← 1Chronicles (18/29) → |
1. | Kwathi emveni kokuba njalo, uDavide wawaxabela amaFilisti, waweyisa; wayithabatha iGati namagxamesi ayo esandleni samaFilisti. |
2. | Wawaxabela amaMowabhi; amaMowabhi aba ngabakhonzi kuDavide, azisa iminikelo. |
3. | UDavide wamxabela uHadarezere, ukumkani weTsobha, eHamati, ekuyeni kwakhe ukuwamisa amandla akhe emlanjeni ongumEfrati. |
4. | UDavide wazithimbela iwaka leenqwelo zokulwa, namawaka asixhenxe abamahashe, namashumi omabini amawaka angumqikela. UDavide wawanqumla imisipha onke amahashe eenqwelo zokulwa, washiya kuwo aweenqwelo alikhulu. |
5. | Ke ama-Aram aseDamasko eza kunceda uHadarezere ukumkani weTsobha. UDavide wabulala kuma-Aram amashumi amabini anamabini amawaka amadoda. |
6. | UDavide wamisa ikampu kwa-Aram-damasko. Ama-Aram aba ngabakhonzi kuDavide, azisa iminikelo. UYehova wamsindisa uDavide ezindaweni zonke awahamba kuzo. |
7. | Wawathabatha uDavide amakhaka egolide abekubakhonzi bakaHadarezere, wawazisa eYerusalem; |
8. | naseTibhati naseKun, imizi kaHadarezere, uDavide wathabatha ubhedu oluninzi kunene, olo uSolomon wenza ngalo ulwandle lobhedu, neentsika, nempahla yobhedu. |
9. | Weva ke uTohu ukumkani waseHamati, ukuba uDavide uyixabele yonke impi kaHadarezere ukumkani waseTsobha, |
10. | wathuma uHadoram, unyana wakhe, kukumkani uDavide, ukuba ambuze ukuphila kwakhe, amsikelele, ngenxa yokuba ebelwile noHadarezere, wameyisa (ngokuba uTohu wayengumfo obesilwa noHadarezere). Waye uHadoram lowo ephethe neempahla zonke zegolide, nezesilivere, nezobhedu. |
11. | Ukumkani uDavide wazingcwalisela kuYehova kananjalo ezo, kunye nesilivere negolide abeyithabathile ezintlangeni zonke, kumaEdom, nakumaMowabhi, nakoonyana baka-Amon, nakumaFilisti, nakuma-Amaleki. |
12. | UAbhishayi unyana kaTseruya wawabulala amaEdom angamawaka alishumi linesibhozo eSihlanjeni seTyuwa. |
13. | Wamisa ikampu kwelamaEdom; aba ngabakhonzi kuDavide onke amaEdom. UYehova wamsindisa uDavide ezindaweni zonke awahamba kuzo. |
14. | Waye engukumkani ke uDavide kumaSirayeli onke; waye uDavide esenza okusesikweni nobulungisa ebantwini bakhe bonke. |
15. | Ke uYowabhi unyana kaTseruya wayephethe umkhosi; noYehoshafati unyana ka-Ahiludi wayengumkhumbuzi wezinto zakomkhulu. |
16. | UTsadoki unyana ka-Ahitubhi, noAbhimeleki unyana ka-Abhiyatare, babengababingeleli; uShavesha wayengumbhali. |
17. | UBhenaya unyana kaYoyada ubephethe abancinithi nezigidimi. Oonyana bakaDavide babeyingalo yokunene kukumkani. |
← 1Chronicles (18/29) → |