| ← Deuteronomy (2/34) → |
| 1. | Sanduluka, sabheka entlango ngendlela eya eLwandle oluBomvu, njengoko uYehova wathetha kum, sayijikeleza intaba yakwaSehire imihla emininzi. |
| 2. | Wathetha uYehova kum, wathi, |
| 3. | Kukade niyijikeleza le ntaba; bhekani ngasentla, |
| 4. | ubawisele abantu umthetho uthi, Niya kugqitha nje emdeni wabazalwana benu, oonyana bakaEsawu, abemi kwaSehire. Baya kunoyika, ize nizilumkele ke kunene. |
| 5. | Ize ningabambani nabo; kuba ezweni labo andiyi kuninika nendawo engangokunyathela kwentende yonyawo; ngokuba ndimnikile uEsawu intaba yakwaSehire ukuba ayime. |
| 6. | Ukudla nokuthenga kubo ngemali, nidle; namanzi nowemba kubo ngemali, nisele. |
| 7. | Kuba uYehova, uThixo wakho, ukusikelele emsebenzini wonke wesandla sakho. Uyakwazi ukuyihamba kwakho le ntlango inkulu; le minyaka imashumi mane uYehova uThixo wakho unawe, akuswelanga nto. |
| 8. | Segqitha ke kubazalwana bethu, oonyana bakaEsawu, abemiyo kwaSehire, saphambuka endleleni yeArabha, e-Elati nase-Etsiyon-gebhere. Sajika ke, sadlula ngendlela yentlango yakwaMowabhi. |
| 9. | Wathi uYehova kum, Uze ungawabandezeli amaMowabhi, uze ungabambani nawo ulwe nawo; kuba andiyi kukunika nto yelizwe lawo uyihluthe; kuba iAre ndiyinike oonyana bakaLote, ukuba bayime. |
| 10. | AmaEma ayemi kulo kudala, engabantu abakhulu, abaninzi, abade njengama-Anaki. |
| 11. | Bekusithiwa ngamaRafa nawo, njengama-Anaki; ke amaMowabhi athi ngamaEma. |
| 12. | NakwaSehire bekumi amaHori kudala; koko oonyana bakaEsawu bawagqogqa, bawatshabalalisa ebusweni babo, bahlala esikhundleni sawo, njengoko akwenzayo amaSirayeli ezweni lelifa lawo, abelinikwe nguYehova. |
| 13. | Ndathi ke, Ndulukani ngoku, niwele umlanjana weZerede; sawuwela ke umlanjana weZerede. |
| 14. | Imihla yokuhamba kwethu, sisuka eKadeshe-bharneha side siwele umlanjana weZerede, yaba yiminyaka emashumi mathathu anesibhozo; sada saphela sonke eso sizukulwana samadoda okulwa phakathi komkhosi, njengoko uYehova wawafungelayo. |
| 15. | Saye kananjalo isandla sikaYehova siphezu kwawo, ukuba adutywadutywe phakathi komkhosi ade agqitywe. |
| 16. | Kwathi, xenikweni onke amadoda okulwa ayegqityiwe, afa phakathi kwabantu, |
| 17. | wathetha uYehova kum, esithi, |
| 18. | Namhla uya kugqitha emdeni wakwaMowabhi oyiAre, |
| 19. | usondele malungana noonyana baka-Amon. Uze ungababandezeli, uze ungabambani nabo; kuba ezweni loonyana baka-Amon andiyi kukunika ndawo yakuma; ngokuba ndilinike oonyana bakaLote ukuba limiwe ngabo. |
| 20. | Bekusithiwa lilizwe lamaRafa nalo. Bekumi amaRafa khona kudala; ama-Amon athi ngamaZamzum; |
| 21. | engabantu abakhulu, abaninzi, abade njengama-Anaki. UYehova wabatshabalalisa ebusweni babo; babagqogqa, bema esikhundleni sabo; |
| 22. | njengoko wabenzelayo oonyana bakaEsawu abemiyo kwaSehire, wawatshabalalisa amaHori ebusweni babo, bawagqogqa, bema esikhundleni sawo unanamhla. |
| 23. | Nama-Avi ayemi emizaneni, ada esa eGaza; amaKafetori, awaphumayo kwelamaKafetori, awatshabalalisa, ema esikhundleni sawo. |
| 24. | Sukani ninduluke, niwele umlanjana oyiArnon. Yabona, ndimnikele esandleni sakho uSihon ukumkani waseHeshbhon, umAmori, nelizwe lakhe. Qala ukulihlutha, ubambane naye, ulwe naye. |
| 25. | Ngale mini ndiya kuqala ukubeka ukunkwantya ngawe nokoyikeka kwakho phezu kwabantu abaphantsi kwezulu lonke, abaya kuluva udaba lwakho bagungqe, bazibhijabhije ngenxa enawe. |
| 26. | Ndasusa abathunywa entlango yeKedemoti, baya kuSihon ukumkani waseHeshbhon, benamazwi oxolo okuthi, Ndiyeke ndicande ezweni lakho. |
| 27. | Ndohamba ngendlela le yodwa; andiyi kuthi gu bucala ndiye ekunene nasekhohlo. |
| 28. | Ukudla wondithengela ngemali ndidle, namanzi wondinika ngemali ndisele, ndihambe nje kodwa ngeenyawo; |
| 29. | njengoko benza ngako kum oonyana bakaEsawu abemiyo kwaSehire, namaMowabhi abemiyo eAre; ndide ndiwele iYordan, ndiye ezweni asinikayo uYehova uThixo wethu. |
| 30. | Akavuma uSihon ukumkani weHeshbhon, ukuba sicande kuye, ngokuba uYehova uThixo wakho wamqinisa isibindi, wayenza ingqoshomba intliziyo yakhe, ukuze amnikele esandleni sakho, njengokuba kunjalo namhla. |
| 31. | Wathi uYehova kum, Yabona, ndiqalile ukumnikela kuwe uSihon nelizwe lakhe; qala ukulihlutha, ulidle ilifa ilizwe lakhe. |
| 32. | Waphuma ke uSihon wasihlangabeza, yena nabantu bakhe bonke, eza kulwa eYatsa. |
| 33. | UYehova uThixo wethu wamnikela kuthi; sambulala, yena noonyana bakhe, nabantu bakhe bonke. |
| 34. | Sayithimba yonke imizi yakhe ngelo xesha, sawasingela phantsi amadoda emizi yonke, nabafazi, nabantwana; asasalisa namnye usindayo. |
| 35. | Ziinkomo zodwa esazithimbelayo, namaxhoba emizi esayithimbayo. |
| 36. | Sathabathela eArohere, eseludinini lomlanjana oyiArnon, emzini osesihlanjeni, sada sesa eGiliyadi, akwabakho mzi usinqabelayo; konke wakunikela kuthi uYehova uThixo wethu. |
| 37. | Lilizwe loonyana baka-Amon lodwa, eningasondelanga kulo: lonke icala lomlanjana oyiYabhoki, nemizi yasezintabeni, nento yonke awawisa umthetho ngayo uYehova uThixo wethu. |
| ← Deuteronomy (2/34) → |