| 1Chronicles (1/29) → |
| 1. | UAdam, uSete, uEnoshe, |
| 2. | uKenan, uMahalaleli, uYerede, |
| 3. | uEnoki, uMetusela, uLameki, |
| 4. | uNowa, uShem, uHam, uYafete. |
| 5. | Oonyana bakaYafete nguGomere, noMagogi, noMadayi, noYavan, noTubhali, noMesheki, noTirasi. |
| 6. | Oonyana bakaGomere nguAshekenazi, noDifati, noTogarma. |
| 7. | Oonyana bakaYavan nguElisha noTarshishe, ngamaKiti, namaDodan. |
| 8. | Oonyana bakaHam nguKushi, noMitserayim, noPuti, noKanan. |
| 9. | Oonyana bakaKushi nguSebha, noHavila, noSabheta, noRama, noSabheteka. Oonyana bakaRama nguShebha noDedan. |
| 10. | UKushi wazala uNimrodi, yena waqala waba ligorha emhlabeni. |
| 11. | UMitserayim wazala amaLudi, nama-Anam, namaLehabhi, namaNafetuyi, |
| 12. | namaPatrusi, namaKaseluyi, apho kwaphuma khona amaFilisti, namaKafetori. |
| 13. | UKanan wazala uTsidon owamazibulo kuye, noHeti, |
| 14. | namaYebhusi, nama-Amori, namaGirgashi, |
| 15. | namaHivi, nama-Areki, namaSini, |
| 16. | nama-Arvadi, namaTsemari, namaHamati. |
| 17. | Oonyana bakaShem nguElan, noAsuri, noArpakishadi, noLudi, noAram, noUtse, noHuli, noGetere, noMesheki. |
| 18. | UArpakishadi wazala uShela; uShela wazala uEbhere. |
| 19. | UEbhere wazalelwa oonyana ababini, igama lomnye nguPelege, ngokuba ngemihla yakhe bahlukahluka abemi bomhlaba; igama lomninawa wakhe belinguYoketan. |
| 20. | UYoketan wazala uAlemodadi, noShelefe, noHatsaremavete, noYera, |
| 21. | noHadoram, noUzali, noDikela, |
| 22. | noEbhali, noAbhimayeli, noShebha, |
| 23. | no-Ofire, noHavila, noYobhabhi. Bonke abo ngoonyana bakaYoketan. |
| 24. | UShem, uArpakishadi, uShela, |
| 25. | uEbhere, uPelege, uRehu, |
| 26. | uSerugi, uNahore, uTera, |
| 27. | uAbram (nguAbraham ke lowo). |
| 28. | Oonyana baka-Abraham nguIsake noIshmayeli. |
| 29. | Zizo ezi iinzala zabo: owamazibulo kuIshmayeli nguNebhayoti, noKedare, noAdebhele, noMibhesam, |
| 30. | uMishama, noDuma, uMasa, uHadade, noTema, uYeture, uNafishi, noKedema. Ngabo abo oonyana bakaIshmayeli. |
| 31. | Oonyana bakaKetura, ishweshwe lika-Abraham: wazala uZimran, noYokeshan, noMedan, noMidiyan, noIshbhaki, noShuwa. |
| 32. | Oonyana bakaYokeshan nguShebha noDedan. |
| 33. | Oonyana bakaMidiyan nguEfa, noEfere, noEnoki, noAbhida, noElidaha. Bonke abo ngoonyana bakaKetura. |
| 34. | UAbraham wazala uIsake. Oonyana bakaIsake nguEsawu noSirayeli. |
| 35. | Oonyana bakaEsawu nguElifazi, noRehuweli, noYehushe, noYalam, noKora. |
| 36. | Oonyana bakaElifazi nguTeman, no-Omare, noTsefi, noGatam, noKenazi, noTimna, noAmaleki. |
| 37. | Oonyana bakaRehuweli ngooNahati, noZera, noShama, noMiza. |
| 38. | Oonyana bakaSehira nguLotan, noShobhali, noTsibheyon, noAna, noDishon, noEtsere, noDishan. |
| 39. | Oonyana bakaLotan ngamaHori, noHonam; udade boLotan nguTimna. |
| 40. | Oonyana bakaShobhali nguAleyan, noManahati, noEbhali, noShefi, no-Onam. Oonyana bakaTsibheyon nguAya noAna. |
| 41. | Oonyana baka-Ana nguDishon. Oonyana bakaDishon nguHamran, noEshbhan noItran noKeran. |
| 42. | Oonyana bakaEtsere nguBhilehan noZavan noYakan. Oonyana bakaDishan ngu-Utse noAran. |
| 43. | Ngabo aba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom, kungekabikho kumkani ubelawula oonyana bakaSirayeli; nguBhela unyana kaBhehore; igama lomzi wakhe liyiDinabha. |
| 44. | Wafa uBhela; uYobhabhi unyana kaZera, waseBhotsera, waba ngukumkani esikhundleni sakhe. |
| 45. | Wafa uYobhabhi; uHusham, wasezweni lamaTeman, waba ngukumkani esikhundleni sakhe. |
| 46. | Wafa uHusham; uHadadi unyana kaBhedadi, owaxabela amaMidiyan emhlabeni wakwaMowabhi, waba ngukumkani esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe beliyiAviti. |
| 47. | Wafa uHadadi; uSamla waseMasereka waba ngukumkani esikhundleni sakhe. |
| 48. | Wafa uSamla; uSawule, waseRehobhoti yoMlambo, waba ngukumkani esikhundleni sakhe. |
| 49. | Wafa uSawule; uBhahali-hanan, unyana ka-Akebhore, waba ngukumkani esikhundleni sakhe. |
| 50. | Wafa uBhahali-hanan; uHadadi waba ngukumkani esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe beliyiPahi; igama lomkakhe belinguMehetabheli, intombi kaMatrede, intombi kaMezahabhi. |
| 51. | Wafa uHadadi. Izikhulu zakwaEdom zezi: isikhulu esinguTimna, isikhulu esinguAliya, isikhulu esinguYetete, |
| 52. | isikhulu esinguAholibhama, isikhulu esinguEla, isikhulu esinguPinon, |
| 53. | isikhulu esinguKenazi, isikhulu esinguTeman, isikhulu esinguMibhetsare, |
| 54. | isikhulu esinguMagediyeli, isikhulu esinguIram. Zizo ezo izikhulu zakwaEdom. |
| 1Chronicles (1/29) → |