← Luke (7/24) → |
1. | Ke kaloku, emveni kokuba ebewagqibile onke amazwi akhe, besiva abantu, wangena eKapernahum. |
2. | Waye ke umkhonzi womthetheli-khulu othile, owabethandwa nguye, esifa, eza kubhubha. |
3. | Uthe ke akuva ngaye uYesu, wathuma kuye amadoda amakhulu amaYuda, emcela ukuba eze kumsindisa umkhonzi wakhe. |
4. | Akufika ke kuYesu, ambongoza enyamekile, esithi, Ukufanele oko lowo ungamenzelayo oko; |
5. | kuba uyaluthanda uhlanga lwethu, wasakhela nendlu yesikhungu yena. |
6. | Wahamba ke uYesu nabo. Akubon ukuba ke akasekude endlwini, umthetheli-khulu wathuma izihlobo kuye, esithi kuye, Nkosi, ungazikhathazi, kuba andikulingene ukuba ungade ungene phantsi kophahla lwam; |
7. | kungoko nam ndingakufanelanga ukuda ndize; thetha ngezwi lodwa, wophiliswa umkhonzi wam; |
8. | kuba nam ndingumntu omiswe phantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati aphantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye; kweliya, Yiza, lize; kumkhonzi wam, Yenza oku, akwenze. |
9. | Ezivile ke uYesu ezi zinto, wamangaliswa nguye, waguqukela kwindimbane ebimlandela, wathi, Ndithi kuni, andifumananga lukholo lungaka nakwaSirayeli. |
10. | Abo babethunyiwe babuyela endlwini, bamfumana umkhonzi obengumlwelwe ephilile. |
11. | Kwathi ngomhla olandelayo, waya emzini ekuthiwa yiNayin. Kwaye kuhamba naye iqela labafundi bakhe, nendimbane enkulu. |
12. | Ke kaloku, akusondela esangweni lomzi lowo, kwabonakala kuthwalelwa phandle umntu ofileyo, ekuphela konyana ozalwa ngunina; waye yena engumhlolokazi. Yaye nendimbane elingeneyo yomzi inaye. |
13. | Ithe ke iNkosi yakumbona, yasikwa yimfesane ngenxa yakhe, yathi kuye, Musa ukulila. |
14. | Yafika ke yalichukumisa ithala, bema ke ababethwele. Yathi, Ndodana, ndithi kuwe, Vuka. |
15. | Wavuka wahlala umfi lowo, waza ke wathetha. Yamnikela ke kunina. |
16. | Bangenwa ke kukoyika bonke. Babemzukisa uThixo, besithi, Kuvele umprofeti omkhulu phakathi kwethu; besithi, Ubavelele uThixo abantu bakhe. |
17. | Lwaphuma ke olo ludaba lungaye, lwahamba kwelakwaYuda liphela, nakuloo mmandla wonke. |
18. | Bazibika kuYohane abafundi bakhe zonke ezi zinto. |
19. | Ebizele kuye babini bathile kubafundi bakhe, uYohane wabathuma kuYesu esithi, Wena ungulowo uzayo na, silinde omnye, sini na? |
20. | Efikile ke kuye amadoda lawo, athi, UYohane umbhaptizi usithume kuwe esithi, Wena ungulowo uzayo na, silinde omnye, sini na? |
21. | Ke kaloku, kwangelo lixa, waphilisa abaninzi kuzo izifo, nakuzo izibetho, nakoomoya abakhohlakeleyo, wathi iimfama ezininzi wazibabala ukubona. |
22. | Waphendula uYesu wathi kuwo, Hambani niye kumbikela uYohane izinto enizibonileyo nenizivileyo; okokuba iimfama zibuya zibone, iziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa, izithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, amahlwempu ayazishunyayezwa iindaba ezilungileyo. |
23. | Unoyolo othe akakhutyekiswa ndim. |
24. | Ke kaloku, bakubon ukuba bemkile abathunywa bakaYohane, waqala wathi kwisihlwele ngaye uYohane, Naye niphume naya kubona ntoni na entlango? Yaye iyingcongolo na, izanyazanyiswa ngumoya? |
25. | Naye niphume naya kubona ntoni na kodwa? Yaye ingumntu ovethe iingubo ezitofotofo na? Yabonani, abo banxiba iingubo eziqaqambileyo, badle ubuncwane, ngabasezindlwini zookumkani. |
