| ← Job (35/42) → |
| 1. | Wasusela uElihu, wathi, |
| 2. | Uba oku kusesikweni na, Ukuthi, ubulungisa bakho bungaphezu kobukaThixo; |
| 3. | Ukuba uthi nje, Bundinceda ntoni na, Bundinyusa ngantoni na phezu kokundinyusa kwesono sam? |
| 4. | Ndiya kukuphendula mna ngokuthetha, Nabahlobo bakho abanawe. |
| 5. | Bheka ezulwini ubone; Ukhangele isibhakabhaka, siphezulu kuwe. |
| 6. | Ukuba uthi wone, usebenza ntoni na ngakuye? Khona zakuba zininzi izikreqo zakho, umenze ntoni na? |
| 7. | Ukuba uthe walungisa wena, umpha ntoni na ngaloo nto? Wamkela ntoni na yena esandleni sakho? |
| 8. | Kuyinto kwindoda enjengawe ukungabi ndawo kwakho; Buyinto kuwe, nyana womntu, ubulungisa bakho. |
| 9. | Ngenxa yobuninzi bokucudisa, bayakhala abantu; Bayazibika ngenxa yengalo yabakhulu. |
| 10. | Ke abatsho ukuthi, Uphi na uThixo uMenzi wam, Osinika ingoma ebusuku, |
| 11. | Osifundisa ngaphezu kweenkomo zehlabathi, Asiphe ubulumko ngaphezu kweentaka zezulu? |
| 12. | Bandula bakhale, angaphenduli, Ngenxa yekratshi labanobubi. |
| 13. | Hayi, yona into ekhohlakeleyo akayiva uThixo, USomandla akayikhathalele. |
| 14. | Noko utshoyo ukuthi akumkhathalele, Ityala liphambi kwakhe, lindela kuye ke! |
| 15. | Ke ngoko xa ungekaveleli umsindo wakhe, Akazani na kunene nesikhukhumali? |
| 16. | Ke uYobhi ufumana awuvule umlomo wakhe, Akwandise ukuthetha engenakwazi. |
| ← Job (35/42) → |