| ← Mark (4/16) → |
| 1. | Wabuya waqala ukufundisa ngaselwandle. Kwahlanganisana kuye isihlwele esikhulu, ngokokude aye kungena emkhombeni, ahlale elwandle yena; sabe sonke isihlwele sisemhlabeni, sibheke elwandle apho. |
| 2. | Wayebafundisa iindawo ezininzi ngemizekeliso. Ubesithi kubo ekubafundiseni kwakhe, |
| 3. | Phulaphulani; yabonani, umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela; |
| 4. | kwathi ekuhlwayeleni kwakhe, inxalenye yembewu yawa ngasendleleni, zeza iintaka zezulu zayidla zayigqiba. |
| 5. | Enye yawa endaweni elulwalwa, apho ibingenamhlaba mninzi; yantshula ke kwaoko, ngenxa yokuba ibingenabunzulu bamhlaba; |
| 6. | ithe ke, lakuphuma ilanga, yatsha, yathi ngenxa yokuba ingenangcambu, yoma kwaphela. |
| 7. | Yimbi yawa emithaneni enameva; yakhula imithana enameva yayiminxa; ayanika siqhamo. |
| 8. | Yimbi yawa kuwo wona umhlaba omhle, yanika isiqhamo esakhulayo sachuma; yathwala amashumi amathathu enye, namashumi amathandathu enye, nekhulu enye. |
| 9. | Wathi kubo, Lowo uneendlebe zokuva makeve. |
| 10. | Ke kaloku, xa abeyedwa, abo babemphahlile, ndawonye nabalishumi elinababini, bambuza umzekeliso lowo. |
| 11. | Wathi kubo, Nikuphiwe nina ukuyazi imfihlelo yobukumkani bukaThixo; ke kwabo bangaphandle zonke izinto ezi zibakho ngemizekeliso; |
| 12. | ukuze bebona nje, babone bangaqiqi; besiva nje, beve bangaqondi; hleze babuye, zebaxolelwe izono zabo. |
| 13. | Athi kubo, Aniwazi na lo mzekeliso? Nothini na ke ukuyazi imizekeliso yonke? |
| 14. | Umhlwayeli lo uhlwayela ilizwi. |
| 15. | Abo ke bangasendleni, apho ilizwi lihlwayelwa khona, ngaba kuthi, xa bathe beva, afike kwaoko uSathana, alithabathe ilizwi elihlwayelweyo ezintliziyweni zabo. |
| 16. | Ngokunjalo abo bahlwayelwayo ezindaweni ezilulwalwa ngabathi, xa bathe baliva ilizwi, balamkele kwaoko bevuya; |
| 17. | babe bengenangcambu ngaphakathi kwabo, beme umzuzwana kodwa; bathi kamva, kwakuhla imbandezelo, nokuba yintshutshiso, ngenxa yelizwi, bakhutyekiswe kwaoko. |
| 18. | Abo bahlwayelwayo emithaneni enameva ngaba, bathi balive ilizwi; |
| 19. | aze amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, neenkanuko zezinye izinto, zingene ziliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo. |
| 20. | Abo bahlwayelweyo kuwo umhlaba omhle ngaba, basakuthi balive ilizwi, balamkele, baxakathe isiqhamo, omnye amashumi amathathu, omnye amashumi amathandathu, nomnye ikhulu. |
| 21. | Wayesithi kubo, Isibane esi sikha siziswe ukuze sibekwe ngaphantsi kwesitya yini na, nokuba kuphantsi kwesingqengqelo? Asiziswa na ukuze sibekwe esiphathweni saso? |
| 22. | Kuba akukho nto ifihlakeleyo ingayi kubonakaliswa; kananjalo akubangakho nto ifihliweyo ingafihlelwa ukuba ize ekuhleni. |
| 23. | Ukuba ubani uneendlebe zokuva, makeve. |
| 24. | Wayesithi kubo, Yilumkeleni into eniyivayo; umlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa ngawo nani, kongezwe kuni nina nivayo. |
| 25. | Kuba osukuba enako uya kunikwa, nongenako uya kuhluthwa kwanoko anako. |
| 26. | Wayesithi, Ubukumkani bukaThixo bunjengokuba abengathi umntu aphose imbewu emhlabeni; |
| 27. | aze alale, avuke, ubusuku nemini, ibe imbewu intshula ikhula ngohlobo angalwaziyo. |
| 28. | Kuba umhlaba uvelisa iziqhamo ngokwawo, kuqala ibe likhaba, ize ibe sisikhwebu, ize ibe yingqolowa ezalisekileyo esikhwebini; |
| 29. | athi ke, xa sithe savuthwa isiqhamo, alifake kwaoko irhengqa, ngokuba kusekusondele ukuvuna. |
| 30. | Wayesithi, Siya kubufanekisa nantoni na ubukumkani bukaThixo? Siya kubuzekelisa ngamzekeliso mni na? |
| 31. | Bunjengokhozo lwemostade; lona luthi, xa sukuba luhlwayelwa emhlabeni, lube luloluncinane kuzo zonke iimbewu ezisemhlabeni; |
| 32. | luthi ke, xa luthe lwahlwayelwa, lukhule lube lukhulu kuyo yonke imifuno, lwenze amasebe amakhulu, ngokokude iintaka zezulu zibe nako ukuhlala phantsi komthunzi walo. |
| 33. | Wayelithetha kubo ilizwi ngemizekeliso emininzi enjalo, njengoko baye benako ukuva. |
| 34. | Ubengathethi ke kubo kungengamzekeliso; ke ubesithi, bakuba bodwa, abacombululele iindawo zonke abafundi bakhe. |
| 35. | Athi kubo kwangaloo mini, kwakuhlwa, Masiwele siye ngaphesheya. |
| 36. | Besindulule isihlwele, bamthabatha esemkhombeni njalo; kwaye ke kukho eminye imikhonjana inaye. |
| 37. | Kwabakho uqhwithela olukhulu lomoya; aye ke amaza ephoseka emkhombeni, abetha wafuna ukuzala kwangoku. |
| 38. | Waye yena esesinqeni somkhombe, elele ubuthongo phezu komqamelo; bamvuse, bathi kuye, Mfundisi, akukhathali na, sitshabalala nje? |
| 39. | Wavuka, wawukhalimela umoya, wathi kulo ulwandle, Hlala uthi tu, uthi cwaka! Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu. |
| 40. | Wathi kubo, Yini na ukuba nibe nje, ukuba ngamagwala? Kutheni na, le nto ningenalukholo? |
| 41. | Boyika ngoloyiko olukhulu, batshono ukuthi, Ngubani na ke lo, le nto alulanyelwa nangumoya nalulwandle? |
| ← Mark (4/16) → |