| ← 1Kings (18/22) → |
| 1. | Kwathi kwakuba mzuzu, lafika ilizwi likaYehova kuEliya ngomnyaka wesithathu, lathi, Hamba uye kubonana noAhabhi, ndinise imvula phezu komhlaba. |
| 2. | Wahamba waya kubonana uEliya noAhabhi. Indlala ke yayinzima kwaSamari. |
| 3. | UAhabhi wayebize uObhadiya, obephethe indlu yakhe (uObhadiya ke wayemoyika uYehova kunene: |
| 4. | wayethe yena ekubanqamleni kukaIzebhele abaprofeti bakaYehova, uObhadiya wathabatha ikhulu labaprofeti, wabazimeza ngamashumi ngamahlanu, ngamashumi ngamahlanu, emqolombeni, wabondla ngesonka namanzi). |
| 5. | Wathi ke uAhabhi kuObhadiya, Hamba uye ezweni, emithonjeni yonke yamanzi nasemilanjaneni yonke; mhlawumbi sofumana utyani, siphilise amahashe noondlebende, zingabuthisi zonke iinkomo. |
| 6. | Balahlula ilizwe phakathi kwabo, ukuba bacande kulo; uAhabhi wahamba ngenye indlela yedwa, uObhadiya wahamba ngenye indlela yedwa. |
| 7. | Kwathi ke, esendleleni uObhadiya, wabonakala uEliya emkhawulela, wamazi, wawa ngobuso, wathi, Nguwe na lo, nkosi yam Eliya? |
| 8. | Wathi yena kuye, Ndim. Hamba uye kuthi enkosini yakho, Nanku elapha uEliya. |
| 9. | Wathi, Ndenze sono sini na, ukuba umnikele umkhonzi wakho esandleni sika-Ahabhi ukuba andibulale? |
| 10. | Ehleli nje uYehova uThixo wakho, akukho luhlanga nabukumkani, apho ingathumelanga khona inkosi yam, ikufuna; bakuthi, Akakho, yabafungisa ubukumkani nohlanga olo, ukuthi akufumanekanga. |
| 11. | Kaloku ke uthi, Hamba uye kuthi enkosini yakho, Nanku elapha uEliya. |
| 12. | Kothi, ndithe ndemka kuwe, uMoya kaYehova akuthwalele apho ndingaziyo; ndiye ndixelele uAhabhi, angakufumani, andibulale; umkhonzi wakho lo umoyike uYehova kwasebuncinaneni bam. |
| 13. | Bekungaxelwanga na enkosini yam endakwenzayo ekubabulaleni kukaIzebhele abaprofeti bakaYehova, ndazimeza ikhulu lamadoda kubaprofeti bakaYehova, ngamashumi ngamahlanu, ngamashumi ngamahlanu, emqolombeni, ndabondla ngesonka nangamanzi? |
| 14. | Kaloku ke uthi, Hamba uye kuthi enkosini yakho, Nanku elapha uEliya; ukuze indibulale. |
| 15. | Wathi uEliya, Ehleli nje uYehova wemikhosi, endimiyo phambi kwakhe, inene, namhlanje ndiya kubonana naye. |
| 16. | UObhadiya waya kumkhawulela ke uAhabhi, wamxelela; wahamba uAhabhi, waya kumkhawulela uEliya. |
| 17. | Kwathi, uAhabhi akumbona uEliya, wathi uAhabhi kuye, Ulapha na wena, uwahlisele intlekele amaSirayeli? |
| 18. | Wathi yena, Andiwahliselanga ntlekele amaSirayeli; nguwe nendlu kayihlo, ngokuyishiya kwenu imithetho kaYehova, walandela ooBhahali. |
| 19. | Ke ngoko, thumela uwahlanganisele kum amaSirayeli onke entabeni yeKarmele, nabaprofeti bakaBhahali abangamakhulu amane anamanci mahlanu, nabaprofeti baka-Ashera abangamakhulu amane, abadla etafileni kaIzebhele. |
| 20. | Wathumela ke uAhabhi koonyana bonke bakaSirayeli, wabahlanganisela abaprofeti entabeni yeKarmele. |
| 21. | Wafika uEliya ebantwini abo bonke, wathi, Koda kube nini na nimbaxa? Ukuba uYehova nguThixo, landelani yena; ke ukuba nguBhahali uThixo, landelani yena. Abamphendula nezwi abantu. |
| 22. | Wathi uEliya ebantwini, Kusele mna ndodwa umprofeti kaYehova; ke abakaBhahali abaprofeti ngamakhulu amane anamanci amahlanu amadoda. |
| 23. | Masinikwe iinkunzi ezintsha zibe mbini, bazinyulele ke enye inkunzi entsha, bayityatye, bayibeke phezu kweenkuni, bangafaki mlilo; nam ndiyilungise enye inkunzi entsha, ndiyibeke phezu kweenkuni, ndingafaki mlilo. |
| 24. | Nize ninqule igama lothixo wenu, mna ndinqule igama likaYehova; athi, uThixo othe waphendula ngomlilo, abe nguye uThixo. Baphendula bonke abantu bathi, Lihle elo lizwi. |
