| ← 1Thessalonians (3/5) → |
| 1. | Kungoko kwathi, singasenakuzibamba, kwakholeka kuthi ukuba sisale eAtene sedwa. |
| 2. | Sathuma uTimoti, umzalwana wethu, umlungiseleli kaThixo, osebenza nathi ezindabeni ezilungileyo zikaKristu, ukuze anizimase, anivuselele ngenxa yokholo lwenu, |
| 3. | kungabikho namnye ushukunyiswayo zezi mbandezelo; kuba nisazi ngokwenu ukuba simiselwe zona. |
| 4. | Kuba xenikweni besikuni, sanixelela ngenxa engaphambili ukuba siza kubandezelwa; njengokuba kwaba njalo, nani niyazi. |
| 5. | Ngenxa yoko nam ndithe, ndingasenakuzibamba, ndathumela ukuba ndilwazi ukholo lwenu, hleze abe unihendile uMhendi, saba sifuma ne sabulaleka. |
| 6. | Ngoku ke uTimoti, efikile nje kuthi evela kuni, wasishumayeza iindaba ezilungileyo zokholo nezothando lwenu; nokuba nihlala ninokusikhumbula okuhle, nilangazelela ukusibona, kwanjengokuba nathi silangazelela ukunibona. |
| 7. | Ngenxa yoko sithuthuzelekile, bazalwana, nini, kuyo yonke imbandezelo nengxakeko yethu ngalo ukholo lwenu; |
| 8. | ngokuba ngoku siphilile, ukuba nina nithi nime eNkosini. |
| 9. | Kuba singambuyekeza ngambulelo mni na uThixo ngani, kulo lonke uvuyo esivuya ngalo ngenxa yenu phambi koThixo wethu, |
| 10. | ubusuku nemini sikhunga ngokugqithiseleyo kakhulu, ukuba sibubone ubuso benu, sikuzalise ukusilela kokholo lwenu? |
| 11. | Wanga ke uThixo ngokwakhe, uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu, angayilungisa indlela yethu yokuza kuni. |
| 12. | Yanga ke iNkosi inganandisa, inityebise eluthandweni, omnye komnye nakubo bonke, kwanjengokuba nathi sisenjenjalo kuni; |
| 13. | ukuze izizimase iintliziyo zenu, zingabi nakusoleka, zibe ngcwele phambi koThixo uBawo wethu, ekufikeni kweNkosi yethu uYesu Kristu nabo bonke abangcwele bayo. |
| ← 1Thessalonians (3/5) → |