← Daniel (7/12) → |
1. | Ngomnyaka wokuqala kaBheleshatsare ukumkani waseBhabheli, uDaniyeli wabona iphupha nemibono yentloko yakhe esililini sakhe. Waza walibhala iphupha, waxela isimbuku sezo zinto. |
2. | Wasusela uDaniyeli wathi, Ndabona embonweni wam ebusuku, nantso imimoya yomine yasezulwini, ityhobozela kulwandle olukhulu. |
3. | Kwenyuka elwandle amarhamncwa amakhulu kakhulu, engafani elinye nelinye. |
4. | Elokuqala libe linjengengonyama, linamaphiko okhozi; ndalibona, ada amaphiko alo axhwithwa, lafunqulwa emhlabeni, lamiswa ngeenyawo njengomntu, lanikwa intliziyo yomntu. |
5. | Nalo elinye irhamncwa, elesibini, linjengebhere; laziphakamisa ngacala-nye, lineembambo ezintathu emlonyeni walo phakathi kwamazinyo alo; kwathiwa kulo, Suka udle inyama eninzi. |
6. | Emveni koko ndabona: nalo elinye, linjengengwe, linamaphiko entaka amane emhlana walo, lineentloko ezine; irhamncwa elo lanikwa igunya. |
7. | Emveni koko ndabona emibonweni yasebusuku: nalo irhamncwa lesine, eloyikekayo, elomeleleyo, elincamisileyo ngamandla, elimazinyo makhulu esinyithi, lisidla, liyicola, liyinyathela ngeenyawo zalo into eseleyo; laye lingafani nawo onke amarhamncwa abengaphambili kwalo; lineempondo ezilishumi. |
8. | Ndaziqiqa iimpondo, ndabona kunyuka phakathi kwazo olunye uphondo, luluncinane, ekwancothulwa phambi kwalo ezintathu kwezokuqala iimpondo. Nanko ke, kukho kolu phondo amehlo anjengamehlo omntu, nomlomo uthetha izinto ezinkulu kakhulu. |
9. | Ndabona, zada zamiswa iitrone, wahlala uNyangelemihla; isambatho sakhe simhlophe njengekhephu, neenwele zentloko yakhe zinjengoboya bezimvu obunyulu, itrone yakhe ingamalangatye, iivili zayo ngumlilo olenyayo. |
10. | Kwaphuma umlambo womlilo phambi kwakhe, amawaka amawaka ayelungiselela kuye, nezigidi zezigidi bezimisa phambi kwakhe; abagwebi bahlala phantsi, iincwadi zavulwa. |
11. | Ndabona; ndaza ngenxa yesandi samazwi amakhulu kakhulu olwawathethayo uphondo, ndabona, lada labulawa irhamncwa, wabhujiswa umzimba walo, wanikelwa emlilweni uvutha. |
12. | Amanye ke amarhamncwa ahluthwa igunya lawo; noko ke bolulelwa ubomi okwethutyana nexeshana. |
13. | Ndabona emibonweni yasebusuku: nanko kusiza, ngamafu ezulu, onjengonyana womntu, wafika kuNyangelemihla, wasondezwa phambi kwakhe. |
14. | Wanikwa igunya, nobuhandiba, nobukumkani, ukuze zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, zimbuse; igunya lakhe ligunya elingunaphakade, elingapheliyo; ubukumkani bakhe bobungayi konakaliswa. |
15. | Umoya wam, mna Daniyeli, wazibhijabhija phakathi komzimba, nemibono yentloko yam yandikhwankqisa. |
16. | Ndasondela komnye wababemi khona, ukuba ndicele kuye inyaniso ngezo zinto zonke; wathetha kum, ukuze andazise ukutyhilwa kwezinto. |
17. | La marhamncwa makhulu kakhulu mane ngookumkani abane, abaya kusuka beme ehlabathini. |
18. | Ke ubukumkani baya kubuthabatha abangcwele bOsenyangweni, babume ubukumkani, kude kuse ephakadeni, kude kuse ephakadeni lamaphakade. |
19. | Ndaza ndanga ndingayazi inyaniso ngeli rhamncwa lesine, elingafaniyo namanye onke, elincamisileyo ngokoyikeka, elimazinyo asisinyithi, elimathupha alubhedu, eladla, lacola, layinyathela ngeenyawo into eseleyo; |
20. | nangeempondo ezilishumi ezibe zisentlokweni yalo, nangolunye olwavelayo, ezawa phambi kwalo ezintathu; olo phondo lube lunamehlo, nomlomo obe uthetha izinto ezinkulu kakhulu; ukubonakala kwalo bekukukhulu ngaphezu kwamadlelane alo. |
21. | Ndabona ukulwa kolu phondo nabangcwele, lwabeyisa; |
22. | wada weza uNyangelemihla, wabagwebela abangcwele bOsenyangweni, lafika ixesha lokuba abangcwele babume ubukumkani. |
23. | Watsho ukuthi, Irhamncwa lesine ke: kuya kubakho ubukumkani besine ehlabathini, obungafaniyo bona nezikumkani zonke, bulidle ihlabathi lonke, bulinyathele, bulicole. |
24. | Iimpondo ezilishumi ke: kuya kusuka kume kobo bukumkani ookumkani abalishumi, kusuke omnye emva kwabo; lowo akayi kufana nabaphambili; uya kuthoba ookumkani abathathu, |
25. | athethe amazwi okuchasana nOsenyangweni, abonakalise abangcwele bOsenyangweni, acamange ngokuwenza wambi amathuba nomthetho, banikelwe esandleni sakhe ixesha namaxesha nesiqingatha sexesha. |
26. | Ke abagwebi baya kuhlala phantsi, balisuse igunya lakhe, ukuze litshabalale lidake, kude kuse ekupheleni. |
27. | Ubukumkani, negunya, nobukhulu bezikumkani phantsi kwamazulu onke, buya kunikwa abantu abangcwele bOsenyangweni; ubukumkani bakhe bubukumkani obungunaphakade, namagunya onke aya kumbusa, amve. |
28. | Yaza kuphela apha le nto. Mna Daniyeli, izicamango zam zandikhwankqisa kakhulu, Ibala lobuso bam laguquka ndayigcina le nto entliziyweni yam. |
← Daniel (7/12) → |