← 2Samuel (12/24) → |
1. | UYehova wathumela uNatan kuDavide. Waya kuye, wathi kuye, Kwakukho amadoda amabini mzini mnye: enye isisityebi, enye ilihlwempu. |
2. | Esisityebi yayinempahla emfutshane neenkomo ezininzi kunene. |
3. | Elihlwempu yayingenanto, kuphela yayinemva nazana encinane inye, ebiyizuzile, yayigcina; yakhulela kuyo nabantwana bayo ndaweni-nye, yadla eqhekezeni layo, yasela endebeni yayo, yalala esifubeni sayo, yanjengentombi yayo. |
4. | Kwafika umhambi endodeni esisityebi eso, sanqena ukuthabatha empahleni yaso emfutshane nasezinkomeni zaso, ukulungiselela umhambi lowo ufikileyo kuso; sesuka sathabatha imvanazana yendoda elihlwempu, salungiselela umntu ofike kuso. |
5. | Wavutha kunene umsindo kaDavide kwindoda leyo, wathi kuNatan, Ehleli nje uYehova, ngumfo wokufa loo ndoda yenze le nto. |
6. | Iya kuyimisela ngesine imvanazana leyo, ngenxa enokuba yenze loo nto, nangenxa yokuba ingabanga nalufefe. |
7. | Waza wathi uNatan kuDavide, Loo ndoda nguwe. Utsho uYehova uThixo kaSirayeli ukuthi, Mna ndakuthambisa ukuba ube ngukumkani kumaSirayeli, mna ndakuhlangula esandleni sikaSawule, |
8. | ndakunika indlu yenkosi yakho, nabafazi benkosi yakho esifubeni sakho, ndakunika indlu yakwaSirayeli neyakwaYuda; ke, ukuba bekukuncinane oko, ngendikongezile ndenjenje, ndenjenje. |
9. | Yini na ukuba ulidele ilizwi likaYehova, wenze ububi emehlweni akhe, umbulale u-Uriya umHeti ngekrele, nomkakhe umzeke abe ngumkakho, umbulale ngekrele loonyana baka-Amon? |
10. | Ke ngoko, ikrele aliyi kumka endlwini yakho naphakade; ngenxa enokuba undidelile, wamzeka umkaUriya umHeti, wangumkakho. |
11. | Utsho uYehova ukuthi, Ndikuvelisela ububi obuya kuphuma endlwini yakho: ndibathabathe abafazi bakho emehlweni akho, ndibanike ummelwane wakho, alale nabafazi bakho phambi kwelanga eli. |
12. | Ekubeni wena ukwenze oku ngasese, ke mna ndiya kuyenza le nto phambi kwamaSirayeli onke, naphambi kwelanga eli. |
13. | Wathi uDavide kuNatan, Ndonile kuYehova. Wathi uNatan kuDavide, Naye uYehova usikhwelelisile isono sakho, akuyi kufa. |
14. | Kodwa ke, ngenxa yokuba uzinike ithuba lokunyelisa iintshaba zikaYehova ngale nto, ke unyana omzalelweyo ngulo mfazi uya kufa ngenene. |
15. | Waya uNatan endlwini yakhe. UYehova wamhlisela isifo umntwana abemzalelwe uDavide ngumkaUriya; wagula kakhulu. |
16. | UDavide wambongoza uThixo ngenxa yenkwenkwe leyo; uDavide wazila ukudla, waqungquluza emhlabeni bonke ubusuku. |
17. | Asuka ema amadoda amakhulu endlu yakhe, emvusa emhlabeni; akavuma, akadla sonka nawo. |
18. | Kwathi ngomhla wesixhenxe, wafa umntwana. Boyika abakhonzi bakaDavide ukumxelela ukuba umntwana ufile; ngokuba babesithi, Yabonani, oko umntwana ebesahleli, sathetha naye, akaliphulaphula ilizwi lethu; sothini na ukuthi kuye, Ufile umntwana, aze enze into embi? |
19. | Wabona uDavide ukuba abakhonzi bakhe bayasebezelana, waqonda uDavide ukuba ufile umntwana; wathi uDavide kubakhonzi bakhe, Ufile na umntwana? Bathi, Ufile. |
20. | Wesuka uDavide emhlabeni, wazihlamba, wazithambisa, wanxiba ngubo zimbi, waya endlwini kaYehova, waqubuda; weza endlwini yakhe, wabiza ukudla; babeka phambi kwakhe, wadla. |
21. | Bathi abakhonzi bakhe kuye, Yintoni na le nto uyenzileyo? Oko ebesahleli umntwana, wazila ukudla, walila; akuba efile umntwana, uvukile wadla ukudla. |
22. | Wathi yena, Xa ebesahleli umntwana, ndazila ukudla, ndalila; ngokuba bendisithi, Ngubani na owaziyo? Mhlawumbi uYehova angandibabala, aphile umntwana. |
23. | Efile nje kaloku, yini na ukuba ndibe ndisazila ukudla? Ndisenako yini na ukumbuyisa? Ndiya kuya kuye mna, yena akayi kubuyela kum. |
24. | UDavide wamthuthuzela uBhatshebha umkakhe; wangena kuye, walala naye; wazala unyana, wathi igama lakhe nguSolomon. |
25. | Ke uYehova wamthanda; wathumela ngesandla sikaNatan umprofeti, wathi, Igama lakhe nguYedidiya, ngenxa kaYehova. |
26. | Ke kaloku uYowabhi walwa neRabha yoonyana baka-Amon, wawuthimba umzi wakomkhulu lowo. |
27. | UYowabhi wathuma abathunywa kuDavide, esithi, Ndilwile neRabha, kananjalo ndiwuthimbile umzi wamanzi. |
28. | Hlanganisa ngoko abantu abaseleyo, uwurhawule umzi, uwuthimbe; hleze mna ndiwuthimbe lo mzi, ubizwe ngam. |
29. | Wabahlanganisa uDavide bonke abantu, waya eRabha, walwa nayo, wayithimba. |
30. | Wasithabatha isithsaba sokumkani wabo entlokweni yakhe; ubunzima baso bebuyitalente yegolide, sinamatye anqabileyo; saba sentlokweni kaDavide. Waphuma namaxhoba aloo mzi, aba maninzi kunene. |
31. | Ke abantu ababekhona wabarhola, wabathumela ezisarheni, nasezisizilweni zesinyithi, nasezierheni zesinyithi, wabasebenzisa emazikweni ezitena. Wenjenjalo kwimizi yonke yoonyana baka-Amon. Wabuyela eYerusalem uDavide nabantu bonke. |
← 2Samuel (12/24) → |