| Zephaniah (1/3) → | 
| 1. | Ilizwi likaYehova elafika kuZefaniya unyana kaKushi, unyana kaGedaliya, unyana ka-Amariya, unyana kaHezekiya, ngemihla kaYosiya unyana ka-Amon, ukumkani wakwaYuda. | 
| 2. | Ndiya kususa ndiyisuse into yonke ehlabathini; utsho uYehova. | 
| 3. | Ndiya kususa abantu neenkomo; ndiya kususa iintaka zezulu, neentlanzi zolwandle; nezikhubekiso kunye nabangendawo; ndibanqamle abantu emhlabeni; utsho uYehova. | 
| 4. | Ndiya kusolula isandla sam phezu koYuda, naphezu kwabemi bonke baseYerusalem, ndinqamle kuyo le ndawo amasalela akwaBhahali, negama lababingeleli abangengabo, kunye nababingeleli; | 
| 5. | nabaqubuda kumkhosi wezulu phezu kwezindlu, nabaqubudi abazinikela kuYehova ngesifungo, bafunge ukumkani wabo; | 
| 6. | nababuya umva kuYehova, nabangamfunanga uYehova, abangamquqelanga. | 
| 7. | Yithini tu ebusweni beNkosi uYehova; ngokuba isondele imini kaYehova; kuba uYehova ulungise umbingelelo, ungcwalise abamenywa bakhe. | 
| 8. | Kuya kuthi ngemini yombingelelo kaYehova, ndibavelele abathetheli, noonyana bokumkani, nabo bonke abambatha izambatho zolunye uhlanga. | 
| 9. | Ndobavelela ngaloo mini bonke abatsiba embundwini womnyango, abazalisa indlu yenkosi yabo ngogonyamelo nenkohliso. | 
| 10. | Kothi ngaloo mini, utsho uYehova, kuvele izwi lokukhala esangweni leentlanzi, kuvele nokubhomboloza kwesesibini isahlulo somzi, kuvele ukuqhekeka okukhulu ezindulini. | 
| 11. | Bhombolozani, bemi basemgongxweni, kuba badakile bonke abantu bakwaKanan, banqunyulwe bonke abathwali besilivere. | 
| 12. | Kuya kuthi ngelo xesha, ndiyigqutha gquthe iYerusalem ndinezibane, ndiwavelele amadoda agovalele ezintliziyweni zawo; atshoyo ukuthi ezintliziyweni zawo, UYehova akenzi kulungileyo, akenzi nakubi. | 
| 13. | Ubutyebi bawo buya kudywidwa, nezindlu zawo zibe ngamanxuwa; akhe izindlu, angazihlali; atyale izidiliya, angayiseli iwayini yazo. | 
| 14. | Isondele imini enkulu kaYehova, isondele, ikhawulezile kakhulu. Yivani, imini kaYehova! Liyakhala ngokukrakra khona igorha. | 
| 15. | Loo mini yimini yokuphuphuma komsindo, yimini yembandezelo nocutheko, yimini yentshabalala yakwantshabalala, yimini yobumnyama nesithokothoko, yimini yamafu, namafu amnyama; | 
| 16. | yimini yesigodlo nokuhlaba umkhosi emizini enqatyisiweyo, naseluqoqweni olude. | 
| 17. | Ndiya kubabandezela abantu, bahambe ngokweemfama, kuba bonile kuYehova; liphalazwe igazi labo njengothuli, nenyama yabo njengobulongo. | 
| 18. | Nesilivere yabo negolide yabo ayisayi kuba nako ukubahlangula ngemini yokuphuphuma komsindo kaYehova; lotshiswa lonke ihlabathi ngumlilo wekhwele lakhe. Ngokuba uya kubaphelisa, inene, abenze into ekhwankqisayo bonke abemi behlabathi. | 
| Zephaniah (1/3) → |