| ← Psalms (63/150) → |
| 1. | Umhobe kaDavide: oko ebesentlango yakwaYuda. Thixo, unguThixo wam, ndiya kukuquqela kwakusasa, Umphefumlo wam unxanele wena; inyama yam iyakulangazelela Ezweni elingumqwebedu, elibharhileyo, eligenamanzi. |
| 2. | Ndenjenjalo ukukhangela kuwe engcweleni, Ukuba ndibone amandla akho nobuqaqawuli bakho. |
| 3. | Ngokuba inceba yakho ilungile ngaphezu kobomi, Umlomo wam uya kukuncoma. |
| 4. | Ndiya kwenjenjalo ukukubonga lo gama ndihleliyo, Ndiphakamise izandla zam egameni lakho. |
| 5. | Umphefumlo wam uhluthi umongo namanqatha; Ngemilebe yomlomo wam omemelelayo uya kukudumisa umlomo wam, |
| 6. | Ndakukukhumbula emandlalweni wam, Emilindweni yobusuku ndicamanga ngawe. |
| 7. | Ngokuba uluncedo kum, Ndinokumemelela esithunzini samaphiko akho. |
| 8. | Umphefumlo wam uthene mbende nawe; Isandla sakho sokunene sindibambile. |
| 9. | Ke bona bafuna umphefumlo wam ukuze batshabalale, Baya kutshona kwezisezantsi iindawo zehlabathi. |
| 10. | Baphalazelwa emandleni ekrele; Baba sisabelo seempungutye. |
| 11. | Ke yena ukumkani uya kuvuya ngoThixo; Baya kuqhayisa abo bonke bafunga yena; Ngokuba uya kuvingcwa umlomo wabathetha ubuxoki. |
| ← Psalms (63/150) → |