Zephaniah (2/3)  

1. Zihlanganiseni nizihlanganise, luhlangandini lungadaniyo,
2. ungekazali ummiselo (kuba imini le idlula njengomququ), kungekanifikeli ukuvutha komsindo kaYehova, ingekanifikeli imini yomsindo kaYehova.
3. Funani uYehova, nonke balulamileyo belizwe, bakwenzileyo okusesikweni kwakhe; funani ubulungisa, funani ululamo, mhlawumbi nositheliswa ngemini yomsindo kaYehova.
4. Ngokuba iGaza iya kuba sisishiywa, neAshkelon ibe linxuwa; iAshdode iya kugxothwa emini emaqanda, inyothulwe iEkron.
5. Uha, abemi becandelo laselwandle, uhlanga lwamaKreti! Ilizwi likaYehova lichasene nani, Kanan, lizwe lamaFilisti. Ndokutshabalalisa ke, kungabikho ukumayo.
6. Icandelo laselwandle liya kuba ngamakriwa, nemiqolomba yabalusi, libe zizibaya zempahla emfutshane.
7. Loba licandelo lamasalela endlu yakwaYuda; aya kwalusela kulo, abuthe ezindlwini zaseAshkelon ngokuhlwa; kuba uya kuwavelela uYehova uThixo wawo, akubuyise ukuthinjwa kwawo.
8. Ndikuvile ukungcikiva kukaMowabhi, nokunyelisa koonyana baka-Amon, ababangcikive ngako abantu bam, bazikhulisa emdeni wabo.
9. Ngako oko, ndihleli nje, utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, inene, elakwaMowabhi liya kuba njengeSodom, neloonyana baka-Amon libe njengeGomora, libe lilifa lamarhawu, libe sisigingqi setyuwa, kube senkangala kulo, kude kuse ephakadeni. Amasalela abantu bam aya kubaphanga, amaqongqolo ohlanga lwam abadle ilifa.
10. Kuya kuba njalo kubo ngenxa yekratshi labo, ngokuba bengcikivile, bazikhulisa kubantu bakaYehova wemikhosi.
11. Uyoyikeka uYehova kubo; kuba uyabangcungcuthekisa bonke oothixo behlabathi, ziqubude kuye zonke iziqithi zeentlanga, elowo esendaweni yakhe.
12. Nani maKushi, ningababuleweyo ngekrele lam.
13. Uya kusolula isandla sakhe ngakwelisentla, ayitshabalalise iAsiriya, ayenze ibe linxuwa iNineve, ayenze umqwebedu onjengentlango.
14. Iya kubutha phakathi kwayo imihlambi, izinto eziphilileyo nokuba ziziphi, ziziimfidi; ingcwangube nokhwalimanzi balale emanqanamini; kobakho lizwi leemvumi ezifestileni, amazala emibundwini yeminyango; ngokuba ewuhlubile umsebenzi wabo wemisedare.
15. Nguwo lowo umzi obudlamkile, obuhleli ukholosile, obusithi entliziyweni yawo, Ndim kwaphela, akukho wumbi. Utheni na ukuba ube linxuwa, ube sisikhundla samarhamncwa! Bonke abadlulayo kuwo benza umsondlo, baphekuze ngesandla sabo.

  Zephaniah (2/3)