| ← Zechariah (3/14) → |
| 1. | Wandibonisa uYoshuwa umbingeleli omkhulu, emi phambi kwesithunywa sikaYehova, uSathana emi ngasekunene kwakhe, ukuze amchase. |
| 2. | Wathi uYehova kuSathana, UYehova makakukhalimele, Sathana; akukhalimele uYehova oyinyulileyo iYerusalem; lo akasikhuni esirholwe emlilweni na? |
| 3. | UYoshuwa ke ebambethe iingubo ezingcolileyo; wema ke phambi kwesithunywa. |
| 4. | Saphendula sathetha nabemiyo phambi kwaso, sathi, Zisuseni iingubo ezingcolileyo kuye. Sathi ke kuye, Yabona, ndibususile ubugwenxa bakho kuwe, ndikwambese ngezinqabileyo. |
| 5. | Ndathi ke, Mabambeke unkontsho oluhlambulukileyo entloko. Bambeka ke unkontsho oluhlambulukileyo entlokweni yakhe, bamambesa ngeengubo; saye isithunywa sikaYehova simi. |
| 6. | Isithunywa sikaYehova saqononondisa kuYoshuwa, sathi, |
| 7. | Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ukuba uthe wahamba ngeendlela zam, ukuba uthe wasigcina isigxina sam, woyilawula wena indlu yam, wozigcina neentendelezo zam, ndikunike ukuhamba phakathi kwaba bemiyo apha. |
| 8. | Khawuphulaphule ke Yoshuwa, mbingeleli mkhulu, wena nabalingane bakho abahlala phambi kwakho; ngokuba ngamadoda asisimanga. Ngokuba, uyabona, ndiya kuzisa umkhonzi wam onguHlumelo. |
| 9. | Ngokuba nalo ilitye endalibeka phambi koYoshuwa; lityeni linye kobakho amehlo asixhenxe; yabona, ndikrola ukrolo lwalo, utsho uYehova wemikhosi, ndisuse ubugwenxa beli lizwe ngamini-nye. |
| 10. | Ngaloo mini, utsho uYehova wemikhosi, niya kubizelana phantsi komdiliya naphantsi komkhiwane. |
| ← Zechariah (3/14) → |