← Job (16/42) → |
1. | Waphendula uYobhi, wathi, |
2. | Ndive izinto ezininzi ezinjengezo; Ningabathuthuzeli abayindinisa, nonke niphela. |
3. | Aphelile na amazwi angumoya? Uxhokonxwa yintoni na, ukuba uphendule? |
4. | Nam ndibe ndingathethayo njengani. Ukuba umphefumlo wenu ubusendaweni yomphefumlo wam. Ndibe ndinganiqukela ukuthetha, Ndinihlunguzele intloko; |
5. | Ndibe ndinganikhaliphisa ngomlomo wam, Nokukhuza komlomo wam kulunqande usizi lwenu. |
6. | Nokuba ndithe ndathetha, awunqandwa umvandedwa wam; Nokuba ndithe ndayeka, kumka ntoni na kum? |
7. | Hayi, ngoku undidinisile; Uliphanzisile lonke ibandla lam. |
8. | Undintshwenyisile, kwaba lingqina oko; Kwandimela ukubhitya kwam, Kwaphendula ebusweni bam. |
9. | Umsindo wakhe wandiqwenga, wanditshutshisa; Uditshixizele amenyo akhe; Engumbandezeli wam, uwenze abukhali amehlo akhe kum. |
10. | Bandakhamele umlomo; Ngengcikivo bandibetha ezidleleni; Bonke bayathelelana ukundichasa. |
11. | UThixo wandinikela kumakhwenkwe, Wandijulela ezandleni zabangendawo. |
12. | Ndibi ndichulumacha, wandivithavitha, Wandibamba ngentamo, wandihlekeza, Wandimisa ndaba yitekeni kuye. |
13. | Bandirhawula abatoli bakhe, Wazityanda izintso zam, engenalufefe, Wayiphalazela emhlabeni inyongo yam. |
14. | Wandenza iinduma ngeenduma, Wandigila njengegorha. |
15. | Ndathungela iingubo ezirhwexayo enkwaneni yolusu lwam, Ndalugquba ngothuli uphondo lwam. |
16. | Ubuso bam bubomvu kunene kukulila, Phezu kweenkophe zam lithunzi lokufa; |
17. | Nakuba kungekho kugonyamela ezandleni zam, Uqaqambile umthandazo wam. |
18. | Mhlaba, musa ukuliselela igazi lam, Kungabi nasikhundla ukuhlahlamba kwam. |
19. | Nangoku, yabona, lisemazulwini ingqina lam; Ondivumelayo usezindaweni eziphezulu. |
20. | Abandigxekayo ngabethu aba; Iliso lam liyengezela kuThixo, |
21. | Ukuba alungisele umfo kuThixo, Ahlule phakathi komntu nommelwane wakhe. |
22. | Kuba iminyaka embalwa iza kudlula, Ndihambe ke umendo endingayi kubuya ngawo. |
← Job (16/42) → |