| ← Judges (13/21) → |
| 1. | Baphinda oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova. UYehova wabanikela esandleni samaFilisti iminyaka emashumi mane. |
| 2. | Ke kaloku kwabakho ndoda ithile yaseTsora, yomlibo wamaDan, egama linguManowa, umkayo eludlolo, engazali. |
| 3. | Kwabonakala isithunywa sikaYehova kumfazi lowo, sathi kuye, Yabona, uludlolo wena, akuzali; ke uya kumitha, uzale unyana. |
| 4. | Ke ngoko khawuzigcine, uze ungaseli wayini nasiselo sinxilisayo; ungadli nanye into eyinqambi. |
| 5. | Ngokuba uyabona, uya kumitha, uzale unyana; isitshetshe sokucheba asiyi kusondezwa entlokweni yakhe; ngokuba le nkwenkwe iya kuba ngumahlulwa kaThixo kwasesizalweni. Yiyo ke eya kuqala ukuwasindisa amaSirayeli esandleni samaFilisti. |
| 6. | Weza lo mfazi, wathi kwindoda yakhe, Kufike kum umntu kaThixo, imbonakalo yakhe injengembonakalo yesithunywa sikaThixo, isoyikeka kunene; kodwa andimbuzanga apho avela khona, naye akandixelelanga igama lakhe. |
| 7. | Wathi kum, Uyabona, uya kumitha, uzale unyana; ke ngoko uze ungaseli wayini nasiselo sinxilisayo, ungadli nanye into eyinqambi; ngokuba le nkwenkwe iya kuba ngumahlulwa kaThixo, kwasesizalweni, kude kube ngumhla wokufa kwayo. |
| 8. | Wathandaza ke uManowa kuYehova, wathi, Camagu, Nkosi yam; umntu kaThixo owamthumayo makakhe abuye eze kuthi, asifundise ukuba simthini na umntwana oya kuzalwa. |
| 9. | Waliphulaphula uThixo izwi likaManowa; sabuya seza ke isithunywa sikaYehova kumfazi lowo ehleli entsimini, uManowa indoda yakhe ingenaye. |
| 10. | Wakhawuleza umfazi, wagidima, wayixelela indoda yakhe, wathi kuyo, Yabona, ubonakele kum laa mntu ubeze kum laa mhla. |
| 11. | Wesuka ke uManowa, wamlandela umkakhe, waya kuloo mntu, wathi kuye, Ungulaa mntu na ubethetha nomfazi? Wathi, Ndinguye. |
| 12. | Wathi uManowa, Ukuba lithe lenzeka kaloku ilizwi lakho, loba yintoni na isiko lale nkwenkwe, nokwenza kwayo? |
| 13. | Sathi isithunywa sikaYehova kuManowa, Konke endikuthethileyo kumfazi makazigcine kuko. |
| 14. | Maze angadli nto iphuma emdiliyeni, angaseli wayini nasiselo sinxilisayo, angadli nanye into eyinqambi. Konke endimwisele umthetho ngako makakugcine. |
| 15. | Wathi uManowa kwisithunywa sikaYehova, Makhe sikubambezele, sikwenzele itakane lebhokhwe. |
| 16. | Sathi isithunywa sikaYehova kuManowa, Nokuba undibambezele, andiyi kudla ekudleni kwakho; ke ukuba wenza idini elinyukayo kuYehova, linyuse. Ngokuba uManowa ebengazi ukuba sisithunywa sikaYehova. |
| 17. | Wathi uManowa kwisithunywa sikaYehova, Ungubani na igama; sikuzukise lakwenzeka ilizwi lakho? |
| 18. | Sathi kuye isithunywa sikaYehova, Yini na le nto ulibuzayo igama lam, libalulekile nje? |
| 19. | Wathabatha uManowa itakane lebhokhwe nomnikelo wokudla, wazinyusa kuYehova eweni; sona sisenza ngokumangalisayo, bebonela uManowa nomkakhe. |
| 20. | Kwathi, ekunyukeni kwelangatye esibingelelweni, lisinga ezulwini, senyuka isithunywa sikaYehova ngelangatye lesibingelelo, uManowa nomkakhe bebona. Bawa ngobuso emhlabeni. |
| 21. | Asaba saphinda sibonakale isithunywa sikaYehova kuManowa nomkakhe. Wandula ukwazi uManowa ukuba sisithunywa sikaYehova esi. |
| 22. | Wathi uManowa kumkakhe, Siya kufa ngenene, ngokuba simbonile uThixo. |
| 23. | Wathi umkakhe kuye, Ukuba uYehova ubefuna ukusibulala, ange engalamkelanga esandleni sethu idini elinyukayo, nomnikelo wokudla; ange engasibonisanga zonke ezi zinto; ange engasivisanga okunje ngexesha elinjengeli. |
| 24. | Wazala unyana umfazi lowo, wathi igama lakhe nguSamson. Yakhula ke inkwenkwe leyo, uYehova wayisikelela. |
| 25. | Waqala uMoya kaYehova wamqhuba eseMahane-dan, phakathi kweTsora ne-Eshtawoli. |
| ← Judges (13/21) → |