| 25. | Wathi ke uEliya kubaprofeti bakaBhahali, Zinyuleleni inkunzi entsha ibe nye, nizenzele kuqala; ngokuba nibaninzi nina; ninqule igama lothixo wenu, ningafaki mlilo. |
| 26. | Bayithabatha ke inkunzi entsha ababeyinikiwe, bayilungisa, banqula igama likaBhahali, beqale kusasa kwada kwaba semini enkulu, besithi, Bhahali, siphendule. Akwabakho zwi, akwabakho uphendulayo. Baxhentsa ngasesibingelelweni esasenziwe. |
| 27. | Kwathi emini enkulu, uEliya wadlala ngabo, esithi, Nqulani ngezwi elikhulu, ngokuba enguthixo; ingabi usacinga, ingabi uthe gu bucala, ingabi useluhambeni; ingabi mhlawumbi ulele, unokuba avuswe. |
| 28. | Banqula ngezwi elikhulu ke, bazicenta ngokwesiko labo ngamakrele nangezikhali, lada latsaza igazi kubo. |
| 29. | Kwathi emveni kwemini enkulu, baprofeta kwada kwesa ekunyusweni komnikelo wokudla wangokuhlwa; akwabakho lizwi, akwabakho uphendulayo, akwabakho ubeke indlebe. |
| 30. | Wathi uEliya ebantwini bonke, Sondelani kum apha. Basondela ke abantu bonke kuye. Wabuya wasakha isibingelelo sikaYehova esibe sidiliziwe. |
| 31. | UEliya wathabatha amatye alishumi elinamabini, ngokwenani lezizwe zoonyana bakaYakobi, eleza kuye ilizwi likaYehova lisithi, Liya kuba nguSirayeli igama lakho. |
| 32. | Wakha ngamatye lawo isibingelelo egameni likaYehova, wenza umsele olingene iiseha ezimbini zembewu, ngeenxa zonke esibingelelweni. |
| 33. | Wazilungisa iinkuni, wayityatya inkunzi entsha, wayibeka phezu kweenkuni. |
| 34. | Wathi, Zalisani imiphanda ibe mine ngamanzi, niwagalele phezu kwedini elinyukayo, naphezu kweenkuni; wathi, Phindani okwesibini; baphinda okwesibini. Wathi, Phindani okwesithathu; baphinda okwesithathu. |
| 35. | Ahamba amanzi ngeenxa zonke esibingelelweni; wawuzalisa nomsele ngamanzi. |
| 36. | Kwathi ekunyusweni komnikelo wokudla wangokuhlwa, wasondela uEliya umprofeti, wathi, Yehova, Thixo ka-Abraham, kaIsake, kaSirayeli, namhla makwaziwe ukuba nguwe uThixo kwaSirayeli; ukuba ndingumkhonzi wakho mna; ukuba ndizenze zonke ezi zinto ngelizwi lakho. |
| 37. | Ndiphendule, Yehova, ndiphendule, bazi aba bantu ukuba wena Yehova unguThixo, ukuba uyiguqulele kuwe intliziyo yabo. |
| 38. | Wawa ke umlilo kaYehova, walidla idini elinyukayo, kwaneenkuni, kwanamatye, kwanomhlaba; namanzi abe esemseleni wawakhotha. |
| 39. | Babona bonke abantu, bawa ngobuso, bathi, UYehova nguye uThixo, uYehova nguye uThixo. |
| 40. | Wathi uEliya kubo, Babambeni abaprofeti bakaBhahali; makungasindi namnye kubo. Bababamba ke; uEliya wabahlisela emlanjaneni oyiKishon, wababulalela khona. |
| 41. | Wathi uEliya kuAhabhi, Nyuka uye kudla, usele; ngokuba kuvakala ulwandile lwemvula enkulu. |
| 42. | Wenyuka ke uAhabhi, waya kudla, waya kusela. Ke uEliya wenyuka waya encotsheni yeKarmele, waqondela emhlabeni, wabufaka ubuso bakhe phakathi kwamadolo akhe. |
| 43. | Wathi kwindodana yakwakhe, Khawunyuke, ukhangele ngeli cala laselwandle. Yenyuka, yakhangela, yathi, Akukho nto. Wathi, Buya uye, izihlandlo zibe sixhenxe. |
| 44. | Kwathi ke ngesesixhenxe, yathi, Ndibona ilifana elingangesandla somntu, liphuma elwandle. Wathi, Nyuka uye uthi kuAhabhi, Bopha, uhle, ingakuvingceli imvula. |
| 45. | Kwathi ke kwakamsinya lasuka izulu lamnyama ngamafu nomoya; kwabakho imvula enkulu. Wakhwela uAhabhi, waya eYizereli. |
| 46. | Safika ke isandla sikaYehova kuEliya; wazibhinqisa, wagidima phambi koAhabhi, kwada kwaba sekungeneni eYizereli. |
| ← 1Kings (18/22) → |