| ← Zechariah (5/14) → |
| 1. | Ndabuya ndawaphakamisa amehlo am, ndakhangela, nantso incwadi esongwayo, iphaphazela. |
| 2. | Sathi kum, Ubona ntoni na? Ndathi, Ndibona incwadi esongwayo iphaphazela; ubude bayo buziikubhite ezimashumi mabini, nobubanzi bayo buziikubhite ezishumi-nye. |
| 3. | Sathi kum, Eso ke sisishwabulo esiphuma sihambe phezu kwelizwe lonke; ngokuba bonke abebayo baya kutshayelwa apha ngokokwayo; bonke abafungayo baya kutshayelwa ngaphaya ngokokwayo. |
| 4. | Ndisikhuphile, utsho uYehova wemikhosi; siya kungena endlwini yesela, nasendlwini yolifungayo ngobuxoki igama lam, silalise endlwini yakhe, siyigqibe nemithi yayo namatye ayo. |
| 5. | Saphuma isithunywa esibe sithetha nam, sathi kum, Khawuwaphakamise amehlo akho, ukhangele ukuba iyintoni na leyo iphumayo. |
| 6. | Ndathi ke, Yintoni na? Sathi, Yiefa leya iphumayo. Sathi, Yimbonakalo yabo leya ezweni lonke. |
| 7. | Nanko, kuphakama isiciko selothe, kuhleli umfazi phakathi kwe-efa. |
| 8. | Sathi, NguNgendawo lowo; samphosa phakathi kwe-efa, saliphosa ilitye lelothe emlonyeni wayo. |
| 9. | Ndawaphakamisa ke amehlo am, ndakhangela, nanko kuphuma abafazi ababini, umoya usemaphikweni abo; amaphiko abo abenjengamaphiko engwamza, bayithwala iefa phakathi komhlaba nezulu. |
| 10. | Ndathi kwisithunywa esibe sithetha nam, Bayisa phi na iefa abaya? |
| 11. | Sathi kum, Baya kumakhela indlu ezweni leShinare; ithi yakugqitywa, bambeke khona esizeni sakhe. |
| ← Zechariah (5/14) → |