyebo yawo; Uya kusisikelela uThixo, uThixo wethu; |
| 7. | Uya kusisikelela uThixo, Zimoyike zonke iziphelo zehlabathi. |
| ← Psalms (67/150) → |