Zechariah (12/14)  

1. Isihlabo selizwe likaYehova, esisingisele kuSirayeli. Utsho uYehova, umaneki wezulu, umseki wehlabathi, umenzi womoya womntu phakathi kwakhe, ukuthi,
2. Yabona, iYerusalem ndiyenza ibe yindebe enombilini, yokuhexisa zonke izizwe ngeenxa zonke, imfikele noYuda ekungqingweni kweYerusalem.
3. Kothi ngaloo mini, ndiyenze iYerusalem ibe lilitye elingumthwalo ezizweni zonke; bonke abalifunqulayo baya kuzisikisa, bazilimazise, ziyihlanganyele zonke iintlanga zehlabathi.
4. Ngaloo mini, utsho uYehova, ndiya kuwabetha othuke amahashe onke, ndibabethe babe nomgada abakhweli bawo, ndiwavule amehlo am phezu kwendlu kaYuda, onke amahashe ezizwe ndiwabethe abe ziimfama.
5. Zothi iinkosana zakwaYuda ezintliziyweni zazo, Bangamandla am abemi baseYerusalem, ngoYehova wemikhosi, uThixo wabo.
6. Ngaloo mini ndiya kuzenza iinkosana zakwaYuda zibe njengokhamba lomlilo ezinkunini, nanjengezikhuni ezitshangaziswayo ezithungwini, zizitshise ngasekunene nangasekhohlo izizwe zonke ngeenxa zonke; iYerusalem ibuye imiwe esikhundleni sayo eYerusalem.
7. UYehova uya kusindisa iintente zakwaYuda kuqala, ukuze isihombo sendlu kaDavide, nesihombo sabemi baseYerusalem, singazikhulisi ngaphezu koYuda.
8. Ngaloo mini uYehova uya kubakhusela ubemi baseYerusalem; athi okhubekayo phakathi kwabo abe njengoDavide ngaloo mini; indlu kaDavide ibe njengoThixo, njengesithunywa sikaYehova phambi kwabo.
9. Kothi ngaloo mini, ndifune ukuzitshabalalisa zonke iintlanga eziyingenelayo iYerusalem.
10. Ndothululela phezu kwendlu kaDavide, naphezu kwabemi baseYerusalem, uMoya wokubabala nowokutarhuzisa, babheke kum mna bamhlabileyo amahlanza; bammbambazelele njengokumbambazelelwa kozelwe wamnye, babe krakra ngenxa yakhe, njengokrakra ngenxa yamazibulo akhe.
11. Ngaloo mini siya kuba sikhulu isililo eYerusalem, sibe njengesililo saseHadade-rimon esihlanjeni seMegido.
12. Liya kulila ilizwe, imizalwane ngemizalwane iyodwa; umzalwane wendlu kaDavide uwodwa, abafazi babo bebodwa; umzalwane wendlu kaNatan uwodwa, abafazi babo bebodwa;
13. umzalwane wendlu kaLevi uwodwa, abafazi babo bebodwa; umzalwane wamaShimehi uwodwa, abafazi bawo bebodwa;
14. yonke imizalwane eseleyo, imizalwane ngemizalwane iyodwa, nabafazi babo bebodwa.

  Zechariah (12/14)