2Samuel (1/24) → |
1. | Kwathi emva kokufa kukaSawule, uDavide ebuyile ekuwabulaleni ama-Amaleki, wahlala uDavide eTsikelage imihla emibini. |
2. | Kwathi ke ngomhla wesithathu, kwabonakala kuvela indoda emkhosini, kuSawule, zikrazukile iingubo zayo, inomhlaba entloko; kwathi ekuzeni kwayo kuDavide, yawa emhlabeni, yaqubuda. |
3. | Wathi uDavide kuyo, Uvela phi na? Yathi kuye, Ndisabe emkhosini wamaSirayeli. |
4. | Wathi uDavide kuyo, Kuthekeni na? Khawundixelele. Yathi, Hayi, babalekile abantu ekulweni; kananjalo kuwe into eninzi yabantu, yafa; kananjalo uSawule, noYonatan unyana wakhe, babulewe. |
5. | Wathi uDavide kwindodana ebimxelela, Wazi ngani na, ukuba uSawule ufile, noYonatan unyana wakhe? |
6. | Yathi indodana ebimxelela, Kuthe ukuthi gaxa kwam, ndafika ezintabeni zaseGilibhowa; nanku uSawule ayame ngentshuntshe yakhe; nabo abeenqwelo zokulwa nabamahashe bethene mbende naye. |
7. | Uthe akubheka, wandibona, wandibiza; ndathi, Sendikho. |
8. | Wathi kum, Ungubani na? Ndathi kuye, NdingumAmaleki. |
9. | Wathi kum, Khawume phezu kwam, undibulale, ngokuba ndiphelelwe; kuba andikafi kanye. |
10. | Ndema phezu kwakhe, ndambulala; ngokuba bendisazi ukuba akayi kuba saphila emva kokuwa kwakhe. Ndathabatha isithsaba esibe sisentlokweni yakhe, nesacholo esibe sisengalweni yakhe; ndizise zona apha kwinkosi yam. |
11. | Wazibamba uDavide iingubo zakhe, wazikrazula, kwanamadoda akhe onke abenawo; |
12. | bammbambazelela, balila, bakuzila ukudla kwada kwahlwa, ngenxa kaSawule, nangenxa kaYonatan unyana wakhe, nangenxa yabantu bakaYehova, nangenxa yendlu kaSirayeli; ngokuba bewile likrele. |
13. | Wathi uDavide kwindodana ebimxelela, Ungowaphi na? Yathi, Ndingunyana wendoda engumhambi, umAmaleki. |
14. | Wathi uDavide kuyo, Utheni ukuba ungoyiki ukusa isandla sakho, umbulale umthanjiswa kaYehova? |
15. | UDavide wabiza enye yakumadodana, wathi, Sondela, uyibulale. Yayixabela ke, yafa. |
16. | Wathi ke uDavide kuyo, Igazi lakho malibe sentlokweni yakho; ngokuba umlomo wakho ulingqina ngawe, usithi, Mna ndimbulele umthanjiswa kaYehova. |
17. | Ke kaloku uDavide wasenza esi simbonono ngoSawule nangoYonatan unyana wakhe, |
18. | wathi mabayifundiswe oonyana bakaYuda ingoma leyo yesaphetha; nantso ibhaliwe encwadini yOthe Tye. |
19. | Imbalarha, Sirayeli, ibulewe emimangweni yakho! Hayi, ukuwa kwamagorha! Musani ukuxela eGati; |
20. | Musani ukwenza zindaba ezitratweni zeAshkelon, Hleze zivuye iintombi zamaFilisti, Hleze zivuyelele iintombi zabangalukileyo. |
21. | Nina zintaba zaseGilibhowa, Makungaze kubekho mbethe, makungaze kubekho mvula kuni, namasimi emirhumo; Ngokuba khona kwangcola iingweletshetshe zamagorha, Ingweletshetshe kaSawule, wanga waye engathanjiswanga ngeoli. |
22. | Egazini labahlatyiweyo, emanqatheni amagorha, Isaphetha sikaYonatan besingabuyi umva, Ikrele likaSawule belingabuyi lilambatha. |
23. | USawule noYonatan babeziinzwana, bethandeka ekudleni kwabo ubomi, Nasekufeni kwabo abahlukananga. Babenamendu ngaphezu kwamaxhalanga, Babenamandla ngaphezu kweengonyama. |
24. | Zintombi zakwaSirayeli, mlileleni uSawule, Obenambesa iingubo ezibomvu, eniyolisa; Obeninxiba izihombo zegolide ezambathweni zenu. |
25. | Hayi, ukuwa kwamagorha phakathi kwemfazwe! UYonatan ubulawelwe emimangweni yakho |
26. | Ndibandezelekile ngenxa yakho, mzalwana wam Yonatan; Ubumnandi kakhulu kum; Kubalukekile ukundithanda kwakho Ngaphezu kokuthanda komntu oyinkazana. |
27. | Hayi, ukuwa kwamagorha! Adakile amadoda okulwa! |
2Samuel (1/24) → |