← 2Kings (18/25) → |
1. | Kwathi ngomnyaka wesithathu kaHoseya unyana kaEla, ukumkani wakwaSirayeli, waba ngukumkani uHezekiya, unyana ka-Ahazi ukumkani wakwaYuda. |
2. | Ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mabini anesithoba engukumkani eYerusalem. Igama lonina libe linguAbhi, intombi kaZekariya. |
3. | Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uDavide uyise. |
4. | Wazisusa iziganga, waziqhekeza izimiso zamatye, wamgawula uAshera, wayiqoba inyoka yobhedu awayenzayo uMoses; ngokuba kwada kwayiloo mini oonyana bakaSirayeli beqhumisela kuyo, kwathiwa loo nto lubhedu nje kodwa. |
5. | Wakholosa ngoYehova uThixo kaSirayeli; emveni kwakhe akubangakho unjengaye phakathi kookumkani bonke bakwaYuda, naphakathi kwabo babekho ngaphambi kwakhe. |
6. | Wanamathela kuYehova; akatyeka ekumlandeleni; wayigcina imithetho abethe uYehova wayiwisela uMoses. |
7. | UYehova waba naye; wenza ngengqiqo ezintweni zonke aziphumeleyo. Wagwilika kukumkani waseAsiriya, akamkhonza. |
8. | Yena wawaxabela amaFilisti, wada wesa eGaza nasemdeni wayo, wathabathela enqabeni yababoniseli, wesa emzini onqatyisiweyo. |
9. | Kwathi ngomnyaka wesine wokumkani uHezekiya (lowo ngumnyaka wesixhenxe kaHoseya unyana kaEla, ukumkani wakwaSirayeli), wenyuka uShalemanesere, ukumkani waseAsiriya, wawufikela umzi wakwaSamari, wawungqinga. |
10. | Bawuthimba ekupheleni kweminyaka emithathu, ngomnyaka wesithandathu kaHezekiya (lowo ngumnyaka wesithoba kaHoseya, ukumkani wakwaSirayeli); wathinjwa ke umzi wakwaSamari. |
11. | Ukumkani waseAsiriya wawafudusela amaSirayeli eAsiriya, wawa beka eHala, naseHabhore emlanjeni oyiGozan, nasemizini yamaMedi, |
12. | ngenxa enokuba engaliphulaphulanga ilizwi likaYehova uThixo wawo; esuka awugqitha umnqophiso wakhe, nako konke awawisa umthetho ngako uMoses umkhonzi kaYehova; akeva, akenza. |
13. | Ke kaloku ngomnyaka weshumi elinesine wokumkani uHezekiya, wenyuka uSaneribhe, ukumkani waseAsiriya, waya kuyo yonke imizi enqatyisiweyo yakwaYuda, wayithabatha. |
14. | UHezekiya ukumkani wakwaYuda wathumela kukumkani waseAsiriya eLakishe, esithi, Ndonile, buya umke kum; othe wakubeka phezu kwam ndokuthwala. Waza ukumkani waseAsiriya wabeka phezu koHezekiya ukumkani wakwaYuda amakhulu omathathu eetalente zesilivere, namashumi omathathu eetalente zegolide. |
15. | UHezekiya wamnika yonke isilivere eyafunyanwa endlwini kaYehova, nasebuncwaneni bendlu yokumkani. |
16. | Ngelo xesha uHezekiya wayinqamla igolide yeengcango zetempile kaYehova, nemigubasi abeyalekile uHezekiya ukumkani wakwaYuda, wayinika ukumkani waseAsiriya. |
17. | Ukumkani waseAsiriya wasusa uTartan noRabhesarisi noRabheshake eLakishe, baya kukumkani uHezekiya eYerusalem, benempi enzima. Benyuka baya eYerusalem. Benyuka ke, bafika, bema emjelweni wechibi langasentla, osemendweni wentsimi yomsuki weengubo. |
18. | Bamemeza kukumkani. Kwaphuma kwaya kubo uEliyakim unyana kaHilekiya, umphathi wendlu, noShebhena umbhali, noYowa unyana ka-Asafu, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu. |
