| ← Zephaniah (2/3) → | 
| 1. | Zihlanganiseni nizihlanganise, luhlangandini lungadaniyo, | 
| 2. | ungekazali ummiselo (kuba imini le idlula njengomququ), kungekanifikeli ukuvutha komsindo kaYehova, ingekanifikeli imini yomsindo kaYehova. | 
| 3. | Funani uYehova, nonke balulamileyo belizwe, bakwenzileyo okusesikweni kwakhe; funani ubulungisa, funani ululamo, mhlawumbi nositheliswa ngemini yomsindo kaYehova. | 
| 4. | Ngokuba iGaza iya kuba sisishiywa, neAshkelon ibe linxuwa; iAshdode iya kugxothwa emini emaqanda, inyothulwe iEkron. | 
| 5. | Uha, abemi becandelo laselwandle, uhlanga lwamaKreti! Ilizwi likaYehova lichasene nani, Kanan, lizwe lamaFilisti. Ndokutshabalalisa ke, kungabikho ukumayo. | 
| 6. | Icandelo laselwandle liya kuba ngamakriwa, nemiqolomba yabalusi, libe zizibaya zempahla emfutshane. | 
| 7. | Loba licandelo lamasalela endlu yakwaYuda; aya kwalusela kulo, abuthe ezindlwini zaseAshkelon ngokuhlwa; kuba uya kuwavelela uYehova uThixo wawo, akubuyise ukuthinjwa kwawo. | 
| 8. | Ndikuvile ukungcikiva kukaMowabhi, nokunyelisa koonyana baka-Amon, ababangcikive ngako abantu bam, bazikhulisa emdeni wabo. | 
| 9. | Ngako oko, ndihleli nje, utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, inene, elakwaMowabhi liya kuba njengeSodom, neloonyana baka-Amon libe njengeGomora, libe lilifa lamarhawu, libe sisigingqi setyuwa, kube senkangala kulo, kude kuse ephakadeni. Amasalela abantu bam aya kubaphanga, amaqongqolo ohlanga lwam abadle ilifa. | 
| 10. | Kuya kuba njalo kubo ngenxa yekratshi labo, ngokuba bengcikivile, bazikhulisa kubantu bakaYehova wemikhosi. | 
| 11. | Uyoyikeka uYehova kubo; kuba uyabangcungcuthekisa bonke oothixo behlabathi, ziqubude kuye zonke iziqithi zeentlanga, elowo esendaweni yakhe. | 
| 12. | Nani maKushi, ningababuleweyo ngekrele lam. | 
| 13. | Uya kusolula isandla sakhe ngakwelisentla, ayitshabalalise iAsiriya, ayenze ibe linxuwa iNineve, ayenze umqwebedu onjengentlango. | 
| 14. | Iya kubutha phakathi kwayo imihlambi, izinto eziphilileyo nokuba ziziphi, ziziimfidi; ingcwangube nokhwalimanzi balale emanqanamini; kobakho lizwi leemvumi ezifestileni, amazala emibundwini yeminyango; ngokuba ewuhlubile umsebenzi wabo wemisedare. | 
| 15. | Nguwo lowo umzi obudlamkile, obuhleli ukholosile, obusithi entliziyweni yawo, Ndim kwaphela, akukho wumbi. Utheni na ukuba ube linxuwa, ube sisikhundla samarhamncwa! Bonke abadlulayo kuwo benza umsondlo, baphekuze ngesandla sabo. | 
| ← Zephaniah (2/3) → |