| Galatians (1/6) → |
| 1. | UPawulos, umpostile (ongavele bantwini, kanjalo kungengamntu; kungaye uYesu Kristu, noThixo uYise, owamvusayo kwabafileyo), |
| 2. | kwanabazalwana aba bonke banam, uthi kuwo amabandla kaThixo akwelaseGalati: |
| 3. | Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uYise, neNkosi yethu uYesu Kristu; |
| 4. | owazinikelayo ngenxa yezono zethu, ukuze asinyothule kwiphakade eli langoku lingendawo, ngokokuthanda kukaThixo uBawo wethu. |
| 5. | Kuye makubekho uzuko, kude kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen. |
| 6. | Ndimangalisiwe kukuba niphambuke kamsinya kangaka kulowo wanibizayo ngobabalo lukaKristu, niye kwiindaba ezilungileyo ezizimbi; |
| 7. | ezingezizo nokuba zizo ezinye; koko kukho bathile banikhathazayo, bathandayo ukuzigqwetha iindaba ezilungileyo zikaKristu. |
| 8. | Ke, nokokuba sisuke thina aba, nokokuba sisuke isithunywa sasezulwini sanishumayeza iindaba ezilungileyo ezinxamnye nezo sanishumayezayo, masisingelwe phantsi. |
| 9. | Njengokuba besesitshilo, ndiyaphinda, ndithi nangoku, Ukuba ubani unishumayeza iindaba ezilungileyo ezinxamnye nezo nazamkelayo, makasingelwe phantsi. |
| 10. | Kuba ngoku ndithomalalisa abantu, ndithomalalisa uThixo, kusini na? Ndifuna ukukholisa abantu na? Ukuba ndingaba ndisakholisa abantu, ndingaba andingumkhonzi kaKristu. |
| 11. | Ke kaloku, ndiyanazisa, bazalwana, ukuba azingokomntu iindaba ezilungileyo ezi, zashunyayelwayo ndim; |
| 12. | kuba nam lo andizamkelanga mntwini, andizifundiswanga nokuzifundiswa; ndazamkela ngokutyhilelwa nguYesu Kristu. |
| 13. | Kuba nayiva eyam ihambo eyayifudula isebuYudeni, ukuba ndaye ndilitshutshisa ndilibhuqa ibandla likaThixo ngokuncamisileyo; |
| 14. | ndaye ndihambela phambili ebuYudeni, ngaphezu kwabaninzi ababeziintanga zam eluhlangeni lwakowethu, ndizizondelele ngokugqithiseleyo izithethe zoomawokhulu. |
| 15. | Ke, xenikweni kwakholekayo kuThixo, owandahlulayo kwasesizalweni sikama, wandibiza ngalo ubabalo lwakhe, |
| 16. | ukuba amtyhile uNyana wakhe ngaphakathi kwam, ukuze ndimshumayele ngeendaba ezilungileyo phakathi kweentlanga: kwaoko andibhekisanga nto kwinyama negazi. |
| 17. | Andinyukanga nokunyuka ndiye eYerusalem, kubo ababengabapostile ngaphambi kwam; ndesuka ndaya kwelaseArabhi, ndaza ndabuyela eDamasko. |
| 18. | Ndandula ndathi, emva kweminyaka emithathu, ndenyuka ndaya eYerusalem, ukuba ndazane noPetros; ndahlala naye iintsuku ezilishumi elinantlanu. |
| 19. | Andibonanga wumbi ke kubapostile, yaba nguYakobi, umzalwana weNkosi, yedwa. |
| 20. | Izinto ke endinibhalela zona, yabonani, ndithetha emehlweni kaThixo, andixoki. |
| 21. | Emva koko ndeza kwimimandla yelaseSiriya nelaseKilikiya; |
| 22. | ndaye ke ndingaziwa ngesiqu ngawo amabandla akwelamaYuda, akuKristu; |
| 23. | banela ukuva kwakuphela ukuba, Lowo wayefudula esitshutshisa, ngoku ushumayela iindaba ezilungileyo zokholo abefudula elubhuqa. |
| 24. | Bamzukisa uThixo ngam. |
| Galatians (1/6) → |