← Judges (16/21) → |
1. | USamson waya eGaza, wabona khona inkazana elihenyukazi, wayilala. |
2. | Kwathiwa kwabaseGaza, USamson ungene apha. Bamrhawula, bamlalela ubusuku bonke esangweni lomzi; bathi cwaka ubusuku bonke, besithi, Kwakusa ngomso sombulala. |
3. | Walala uSamson kwada kwaba phakathi kobusuku. Wavuka phakathi kobusuku, wabambelela ezingcangweni zesango lomzi, nasemigubasini yomibini, wayincothula inomvalo; wayibeka emagxeni akhe, wayithwalela encotsheni yentaba phambi kweHebron. |
4. | Kwathi emveni koko, wathanda inkazana esihlanjeni saseSoreki, igama layo linguDelila. |
5. | Zenyuka zaya kuyo izikhulu zamaFilisti, zathi kuyo, Mrhwebeshe, ubone ukuba asenini na la mandla akhe angaka, nokuba singameyisa ngantoni na, simkhonkxe ukuze simthobe; sokunika thina elowo iwaka elinekhulu lesilivere. |
6. | Wathi uDelila kuSamson, Khawundixelele ukuba asenini na la mandla akho angaka, nokuba ungakhonkxwa ngantoni na, ukuze uqotywe? |
7. | Wathi uSamson kuye, Ukuba bathe bandibopha ngeentambo ezisixhenxe ezintsha ezingomanga, ndothi fehle, ndibe njengomnye umntu. |
8. | Izikhulu zamaFilisti zenyuka, zamzisela iintambo ezisixhenxe ezintsha ezingomanga; wamkhonkxa ngazo. |
9. | Ke abalaleli babehleli naye egumbini. Wathi umkakhe kuye, AmaFilisti aphezu kwakho, Samson. Wazijaca iintambo, kwanga kukujaceka kwentsontelo yeflakisi yakuva umlilo; akaziwa ke amandla akhe. |
10. | Wathi uDelila kuSamson, Yabona, udlale ngam, wandixokisa; khawundixelele kaloku ukuba ungakhonkxwa ngantoni na. |
11. | Wathi kuye, Ukuba bathe ukundikhonkxa bandikhonkxa ngeentsontelo ezintsha, ekungasetyenzwanga msebenzi ngazo, ndothi fehle, ndibe njengomnye umntu. |
12. | UDelila wathabatha iintsontelo ezintsha, wamkhonkxa ngazo, wathi kuye, AmaFilisti aphezu kwakho, Samson. Ke abalaleli babehleli egumbini. Wazijaca emikhonweni yakhe njengomsonto. |
13. | Wathi uDelila kuSamson, Udlale ngam unangoku, undixokisa; ndixelele, ungakhonkxwa ngantoni na? Wathi kuye, Ukuba uthe waluka izihlwitha ezisixhenxe zentloko yam ngemisonto yokuluka. |
14. | Waziqinisa ngesikhonkwane, wathi kuye, AmaFilisti aphezu kwakho, Samson. Wavuka ebuthongweni bakhe, wasincothula isikhonkwane sokuluka kwanemisonto yaso. |
15. | Wathi kuye, Ungathini na ukuthi uyandithanda, ukanti intliziyo yakho ayinam? Undikhohlisile ezi zihlandlo zozithathu, akwandixelela ukuba asenini na la mandla akho angaka. |
16. | Kwathi, akumxina ngamazwi akhe zonke iimini, emmele, wakhathazeka umphefumlo wakhe, wasingisa ekufeni. |
17. | Wamxelela intliziyo yakhe yonke, wathi kuye, Isitshetshe sokucheba asizanga sisondele entlokweni yam; ngokuba ndingumahlulwa kaThixo kwasesizalweni sikama. Ukuba ndithe ndachetywa, osuka kum amandla am, ndithi fehle, ndibe njengabantu bonke. |
18. | Wabona uDelila ukuba umxelele yonke intliziyo yakhe, wathumela wabiza izikhulu zamaFilisti, esithi, Nyukani esi sihlandlo, ngokuba undixelele yonke intliziyo yakhe. Zenyuka ke zaya kuye izikhulu zamaFilisti, zenyuka zinemali esandleni sazo. |
19. | Wamlalisa emathangeni akhe, wabiza umntu, wazicheba izihlwitha zosixhenxe zentloko yakhe, waqala ke ukumqoba; emka ke amandla akhe kuye. |
20. | Wathi, AmaFilisti aphezu kwakho, Samson. Wavuka ebuthongweni, wathi, Ndiya kuphuma esi sihlandlo njengezinye izihlandlo, ndizivuthulule. Wayengazi yena, ukuba uYehova umkile kuye. |
21. | Ambamba amaFilisti, amkrukra amehlo; ehla naye aya eGaza, amkhonkxa ngamakhamandela obhedu amabini, waba ngumsili endlwini yamakhonkxwa. |
22. | Zaqala iinwele zentloko yakhe zahluma, emva kokuba wayechetyiwe. |
23. | Izikhulu zamaFilisti zahlanganiselwa ukuba zibingelele umbingelelo omkhulu kuDagon uthixo wazo, zivuye; zathi, Uthixo wethu umnikele esandleni sethu uSamson, utshaba lwethu. |
24. | Bambona abantu, badumisa uthixo wabo; ngokuba bebesithi, Uthixo wethu ulunikele esandleni sethu utshaba lwethu, umtshabalalisi welizwe lethu, obenze babaninzi ababuleweyo kuthi. |
25. | Kwathi, xa intliziyo yabo ichwayithileyo, bathi, Bizani uSamson, asihlekise. Bambiza ke uSamson endlwini yamakhonkxwa; waphuma wahlekisa phambi kwabo. Bammisa phakathi kweentsika. |
26. | Wathi uSamson kumfana ombambe ngesandla, Ndiyeke, ndizive iintsika emi ngazo indlu, ndayame ngazo. |
27. | Ke indlu ibizele ngamadoda nabafazi; zibe zikhona zonke izikhulu zamaFilisti; phezu kophahla kwakuhleli amawaka omathathu amadoda nabafazi, bebonela ukuhlekisa kukaSamson. |
28. | USamson wanqula uYehova wathi, Nkosi yam, Yehova, khawundikhumbule, khawundomeleze okwesi sihlandlo sodwa, Thixo; ndiphindezele kumaFilisti impindezelo nokuba inye ngenxa yamehlo am omabini. |
29. | Waziwola uSamson zombini iintsika eziphakathi, emi ngazo indlu leyo, wacinezela kuzo, enye ngesandla sokunene, enye ngesokhohlo. |
30. | Wathi uSamson, Mandife namaFilisti. Wathoba ngamandla; yawa indlu phezu kwezikhulu, naphezu kwabantu bonke ababekuyo. Bathi abafi, awababulala ekufeni kwakhe, baba baninzi kunabafi awababulala esaphilile. |
31. | Behla abazalwana bakhe nendlu kayise yonke, bamthabatha, bamnyusa, bamngcwabela phakathi kweTsora ne-Eshtawoli, engcwabeni likaManowa uyise. Wawalawula yena amaSirayeli iminyaka emashumi mabini. |
← Judges (16/21) → |