| ← John (2/21) → |
| 1. | Kuthe ngomhla wesithathu, kwabakho umsitho eKana yelaseGalili; waye unina kaYesu ekhona. |
| 2. | Wamenyelwa ke noYesu kwanabafundi bakhe emsithweni lowo. |
| 3. | Kuthe ke, bakuphelelwa yiwayini, wathi unina kaYesu kuye, Abanawayini. |
| 4. | Uthi uYesu kuye, Yintoni na enam nawe, mfazi? Alikafiki ilixa lam. |
| 5. | Athi unina kubalungiseleli, Asukuba ekuthetha kuni, kwenzeni. |
| 6. | Kwakumi khona ke imiphanda yamatye imithandathu, ngokwentlambululo yamaYuda, engena ngaminye iibhate ezimbini nantathu. |
| 7. | Athi kubo uYesu, Yizaliseni imiphanda ngamanzi. Bayizalisa ke, yada yee cike. |
| 8. | Athi kubo, Yikhani ngoku, nise kwinjoli. Besa ke. |
| 9. | Ke kaloku, yakuweva injoli amanzi abenziwe iwayini (yayingayazi apho ivela khona; kodwa abalungiseleli ababewakhile amanzi babesazi), yasuka injoli yabiza umyeni. |
| 10. | Yathi kuye, Wonke umntu ubeka kuqala iwayini emnandi, aze xa bathe basela bakholisa, andule ukubeka enganeno kwaleyo; wena uyibandezile iwayini emnandi, kwada kwangoku. |
| 11. | Oku kuqaleka kwemiqondiso wakwenza uYesu eKana yelaseGalili, walubonakalalisa Uzuko lwakhe; bakholwa kuye abafundi bakhe. |
| 12. | Emveni koko wehla waya eKapernahum, yena nonina, nabazalwana bakhe, nabafundi bakhe; bahlala khona iintsuku ezingeninzi. |
| 13. | Yayikufuphi ke ipasika yamaYuda; wenyuka uYesu waya eYerusalem. |
| 14. | Wabafumana etempileni ababethengisa ngeenkomo nezimvu namahobe, nabananisa ngemali behleli. |
| 15. | Wenza iziniya ngemizi, wabakhupha bonke etempileni, kwanezimvu neenkomo; wayiphalaza imali yabananisi, wazibhukuqa neetafile; |
| 16. | wathi nakwabo bathengisa ngamahobe, Ezi zinto zisuseni apha; musani ukuyenza indlu kaBawo indlu yokuthengisela. |
| 17. | Bakhumbula ke abafundi bakhe, ukuba kubhaliwe kwathiwa, Ukuzondelela indlu yakho kundidlile kanye. |
| 18. | Aphendula ke ngoko amaYuda, athi kuye, Usibonisa mqondiso mni na, uzenza nje ezi zinto? |
| 19. | Waphendula uYesu wathi kubo, Yichitheni le tempile, mna ke ndiya kuyivusa ngeentsuku ezintathu. |
| 20. | Athi ke ngoko amaYuda, Yayiminyaka imashumi mane anesithandathu nje isakhiwa le tempile, ke wena woyivusa ngeentsuku ezintathu na? |
| 21. | Yena ke wayethetha ngetempile yomzimba wakhe. |
| 22. | Ke ngoko, xenikweni wavukayo kwabafileyo, bakhumbula abafundi bakhe, ukuba ebekuthethile oku kubo, bakholwa sisibhalo nalilizwi awalithethayo uYesu. |
| 23. | Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba useYerusalem epasikeni, emthendelekweni, into eninzi yakholwa kulo igama lakhe, ibona imiqondiso yakhe abeyenza. |
| 24. | Ke yena uYesu akaziyekelanga kubo, ngenxa yokuba ebazi bonke; |
| 25. | nangokuba bekungafuneki kuye, ukuba kungqine bani ngaye umntu, kuba ubekwazi yena okungaphakathi komntu. |
| ← John (2/21) → |