26. | Naye niphume naya kubona ntoni na kodwa? Yaye igumprofeti na? Ewe, ndithi kuni, node wagqithisa kumprofeti. |
27. | Lo ngulowo kubhaliweyo ngaye kwathiwa, Niyabona, mna ndiyamthuma umthunywa wam ngaphambi kobuso bakho, Oya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho. |
28. | Kuba ndithi kuni, Akukho namnye, kwabazelweyo ngabafazi, umprofeti omkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti ke nomncinanana kwabanye ebukumkanini bukaThixo, mkhulu kunaye. |
29. | Bathi bonke abantu, bakuva, nababuthi berhafu, bagwebela uThixo, bebhaptiziwe ngobhaptizo lukaYohane. |
30. | Ke bona abaFarisi nabaqondisi-mthetho bazitshitshisela icebo likaThixo, kuba bengabhaptizwanga nguye. |
31. | Ithe ke iNkosi, Ndiya kubafanisa nantoni na ke ngoko abantu besi sizukulwana? Bafana nantoni na? |
32. | Bafana nabantwana abahleli endaweni yembutho, bekhwazana besithi, Sanigwalela, naza nina anaduda; sanihlabela isililo, naza nina analila. |
33. | Kuba uzile uYohane umbhaptizi engadli sonka, engaseli wayini; nithi ke, Unedemon. |
34. | Uzile uNyana woMntu esidla, esela; nithi, Khanibone umntu olidla-kudla, olisela-wayini, umhlobo wababuthi berhafu nowaboni! |
35. | Noko ke ubulumko bugwetyelwe kokuphuma ebantwaneni babo bonke. |
36. | Ke kaloku omnye umFarisi ubemcela ukuba adle naye; waza wangena endlwini yomFarisi lowo, wangqengqa. |
37. | Kwabonakala kukho mfazi emzini apho, obengumoni; wathi, akwazi ukuba uhleli endlwini yomFarisi, wazisa ihlala lelabhastile, linamafutha aqholiweyo. |
38. | Wema ezinyaweni zakhe ngasemva, elila; waqala ukuzinyela iinyawo zakhe ngeenyembezi, ezisula ngeenwele zentloko yakhe, ezanga kakhulu iinyawo zakhe, ezithambisa ngamafutha lawo. |
39. | Akukubona ke oko umFarisi lowo ubembizile, wathetha ngaphakathi kwakhe, esithi, Lo mntu, ukuba ube engumprofeti, ange esazi ukuba ngumfazi ongubani na, oluhlobo luni na, lo umchukumisayo; ngokuba ungumoni. |
40. | Waphendula uYesu wathi kuye, Hina, Simon, ndinendawo yokuthetha kuwe. (Athi ke yena, Thetha, Mfundisi.) |
41. | Kwaye kukho mboleki-mali uthile, enabantu ababini abanamatyala kuye; omnye wayenetyala leedenariyo ezimakhulu mahlanu, omnye ke zimashumi mahlanu. |
42. | Bakuba ke bengenanto yokuhlawula, usuke wabaxolela bobabini. Khawutsho ke, nguwuphi na kubo oya kumthanda ngokungaphezulu? |
43. | Waphendula uSimon wathi, Ndiba ngulowo uxolelwe ngokungaphezulu. Wathi ke yena kuye, Wahlule walungisa. |
44. | Wajika wakhangela kumfazi, wathi kuSimon, Uyambona na lo mfazi? Ndingene endlwini yakho, akundinikanga manzi eenyawo zam; ke yena uzinyele iinyawo zam ngeenyembezi, wazisula ngeenwele zentloko yakhe. |
45. | Akundanganga wena; ke yena, kuseloko ndangenayo, akayekanga ukuzanga kakhulu iinyawo zam. |
46. | Intloko yam akuyithambisanga ngaoli; ke yena iinyawo zam uzithambise ngamafutha aqholiweyo. |
47. | Ngenxa yoko ndithi kuwe, Izono zakhe uzixolelwe, bezizininzi; ngokuba uthande kakhulu; ke yena oxolelwe kancinane, uthanda kancinane. |
48. | Wathi ke kuye, Zixolelwe izono zakho. |
49. | Baqala abo babehleli naye esithebeni ukuthi ngaphakathi kwabo, Ngubani na lo uxolela nezono? |
50. | Uthe ke kumfazi, Ukholo lwakho lukusindisile, hamba ngoxolo. |
← Luke (7/24) → |