← Zechariah (8/14) → |
1. | Kwafika ilizwi likaYehova wemikhosi, lisithi, |
2. | Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ndinekhwele, ikhwele elikhulu, ngeZiyon; ndinekhwele, ndinobushushu obukhulu ngayo. |
3. | Utsho uYehova ukuthi, Ndiyibuyele iZiyon; ndiya kuhlala ke phakathi kweYerusalem, kuthiwe iYerusalem ngumzi wenyaniso; nentaba kaYehova wemikhosi kuthiwe yintaba engcwele. |
4. | Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Kusaya kuhlala amadoda amakhulu neentokazi ezinkulu ezitratweni zaseYerusalem, elowo ephethe umsimelelo wakhe ngesandla, ngenxa yobudala babo; |
5. | zizale izitrato zomzi ngamakhwenkwe namantombazana, edlala ezitratweni zawo. |
6. | Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ukuba kuyinto engummangaliso emehlweni amasalela aba bantu ngaloo mihla, kuya kuba yinto engummangaliso yini na nasemehlweni am? utsho uYehova wemikhosi. |
7. | Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabonani, ndiya kubasindisa abantu bam elizweni lokuphuma kwelanga, naselizweni lokutshona kwalo. |
8. | Ndobazisa, bahlale phakathi kweYerusalem, babe ngabantu bam, ndibe nguThixo wabo, ngenyaniso nangobulungisa. |
9. | Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Izandla zenu mazomelele, nina bawevayo la mazwi ngale mihla, ephuma emlonyeni wabaprofeti, ababekho mhlenikweni yasekwayo indlu kaYehova wemikosi, itempile, ukuze yakhiwe. |
10. | Ngokuba phambi kwaloo mihla bekungekho mvuzo wabantu, nomvuzo weenkomo ubungekho; nophumayo nongenayo ebengenaluxolo, ngenxa yombandezeli. Ndabenza bonke ukuba umntu achasane nommelwane wakhe. |
11. | Ngoku ke andiyi kuba njengokwemihla yamandulo kumasalela aba bantu; utsho uYehova wemikhosi. |
12. | Kobakho imbewu yoxolo; umdiliya wonika isiqhamo sawo, nelizwe linike indyebo yalo, nezulu linike umbethe walo; zonke ezo zinto ndizidlise ilifa amasalela abantu. |
13. | Kothi, njengoko benilutshabhiso ezintlangeni, ndlu kaYuda, nani ndlu kaSirayeli, ndenjenjalo ukunisindisa, nibe yintsikelelo; musani ukoyika, mazomelele izandla zenu. |
14. | Ngokuba utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Njengoko ndankqangiyelayo ukwenza ububi kuni, oko ooyihlo bandenza ndaba noburhalarhume, utsho uYehova wemikhosi, andazohlwaya ke: |
15. | ngokunjalo ndibuye ndankqangiyela ngale mihla ukwenza okulungileyo kwiYerusalem, nakwindlu kaYuda; musani ukoyika. |
16. | Nanzi iindawo enothi nizenze zona: Thethani inyaniso elowo kummelwane wakhe; gwebani ngenyaniso nangesigwebo soxolo emasangweni enu. |
17. | Musani ukucinga okubi, elowo ngommelwane wakhe entliziyweni yakhe; ningathandi ukufunga ngobuxoki; ngokuba konke oko; koko ndikuthiyileyo; utsho uYehova. |
18. | Ezinye iintlanga ziya kumfuna uYehova Kwafika ilizwi likaYehova wemikhosi kum, lisithi, |
19. | Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Uzilo lweyesine inyanga, nozilo lweyesihlanu, nozilo lweyesixhenxe, nozilo lweyeshumi, luya kuba yimihlali, nemivuyo, namaxesha emisiweyo okuchwayitha, kwindlu kaYuda; ke thandani inyaniso noxolo. |
20. | Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Kusaya kuza izizwe, nabemi bemizi emininzi. |
21. | Baya kuhamba abemi bomnye baye komnye, bathi, Masihambe siye kumbongoza uYehova, simquqele uYehova wemikhosi; bathi abo, Siya kuhamba nathi. |
22. | Izizwe ezininzi neentlanga ezinamandla ziya kuza kumquqela uYehova wemikhosi eYerusalem, zimbongoze uYehova. |
23. | Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ngezo mini aya kuthi abambe amadoda alishumi asezilwimini zonke zeentlanga, abambe esondweni lengubo yendoda engumYuda, athi, Siya kuhamba nani, ngokuba sivile ukuba uThixo unani. |
← Zechariah (8/14) → |