| ← Acts (8/28) → |
| 1. | Waye ke uSawule ekuthakazela ukusikwa kwakhe. Ke kaloku kwehla ngaloo mhla intshutshiso enkulu phezu kwalo ibandla eliseYerusalem; kanjalo bonke baba ziintsali emazweni akwaYuda naseSamariya, kwasala abapostile bodwa. |
| 2. | Amthwala ke uStefano amadoda amoyikayo uThixo, aya kumngcwaba, amenzela isililo esikhulu. |
| 3. | Waye ke uSawule elidlavula ibandla, engena kwizindlu ngezindlu, erhola amadoda kwanabafazi, ebafaka entolongweni. |
| 4. | Bona ke ngoko ababeziintsali batyhutyha ilizwe, beshumayela iindaba ezilungileyo zelizwi. |
| 5. | Wehla ke uFilipu, waya emzini welaseSamariya, wamvakalisa uKristu kubo. |
| 6. | Zaye kanjalo izihlwele zizinyamekela ngamxhelo mnye izinto ezibe zithethwa nguFilipu, ekuyiveni nasekuyiboneni kwazo imiqondiso abeyenza. |
| 7. | Kuba oomoya abangcolileyo babephuma kwinto eninzi ebinabo, bebhomboloza ngezwi elikhulu; yathi ke into eninzi enedumbe neziziqhwala yaphiliswa. |
| 8. | Kwabakho uvuyo olukhulu kuloo mzi. |
| 9. | Ke kaloku bekukho ndoda ithile, igama linguSimon, kwangaphambili kuloo mzi, ebinyanga, ibethe luthi nqa uhlanga lwaseSamariya, isithi yona ngokwayo inguthile omkhulu; |
| 10. | ababeyiphulaphula bonke, bethabathela komncinane base komkhulu, besithi, Lo ungamandla kaThixo amakhulu. |
| 11. | Baye ke bemphulaphula, ngenxa yokuba ixesha elide wabetha bee nqa ngobunyangi bakhe. |
| 12. | Xenikweni ke bakholwayo nguFilipu, eshumayela iindaba ezilungileyo zezinto zobukumkani bukaThixo, nezegama likaYesu Kristu, babhaptizwa amadoda kwanabafazi. |
| 13. | Wakholwa ke kwanaye uSimon; wathi akubhaptizwa, wazingisa ukuhlala noFilipu, ebona imiqondiso kwanemisebenzi emikhulu yamandla isenzeka, wathi nqa. |
| 14. | Ke kaloku, bakuva abapostile aba beseYerusalem, ukuba abaseSamariya balamkele ilizwi likaThixo, bathuma uPetros noYohane kubo; |
| 15. | abathi bona bakuhla, babathandazela, ukuba bamkele uMoya oyiNgcwele; |
| 16. | kuba ebengekaweli namnye kubo; babebhaptizelwe nje kodwa egameni leNkosi uYesu. |
| 17. | Bandula ukubeka izandla phezu kwabo, bamamkela ke uMoya oyiNgcwele. |
| 18. | Ke kaloku uSimon, akubona ukuba ngokubekwa kwezandla zabapostile uyanikwa uMoya oyiNgcwele, wezisa kubo imali, |
| 19. | esithi, Ndinikeni nam eli gunya, ukuze lowo, ndithe ndazibeka izandla phezu kwakhe, amkele uMoya oyiNgcwele. |
| 20. | Uthe ke uPetros kuye, Isilivere yakho mayiye kutshabalala nawe; ngokuba ububa isipho sikaThixo singazuzwa ngemali. |
| 21. | Akunasahlulo nasabelo kule nto; kuba intliziyo yakho ayithe tye emehlweni kaThixo. |
| 22. | Guquka ngoko kobo bubi bakho, ukhunge kuThixo, ukuba ingathi mhlawumbi ixolelwe ingcingane yentliziyo yakho. |
| 23. | Kuba ndiyabona ukuba usenyongweni yobukrakra, nasentanjeni yentswela-bulungisa. |
| 24. | Waphendula ke uSimon wathi, Ndikhungeleni nina eNkosini, ukuze ndingahlelwa nanye yezo zinto nizithethileyo. |
| 25. | Bona ke ngoko, bakuba beqononondisile, belithetha ilizwi leNkosi, babuya beza eYerusalem; kanjalo imizi emininzi yelaseSamariya bayishumayeza iindaba ezilungileyo. |
| 26. | Ke kaloku kwathetha isithunywa seNkosi kuFilipu, sisithi, Suka usinge ezantsi, ngendlela ehla ivela eYerusalem, eya eGaza, yona iyintlango. |
| 27. | Usukile ke waya. Kwavela indoda engumTiyopiya, ithenwa, isikhulu sikaKandase, ukumkanikazi wamaTiyopiya, ebiphethe bonke ubutyebi bakhe, eyayize kunqula uThixo eYerusalem. |
| 28. | Yayibuya, ihleli enqwelweni yayo, ilesa incwadi yomprofeti uIsaya. |
| 29. | Uthe ke uMoya kuFilipu, Yiya ukhwele kule nqwelo. |
| 30. | Wabaleka ke uFilipu, waya kuyo, wayiva ilesa incwadi yomprofeti uIsaya; wathi, Uyaziqonda na kodwa izinto ozilesayo? |
| 31. | Ithe ke yona, Ndingaba nako ngani na, kungekho undikhokelayo nje? Kanjalo yambongoza uFilipu ukuba akhwele ahlale nayo. |
| 32. | Ke kaloku indawo yesibhalo eyayilesa yona ibiyile ithi, Njengemvu esiwa ekuxhelweni, Njengemvana esisimumu phambi komchebi wayo, Wenjenjalo yena ukungawuvuli umlomo wakhe. |
| 33. | Ekuthobekeni kwakhe umgwebo wakhe wasuswa; Ngubani na ke owosicacisa ukusixela isizukulwana sakhe? Ngokuba buyasuswa ubomi bakhe emhlabeni. |
| 34. | Laphendula ke ithenwa lathi kuFilipu, Ndiyakukhunga, umprofeti lo uyithetha ngabani na le nto; uzithetha yena na, uthetha mntu wumbi, kusini na? |
| 35. | Wawuvula ke uFilipu umlomo wakhe, waqalela kweso sibhalo, walishumayeza iindaba ezilungileyo zikaYesu. |
| 36. | Ke kaloku, xa bahambayo ngendlela, bafika manzini athile; lathi ithenwa, Nanga amanzi; kwala ntoni na ukuba ndingabhaptizwa? |
| 37. | Uthe ke uFilipu, Ukuba uyakholwa ngentliziyo yakho iphela, kuvumelekile. Laphendula ke lathi, Ndiyakholwa ukuba uYesu Kristu unguNyana kaThixo. |
| 38. | Lathi mayime inqwelo; behla bobabini, baya emanzini, uFilipu kwanethenwa; walibhaptiza. |
| 39. | Xeshikweni ke babenyukile, baphuma emanzini, uMoya weNkosi wamthi xwi uFilipu; alaba sambona ithenwa, kuba lalihamba ngeyalo indlela livuya. |
| 40. | UFilipu ke wafunyanwa eAzoto; watyhutyha ilizwe, eyishumayeza imizi yonke iindaba ezilungileyo, wada weza eKesareya. |
| ← Acts (8/28) → |