19. | Wathi kubo uRabheshake, Khanithi kuHezekiya, Utsho ukumkani omkhulu, ukumkani waseAsiriya, ukuthi, Yeyani na le nkoloseko ukholose ngayo? |
20. | Uthi (uthetha into yomlomo wodwa), uneqhinga nobugorha bokulwa. Ukholose ngabani na, ugwilike kum nje? |
21. | Uyabona, ukholose ngaloo msimelelo wengcongolo evikivekileyo, iYiputa, ethi, othe wayama ngayo, imngene esandleni, imhlabe. Unjalo uFaro, ukumkani waseYiputa, kubo bonke abakholose ngaye. |
22. | Ke ukuba nithi kum, Sikholose ngoYehova uThixo wethu; ndithi, Asinguye na lo uziganga nezibingelelo azisusileyo uHezekiya, watsho kumaYuda nakwiYerusalem ukuthi, Ize niqubude phambi kwesi sibingelelo eYerusalem apha? |
23. | Khawubekelane kaloku nenkosi yam ukumkani waseAsiriya: ndokunika amawaka amabini amahashe, ukuba unako ukundinika abakhweli bokukhwela kuwo. |
24. | Wothini na ukubujika ubuso benkosana enye, yakubo abancinane babakhonzi benkosi yam, ukholose nje ngeYiputa ngeenqwelo zokulwa, nangabamahashe? |
25. | Ngokunje ndinyuke ndeza kuyonakalisa le ndawo, ndingenaye uYehova yini na? NguYehova lo uthe kum, Nyuka, uye kulonakalisa eli lizwe. |
26. | Wathi uEliyakim, unyana kaHilekiya, noShebhena, noYowa, kuRabheshake, Khawuthethe kubakhonzi bakho ngesiAram, kuba sisiva. Musa ukuthetha nathi ngesiYuda ezindlebeni zabantu abaseludongeni. |
27. | Wathi uRabheshake kubo, Inkosi yam indithume ukuba ndiwathethe la mazwi enkosini yakho na, nakuwe na? Asikula madoda ahleliyo eludongeni yini na, ukuze adle ilindle lawo, asele umchamo wawo nani? |
28. | Wema uRabheshake, wadanduluka ngelizwi elikhulu ngesiYuda, wathetha, wathi, Yivani ilizwi lokumkani omkhulu, lokumkani waseAsiriya: |
29. | uthi ukumkani, Makanganilukuhli uHezekiya; ngokuba akayi kuba nako nkunihlangula esandleni sam. |
30. | Makanganikholosisi ngoYehova uHezekiya, esithi, Inene, uya kusihlangula uYehova; lo mzi awusayi kunikelwa esandleni sokumkani waseAsiriya. |
31. | Musani ukumphulaphula uHezekiya; ngokuba utsho ukumkani waseAsiriya, ukuthi, Xolisanani nam, niphume nize kum, nidle elowo umdiliya wakhe, elowo umkhiwane wakhe, nisele elowo amanzi equla lakhe; |
32. | ndide ndize ndinise ezweni elinjengelizwe lenu, ilizwe lengqolowa newayini entsha, ilizwe lesonka nezidiliya, ilizwe lomnquma oneoli, elinobusi, nidle ubomi, ningafi. Musani ukumphulaphula uHezekiya; ngokuba uyaninyanga xa athi, UYehova uya kunihlangula. |
33. | Oothixo beentlanga balihlangula na elowo ilizwi lakhe esandleni sokumkani waseAsiriya! |
34. | Baphi na oothixo baseHamati neArpadi? Baphi na oothixo baseSefarvayim, neHena, neIva, ukuba bangabi balihlangula elakwaSamari esandleni sam? |
35. | Nguwuphi na koothixo bonke bala mazwe, olihlanguleyo ilizwe lakhe esandleni sam, ukuba ade uYehova ayihlangule iYerusalem esandleni sam? |
36. | Bathi tu abantu, abamphendula nalizwi; ngokuba umthetho wokumkani wona ubusithi, Ize ningamphenduli. |
37. | Beza ke ooEliyakim unyana kaHilekiya, umphathi wendlu, noShebhena umbhali, noYowa unyana ka-Asafu, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, kuHezekiya, bezikrazule iingubo zabo, bamxelela amazwi kaRabheshake. |
← 2Kings (18/25) → |