← Exodus (37/40) → |
1. | UBhetsaleli wayenza ityeya ngomngampunzi. Ubude bayo baba ziikubhite zombini ezinesiqingatha, ububanzi bayo baba yikubhite enesiqingatha, ukuphakama kwayo kwayikubhite enesiqingatha. |
2. | Wayaleka ngegolide ecocekileyo ngaphakathi nangaphandle, wayithi jize ngesithsaba segolide. |
3. | Wayityhidela amakhonkco egolide amane, emilenzeni yayo yomine: amakhonkco amabini ngeli icala, amakhonco amabini ngeliya icala. |
4. | Wenza izibonda ngomngampunzi, wazaleka ngegolide; |
5. | wazifaka izibonda ezo emakhonkcweni asemacaleni etyeya, ukuba ithwalwe ngazo. |
6. | Wenza isihlalo sokucamagusha ngegolide ecocekileyo. Ubude baso baba ziikubhite ezimbini ezinesiqingatha, ububanzi baso baba yikubhite enesiqingatha. |
7. | Wenza iikerubhi zambini ngegolide, ukuzenza wazikhanda; zavela eziphelweni zozibini zesihlalo sokucamagusha: |
8. | enye ikerubhi ivele esiphelweni esi, enye ikerubhi ivele esiphelweni esiya. Wazenza iikerubhi esihlalweni sokucamagusha, zavela eziphelweni zaso zozibini. |
9. | Iikerubhi zolula amaphiko phezulu, zasisithelisa ngamaphiko azo isihlalo sokucamagusha; ubuso bazo bakhangelana, babheka esihlalweni sokucamagusha ubuso beekerubhi. |
10. | Wenza netafile ngomngampunzi; ubude bayo baba ziikubhite ezimbini, ububanzi bayo baba yikubhite, ukuphakama kwayo kwaba yikubhite enesiqingatha. |
11. | Wayaleka ngegolide ecocekileyo, wayithi jize ngesithsaba segolide. |
12. | Wayenzela ngeenxa zonke udini olungangobubanzi besandla, udini lwayo waluthi jize ngesithsaba segolide. |
13. | Wayityhidela amakhonkco egolide amane, wawafaka amakhonkco ezimbombeni zone ezisemilenzeni yayo yomine. |
14. | Aba kufuphi nokuhlangana kodini amakhonkco lawo, aba ziindawo zokufaka izibonda zokuyithwala itafile. |
15. | Wenza izibonda ezo ngomngampunzi, wazaleka ngegolide, ukuba ithwalwe ngazo itafile. |
16. | Wenza impahla ephezu kwetafile, izikotile zayo, nemicephe yayo, neenkamba zayo, neendebe zayo ekwakuthululwa ngazo, wazenza ngegolide ecocekileyo. |
17. | Wenza nesiphatho sezibane ngegolide ecocekileyo. Ukusenza wasikhanda isiphatho eso, nesikhondo saso, nesibili saso, neendebe zaso, namaqhina aso, neentyantyambo zaso, zivele kwakuso. |
18. | Amasebe amathandathu avela emacaleni aso: amasebe amathathu esiphatho avela kweli icala laso, amasebe amathathu esiphatho avela kweliya icala laso. |
19. | Zaba ntathu iindebe ezifana neentyantyambo zeamangile kweli isebe, zineqhina nentyantyambo; neendebe ezintathu ezifana neentyantyambo zeamangile zaba kweliya isebe, zineqhina nentyantyambo. Kwaba njalo kumasebe omathandathu avela esiphathweni eso. |
20. | Zaba ne iindebe esiphathweni ezifana neentyantyambo zeamangile, zinamaqhina aso neentyantyambo zaso. |
21. | Yaba liqhina phantsi kwamasebe amabini livela kuso, yaliqhina phantsi kwamasebe amabini livela kuso, yaliqhina phantsi kwamasebe amabini livela kuso, angawamasebe amathandathu avela kuso. |
22. | Amaqhina awo namalungu awo avela kuso sonke, saba ngumkhando wamnye wegolide ecocekileyo. |
23. | Wenza izibane zaso zasixhenxe, nezifinyiso zaso, neengcedevu zaso, ngegolide ecocekileyo. |
24. | Wasenza ngetalente yegolide ecocekileyo, neempahla zaso zonke. |
25. | Wenza nesibingelelo sokuqhumisela ngomngampunzi. Ubude baso baba yikubhite, ububanzi baso baba yikubhite, saba mbombo-ne; ukuphakama kwaso kwaziikubhite ezimbini; zaphuma kuso iimpondo zaso. |
26. | Wasaleka ngegolide ecocekileyo umphezulu waso, namacala aso ngeenxa zonke, neempondo zaso, wasithi jize ngesithsaba segolide. |
27. | Wasenzela amakhonkco amabini ngegolide, phantsi kwesithsaba saso ezimbombeni zaso ezimbini, emacaleni aso omabini, aziindawo zezibonda ukuba sithwalwe ngazo. |
28. | Wazenza izibonda ngomngampunzi, wazaleka ngegolide. |
29. | Wenza neoli engcwele yokuthambisa, nesiqhumiso esimnandi esingangxengelelweyo, umsebenzi womqholi ke lowo. |
← Exodus (37/40) → |