← Zechariah (14/14) |
1. | Yabonani, kuza imini eyekaYehova, kwabiwe amaxhoba akho esazulwini sakho. |
2. | Ndozihlanganisela eYerusalem zonke iintlanga ukuba zilwe; umzi uthinjwe, ziphangwe izindlu, badlwengulwe abafazi; siphume isiqingatha somzi sithinjwe; ke amasalela abantu anganqunyulwa wona kuwo umzi. |
3. | Uya kuphuma ke uYehova, alwe nezo ntlanga, njengemini yokulwa kwakhe, ngemini yomdibaniso. |
4. | Ziya kuma iinyawo zakhe ngaloo mini phezu kweNtaba yemiNquma, ephambi kweYerusalem ngasempumalanga, icandeke iNtaba yemiNquma phakathi, ithabathele empumalanga ise entshonalanga, ibe sisihlambo esikhulu kakhulu; sisunduzeke isiqingatha sentaba sisinge entla, esinye isiqingatha sayo sisinge ezantsi. |
5. | Nosabela esihlanjeni seentaba zam, kuba isihlambo seentaba ezo siya kufika naseAtsele; nisabe njengoko nasabayo ngenxa yenyikima emihleni kaUziya ukumkani wakwaYuda, eze uYehova uThixo wam, eneengcwele zakhe zonke. |
6. | Kothi ngaloo mini kungabi mhlophe, iinkwenkwezi ezinendili zibe luzizi. |
7. | Kuya kuba yimini eyodwa; yona iya kwazeka kuYehova; ayimini, ayibusuku; kuthi ngexa langokuhlwa kube mhlophe. |
8. | Kothi ke ngaloo mini, kuphume eYerusalem amanzi aphilileyo: esinye isiqingatha sawo siye kulwandle lwasempumalanga, esinye isiqingatha sawo siye kulwandle lwasentshonalanga; kube njalo ehlotyeni nasebusika. |
9. | UYehova woba ngukumkani phezu kwehlabathi lonke; ngaloo mini iya kuba nguYehova yedwa, negama lakhe lodwa. |
10. | Ilizwe lonke liya kujika libe njengeArabha, lithabathele eGebha lise eRimon, ezantsi kweYerusalem; liphakame, lihlale esikhundleni salo, lithabathele esangweni lakwaBhenjamin, lise endaweni yesango lokuqala, lise esangweni lembombo; lithabathele enqabeni ende yakwaHananeli, lise ezixovulelweni zokumkani. |
11. | Bohlala kulo, kungabi sabakho kusingela phantsi; ihlale iYerusalem ikholosile. |
12. | Siso esi isibetho aya kuzibetha ngaso uYehova zonke izizwe eziyiphumele umkhosi iYerusalem: uya kuyingcungcuthekisa inyama yomntu, emi ngeenyawo zakhe, aphelele amehlo akhe emakrolomeni awo, luphelele ulwimi wakhe emlonyeni wakhe. |
13. | Kothi ngaloo mini, sibe sikhulu isaqunge phakathi kwazo, siphuma kuYehova; babambe elowo isandla sommelwane wakhe, isandla sakhe siphakamele isandla sommelwane wakhe. |
14. | Naye uYuda uya kulwa nazo eYerusalem; buhlanganiswe ubutyebi beentlanga zonke ezingeenxa zonke, igolide, nesilivere, neengubo, into eninzi kakhulu. |
15. | Soba njalo isibetho kumahashe, nakoondlebende, nakwiinkamela, nakunaesile, nakwiinkomo zonke eziya kuba seminqubeni leyo, sibe njengeso sibetho. |
16. | Othi onke amaqongqolo eentlanga zonke ezibe ziyingenele iYerusalem, enyuke iminyaka ngeminyaka, aye kumnqula uKumkani, uYehova wemikhosi, enze umthendeleko weminquba. |
17. | Kothi emizalwaneni yehlabathi, osukuba engenyuki aye kumnqula eYerusalem uKumkani, uYehova wemikhosi, anganelwa mvula. |
18. | Uya kuthi umzalwane wamaYiputa ongathanga unyuke uze, anganelwa mvula; yoba sisibetho, aya kubetha ngaso uYehova zonke iintlanga ezingenyukiyo ziye kwenza umthendeleko weminquba. |
19. | Siya kuba seso isohlwayo sesono seYiputa, nesohlwayo sesono seentlanga zonke ezingenyukiyo ziye kwenza umthendeleko weminquba. |
20. | Ngaloo mini kuya kubhalwa emankentezeni amahashe, kuthiwe, bubungcwele kuYehova; neembiza endlwini kaYehova zoba njengezitya zokutshiza eziphambi kwesibingelelo. |
21. | Zothi zonke iimbiza eYerusalem nakwaYuda zibe ngcwele kuYehova wemikhosi; beze bonke ababingelelayo, bathabathe kuzo, baphekele kuzo; ngaloo mini kungabi sabakho mKanan endlwini kaYehova wemikhosi. |
← Zechariah (14/14) |