← Daniel (9/12) → |
1. | Ngomnyaka wokuqala kaDariyo unyana ka-Ahaswerosi, wasembewini yamaMedi, owaba ngukumkani phezu kobukumkani bamaKaledi, |
2. | ngomnyaka wokuqala wobukumkani bakhe, mna, Daniyeli, ndaqonda ngazo iincwadi inani leminyaka, elafikayo ngayo ilizwi likaYehova kuYeremiya umprofeti, ukuba kuzaliswe iminyaka emashumi asixhenxe ngokusingisele kumanxuwa eYerusalem. |
3. | Ndabubhekisa ubuso bam kwiNkosi yam uThixo, ukuba ndifune imithandazo nezitarhuziso, ndizila ukudla, ndinezirhwexayo nothuthu. |
4. | Ndathandaza ke kuYehova uThixo wam, ndavuma ndathi, Awu! Nkosi, Thixo omkhulu owoyikekayo, obagcinela umnqophiso nenceba abo bamthandayo, bayigcinayo imithetho yakhe, |
5. | sonile, senze ngobugwenxa, senze okungendawo; sigwilikile, siphambukile emithethweni yakho, nasemasikweni akho. |
6. | Asibaphulaphulanga abakhonzi bakho, abaprofeti ababethetha egameni lakho kookumkani bethu, nakubathetheli bethu, nakoobawo, nakubo bonke abantu belizwe. |
7. | Nkosi, bukuwe ubulungisa; kuthi kukudana kobuso, njengoko kunjalo namhla, kumadoda akwaYuda, kubemi baseYerusalem, kumaSirayeli onke, akufuphi nakude, emazweni onke, apho wawagxothela khona ngenxa yobumenemene bawo, awamenezayo ngabo kuwe. |
8. | Nkosi, kuthi kukudana kobuso, kookumkani bethu, nakubathetheli bethu, nakoobawo; ngokuba sonile kuwe. |
9. | ENkosini uThixo wethu yimfesane, noxolelo, kuba sigwilikile kuye. |
10. | Asiliphulaphulanga ilizwi likaYehova uThixo wethu, ukuba sihambe ngemiyalelo yakhe, abeyibeke phambi kwethu ngabakhonzi bakhe, abaprofeti. |
11. | Onke amaSirayeli awugqithile umyalelo wakho; atyekile ukuba angaliphulaphuli izwi lakho. Siphalazekile ke phezu kwethu isiqalekiso nesifungo, esibhaliweyo emyalelweni kaMoses umkhonzi kaThixo; kuba sonile kuye. |
12. | Wawamisa ke amazwi akhe, abewathethile ngathi, nangabagwebi bethu ababesigweba, ngokusizisela ububi obukhulu, obungenziwanga phantsi kwezulu lonke, njengoko benziweyo kwiYerusalem. |
13. | Njengoko kubhaliweyo emyalelweni kaMoses, bonke ububi busizele. Ke asimbongozanga uYehova uThixo wethu, ukuba sibuye ebugwenxeni bethu, sibe ngabanokuqiqa ngenyaniso yakho. |
14. | Wabuphaphela ke uYehova ububi, wasizisela bona; kuba uYehova uThixo wethu elungisa ekwenzeni kwakhe konke akwenzayo; ke asiliphulaphulanga ilizwi lakhe. |
15. | Kaloku ke, Nkosi Thixo wethu, owabakhuphayo abantu bakho ezweni laseYiputa ngesandla esithe nkqi, wazenzela igama, njengoko kunjalo namhla, sonile, senze okungendawo. |
16. | Nkosi, ngokwemisebenzi yakho yonke yobulungisa, mawukhe ubuye umsindo wakho, nobushushu bakho, kumzi wakho iYerusalem, kwintaba yakho engcwele: kuba, ngezono zethu nangobugwenxa boobawo, iYerusalem nabantu bakho basisingcikivo kuba bonke abasijikelezileyo. |
17. | Kaloku ke, Thixo wethu, kuphulaphule ukuthandaza komkhonzi wakho, nokutarhuzisa kwakhe, ubukhanyise ubuso bakho phezu kwengcwele yakho elinxuwa, ngenxa yeNkosi. |
18. | Thoba indlebe yakho, uve. Vula amehlo akho, ubone ukuphanza kwethu, nomzi lowo ubizwa ngegama lakho. Ngokuba akungangenxa yemisebenzi yethu yobulungisa esiwisa ukutarhuzisa kwethu phambi kwakho; kungenxa yeemfesane zakho ezininzi. |
19. | Nkosi, yiva; Nkosi, xolela; Nkosi, baza iindlebe, wenze. Ngenxa yakho, Thixo wam, musa ukulibala; kuba umzi wakho nabantu bakho babizwa ngegama lakho. |
20. | Ndathi ndisathetha, ndithandaza, ndivuma isono sam, nesono sabantu bakowethu amaSirayeli, ndiwisa ukutarhuzisa kwam phambi koYehova uThixo wam, ngenxa yentaba engcwele yoThixo wam: |
21. | ndisathetha ke ngokuthandaza, indoda enguGabriyeli, leyo ndayibonayo embonweni ekuqaleni, ndityhafile nokutyhafa, yasondela kum ngexesha lomnikelo wangokuhlwa. |
22. | Yandiqondisa, yathetha nam, yathi, Daniyeli, ngoku ndiphumile ukuba ndikufundise, uqonde. |
23. | Kwaphuma ilizwi ekuqaleni kokutarhuzisa kwakho; mna ndize kulixela kuwe, ngokuba ungonqwenelekayo. Liqonde ke ilizwi, uqonde umbono. |
24. | Bamiselwe iiveki ezimashumi asixhenxe abantu bakowenu, nomzi wakowenu ongcwele, ukuba sithintelwe isikreqo, zitywinwe izono, bucanyagushelwe ubugwenxa, kuziswe ubulungisa obungunaphakade, utywinwe umbono nomprofeti, ithanjiswe ingcwele kangcwele. |
25. | Yazi ke uqiqe ukuba, kuthabathela ekuphumeni kweli zwi lokuba ibuyiswe yakhiwe iYerusalem, kuse kumthanjiswa oyinganga, ziiveki ezisixhenxe; ziiveki ezimashumi mathandathu anambini, eya kubuyiswa yakhiwe ibe banzi, icandwe, ekucuthekeni ke kwamaxesha. |
26. | Emveni ke kweeveki ezimashumi mathandathu anambini, uya kunqunyulwa umthanjiswa, angabi saba nanto. Umzi nengcwele uya kutshatyalaliswa ngabantu benganga eya kuza; ukuphela kwayo kuya kuba ngomkhukula. Kude ke kuse ekupheleni, kuya kuba yimfazwe, luphanziso olumiswe lwagqitywa. |
27. | Abaninzi yobaqinisela umnqophiso iveki enye; ngesiqingatha seveki iphelise imibingelelo neminikelo yokudla; ize ngamaphiko ezinto ezinezothe ingumphanzisi; side ke siphalazeke isiphelo, sisesimisiweyo sagqitywa, phezu kwayo impanziso. |
← Daniel (9/12) → |