← Isaiah (5/66) → |
1. | Intanda yam makhe ndiyivumele ingoma yentanda yam, ngesidiliya sayo. Intanda yam ibe inesidiliya endulini echumayo; |
2. | yasigaba, yawemba amatye, yasityala imidiliya yohlobo, yakha inyango phakathi kwaso, yaxhola kuso umkhombe wokukhongozela iwayini. Yalinda ukuba sivelise iidiliya ezizizo; ke sona savelisa iidiliya ezingezizo. |
3. | Kaloku ke, bemi baseYerusalem, nani madoda akwaYuda, khanahlule phakathi kwam nesidiliya sam. |
4. | Kube kusekho ntoni na eyenziwayo esidiliyeni sam, endingayenzanga ke kuso? Kube kungani na ukuba ndikulinde ukuba sivelise iidiliya ezizizo, sisuke sivelise ezingezizo? |
5. | Kaloku ke makhe ndinazise into endiya kusenza yona isidiliya sam. Ndiza kususa uthango lwaso, sibe lidlelo; ndiya kuluchitha udonga lwaso, sibe yingqushu; ndisijece kuphele. |
6. | Asiyi kuthenwa, asiyi kuhlakulwa; siya kumila ubobo namakhakakhaka; ndiwawisele umthetho amafu, ukuba angani mvula phezu kwaso. |
7. | Kuba isidiliya sikaYehova wemikhosi yindlu kaSirayeli; namadoda akwaYuda sisityalo sokumyolisa. Walinda ukuba kubekho okusesikweni, nanku ikukudywida; walinda ukuba kubekho ubulungisa, nanko ikukukhalisa. |
8. | Yeha, abahlomela indlu kwindlu, abasondeza intsimi kwintsimi, kude kungabikho ndawo, nihlale nedwa phakathi kwelizwe! |
9. | Ezindlebeni zam uthi uYehova wemikhosi, Inyaniso, izindlu ezininzi ziya kuba ngamanxuwa, ezinkulu, ezintle zingabi namhlali. |
10. | Kuba ishumi leendima zesidiliya liya kwenza ibhate ibe nye, nehomere yembewu yenze iefa yodwa. |
11. | Yeha, abavuka kusasa, besukela isiselo esinxilisayo; balibale kude kube lungcwalazi, ide ibatshise iwayini! |
12. | Ibe luhadi nomrhubhe, ingqongqo nogwali, newayini, emgidini wabo; ke wona umsebenzi kaYehova abawubeki, nezenzo zezandla zakhe abaziboni. |
13. | Ngako oko abantu bam bayafuduswa bengazi, nabazukileyo kubo baba ngabafo bendlala, ingxokolo yabo itshiswa linxano. |
14. | Ngako oko elabafileyo lizandisile, lakhame ngokungenamlinganiso; buhlile ubungangamela babo, nengxokozelo yabo, nengxolo yabo, nabadlamkileyo kubo. |
15. | Bayasibekeka abantu abaphantsi, athotywe amadoda aphakamileyo, athotywe amehlo abazidlayo; |
16. | ke yena uYehova wemikhosi uyaziphakamisa ngogwebo, azingcwalise uThixo oyiNgcwele ngobulungisa. |
17. | Kodla iimvana apho, kunge kusedlelweni lazo; abasemathanga badlise emanxuweni ezityebi. |
18. | Yeha, abatsala ubugwenxa ngeentambo zenkohlakalo, nesono bange basitsala ngomqokozo wenqwelo; |
19. | abathi, Makasingxamise asikhawulezise isenzo sakhe, ukuze sibone; malisondele lize icebo loyiNgcwele kaSirayeli, ukuze sazi! |
20. | Yeha, abathi okubi kulungile, okulungileyo kubi; abamisa ubumnyama endaweni yokukhanya, ukukhanya endaweni yobumnyama; abamisa ubukrakra endaweni yobumnandi, ubumnandi endaweni yobukrakra! |
21. | Yeha, abalumkileyo kwawabo amehlo, abanengqondo kokwabo ukubona! |
22. | Yeha, abangamagorha okusela iwayini; abangamadoda akrotele ukuphithikeza isiselo esinxilisayo; abagwebela abangendawo, besekeleze isicengo; |
23. | ubulungisa bamalungisa babususe kuwo! |
24. | Ngako oko, njengokuba ulwimi lomlilo luzidla iindiza, nesikhotha esomileyo sibohla edangatyeni: kwangokunjalo ingcambu yabo iya kuba njengento evundileyo, nentyantyambo yabo inyuke njengothuli; kuba besilahlile isiyalo sikaYehova wemikhosi, bayigiba intetho yoyiNgcwele kaSirayeli. |
25. | Ngenxa yoko uyavutha umsindo kaYehova kubantu bakhe; usolule phezu kwabo isandla sakhe, uyababetha; zagungqa iintaba, izidumbu zabo zanjengenkunkuma phakathi kwezitrato. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe, isandla sakhe sisolukile. |
26. | Uzinyusela ibhanile iintlanga zakude, azenzele ikhwelo eziphelweni zehlabathi; nanzo zisiza zikhawuleza ngamendu. |
27. | Akukho utyhafileyo, akukho ukhubekayo kuzo; azozeli, azilali, umbhinqo wamanqe azo awuthukululeki, umtya weembadada zazo awuqhawuki. |
28. | Iintolo zazo zitsolile, nezaphetha zazo zonke zityediwe; amanqina amahashe azo kuthiwa anjengeqhwitha, neevili zazo zinjengesaqhwithi. Ukubharhula kwazo kunjengengonyamakazi; |
29. | zibharhula njengeengonyama ezintsha, zigqume, ziyibambe inyamakazi, zimke nayo, kungabikho uhlangulayo. |
30. | Zogquma phezu kwabo ngaloo mini, ngathi kukugquma kolwandle; babheke emhlabeni, nanko kumnyama yimbandezelo, nokukhanya kumnyama emafini phezu kwabo. |
← Isaiah (5/66) → |