| ← 1Thessalonians (5/5) |
| 1. | Ke kaloku ngawo amaxesha namathuba, bazalwana, akufuneki nganto ukuba ndinibhalele; |
| 2. | kuba nani ngokwenu niyazi ngokucacileyo, ukuba imini yeNkosi, njengesela ebusuku, yenjenjalo ukuza kwayo. |
| 3. | Kuba xenikweni baya kuthi, Luxolo nokunqaba, oko baya kufikelwa yintshabalaliso ngebhaqo, kwanjengenimba komithiyo; baye bengayi kukha basinde. |
| 4. | Ke nina, bazalwana, anisebumnyameni, ukuba imini leyo iniqubule njengesela. |
| 5. | Nonke nina ningabokukhanya, abemini; asingabobusuku, asingabobumnyama. |
| 6. | Ngoko ke masingalali, njengabanye aba; masiphaphe sibe ziingcathu. |
| 7. | Kuba abaleleyo balala ebusuku; nabanxilayo banxila ebusuku. |
| 8. | Ke thina bangabemini masibe ziingcathu; masinxibe isigcina-sifuba sokholo nothando, nesigcina-ntloko esilithemba losindiso. |
| 9. | Ngokuba uThixo akasimiselanga ngqumbo; usimisele ukuzuza usindiso ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu; |
| 10. | owasifelayo, ukuze nokuba sihleli, nokuba silele, sidle ubomi kwakunye naye. |
| 11. | Kungoko ndithi, Thuthuzelanani, nakhane, kwanjengokuba nisenjenjalo. |
| 12. | Ke kaloku siyanicela, bazalwana, ukuba nibazi ababulalekayo phakathi kwenu, abanongamelayo eNkosini, abanilulekayo, |
| 13. | nibabeke ngokugqithiseleyo kakhulu ukubathanda, ngenxa yomsebenzi wabo. Hlalani ninoxolo phakathi kwenu. |
| 14. | Siyanivuselela ke, bazalwana, balulekeni abanxaxhayo; bakhuzeni abamxhelo mncinane; basekeleni abathambileyo; yibani nokuzeka kade umsindo kubantu bonke. |
| 15. | Lumkani, kungabikho bani ubuyekeza ububi ngobubi nakubani; hlalani niphuthuma okulungileyo omnye komnye, nakubantu bonke. |
| 16. | Hlalani nivuya. |
| 17. | Thandazani ningayeki. |
| 18. | Ezintweni zonke bulelani; kuba oko kukuthanda kukaThixo kuKristu Yesu ngani. |
| 19. | UMoya musani ukumcima. |
| 20. | Iziprofeto musani ukuzenza into engento. |
| 21. | Izinto zonke zicikideni, nibambe leyo intle. |
| 22. | Khumkani kuzo zonke iintlobo zenkohlakalo. |
| 23. | Wanga ke uThixo woxolo ngokwakhe anganingcwalisa niphelelisekile; uthi, ugqibelele owenu umoya nomphefumlo nomzimba, ugcinwe ngokungenakusoleka ekufikeni kweNkosi yethu uYesu Kristu. |
| 24. | Uthembekile onibizayo, oya kukwenza nokukwenza oko. |
| 25. | Bazalwana, sithandazeleni. |
| 26. | Babuliseni abazalwana bonke ngolwango olungcwele. |
| 27. | Ndiyanifungisa iNkosi ukuba le ncwadi ileswe kubo bonke abazalwana abangcwele. |
| 28. | Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani. Amen. |
| ← 1Thessalonians (5/5) |