← Luke (21/24) → |
1. | Ke kaloku akubheka, wazibona izityebi, ziphosa iminikelo yazo emkhumbini wokulondoloza imali. |
2. | Wabona ke mhlolokazi uthile ulihlwempu, ephosa apho iimalanana ezimbini. |
3. | Wathi, Inyaniso ndithi kuni, Lo mhlolokazi usweleyo uphose ngaphezu kwabo bonke; |
4. | kuba bonke aba baphose eminikelweni kaThixo, bethabatha kwintabalala yabo; ukanti lo, ekusweleni kwakhe, uphose yonke impilo abenayo. |
5. | Ke kaloku, kwakubonÂ’ ukuba abathile bayathetha ngayo itempile, ukuba ihonjiswe ngamatye amahle nangeminikelo, wathi, |
6. | Ezi zinto nizibona nje, kuya kufika imihla ekungayi kusala litye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa. |
7. | Bambuza ke besithi, Mfundisi, ziya kubakho nini na ke ezi zinto? Uya kuba yintoni na nomqondiso, xa ngaba ezi zinto ziza kubakho? |
8. | Wathi ke yena, Lumkani ningalahlekiswa; kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi, banguye uKristu; ewe, ixesha lisondele; ngoko musani ukubalandela. |
9. | Xa nithe neva iimfazwe neziphithiphithi, musani ukunkwantya; kuba ezo zinto zimele ukuthi zihle kuqala; sona ke isiphelo asiyi kuba kwaoko. |
10. | Wandula wathi kubo, Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani. |
11. | Kuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu kwiindawo ngeendawo, neendlala, neendyikitya zokufa; kuya kubakho izinto ezoyikekayo, kwanemiqondiso emikhulu evela ezulwini. |
12. | Ngaphambili ke kwazo zonke ezo zinto, baya kunisa izandla, banitshutshise, beninikela ezindlwini zesikhungu nasezintolongweni, nisiwe phambi kookumkani neerhuluneli ngenxa yegama lam. |
13. | Oko ke kuya kuthi kube bubungqina kuni. |
14. | Kumiseni ngoko ezintliziyweni zenu, ukuba ningakucingi ngaphambili ukuziphendulela. |
15. | Kuba mna ndiya kuninika umlomo nobulumko, abangayi kuba nako ukubuphikisa nokumelana nabo, bonke abanichasileyo. |
16. | Ke kaloku niya kunikelwa nangabazali, nangabazalwana, nayimizalwane, nazizihlobo, kubekho nabababulalayo kuni; |
17. | nithiywe ngabantu bonke ngenxa yegama lam. |
18. | Akusayi kutshabalala nonwele olu entlokweni yenu. |
19. | Ekunyamezeleni kwenu, noyizuza imiphefumlo yenu. |
20. | Xa nithe nayibona iYerusalem irhawulwe yimikhosi, yazini oko ukuba kusondele ukuphanza kwayo. |
21. | Ngelo xa mabathi abakwelakwaYuda basabele ezintabeni, nabo baphakathi kwayo mabaphume bemke, nabo basemaphandleni mabangangeni kuyo. |
22. | Ngokuba yimihla yempindezelo leyo, ukuze kuzaliseke konke okubhaliweyo. |
23. | Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla; kuba kuya kubakho ingxakeko enkulu phezu kwawo umhlaba, nengqumbo kwaba bantu; |
24. | bawe ngohlangothi lwekrele, bathinjwe, basiwe kuzo zonke iintlanga, neYerusalem inyathelelwe phantsi ziintlanga, ade azaliseke amaxesha eentlanga. |
25. | Kuya kubakho imiqondiso elangeni nasenyangeni nasezinkwenkwezini; nasemhlabeni kubekho ukuxinezeleka kweentlanga, zithingaza; lugquma ulwandle namaza; |
26. | abantu besifa kukoyika nakukulindela izinto ezilizelayo elimiweyo; kuba amandla ezulu aya kuzanyazanyiswa. |
27. | Baya kwandula ke ukumbona uNyana woMntu, esiza ngelifu, enamandla nobuqaqawuli obukhulu. |
28. | Ke kaloku, zakubonÂ’ ukuba ezi zinto ziyaqala ukuhla, sukani nime, niziphakamise iintloko zenu, ngenxa yokuba iyasondela inkululeko yenu. |
29. | Wathetha umzekeliso kubo, wathi, Wukhangeleni umkhiwane nemithi yonke; |
30. | xa iselithe yavelisa amagqabi, niyabona nazi ngokwenu ukuba ihlobo selikufuphi. |
31. | Kwangokunjalo nani, xa nithe nazibona ezi zinto zisihla, yazini ukuba bukufuphi ubukumkani bukaThixo. |
32. | Inene ndithi kuni, Asiyi kukha sidlule esi sizukulwana, zide zihle zonke ezi zinto. |
33. | Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kudlula. |
34. | Zilumkeleni ke, hleze zisindwe iintliziyo zenu kukuzingxala, nakukunxila, nangamaxhala obu bomi, ize loo mini inifikele ngebhaqo. |
35. | Kuba iya kubazela njengomgibe bonke abahleliyo phezu kwehlabathi lonke. |
36. | Phaphani ngoko, amaxesha onke nikhunga, ukuze kuthiwe nikufanele ukuzisaba zonke ezo zinto ziza kuhla, nokumiswa phambi koNyana woMntu. |
37. | Ke kaloku, emini ebefundisa etempileni; athi ngobusuku aphume, ayekulala entabeni ekuthiwa yeyemiNquma. |
38. | Bonke ke abantu babesiza kuye kwakusasa etempileni, ukuba beve ukuthetha kwakhe. |
← Luke (21/24) → |