Zechariah (1/14) → |
1. | Ngenyanga yesibhozo, ngomnyaka wesibini kaDariyo, kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya unyana kaBherekiya, unyana kaIdo, umprofeti, lisithi: |
2. | UYehova waye enoburhalarhume obukhulu kooyihlo. |
3. | Yithi ke kubo, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Buyelani kum, utsho uYehova wemikhosi; ndobuyela kuni, utsho uYehova wemikhosi. |
4. | Musani ukuba njengooyihlo, ababebizwa bona ngabaprofeti bangaphambili, besithi, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Khanibuye ngoku ezindleleni zenu ezimbi nasezintlondini zenu ezimbi; ke abaphulaphula, abandibazela ndlebe; utsho uYehova. |
5. | Ooyihlo baphi na? nabaprofeti baya kudla ubomi ngonaphakade na? |
6. | Kodwa amazwi am, nemimiselo yam, endayimisela abakhonzi bam abaprofeti, ayibafumananga na ooyihlo? ukuze babuye bathi, Njengoko wakunkqangiyelayo uYehova ukuba akwenze kuthi, ngokweendlela zethu nangokweentlondi zethu, wenjenjalo kuthi. |
7. | Ngosuku lwamashumi omabini anesine lwenyanga yeshumi elinanye, inyanga enguShebhati, ngomnyaka wesibini kaDariyo, kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya unyana kaBherekiya, unyana kaIdo, umprofeti, lisithi, |
8. | Ndibone ebusuku, nanko umntu ekhwele ehasheni elibomvu; waye ke emi phakathi kwemimirtile ebisenyobeni, ngasemva kwakhe ingamahashe, abomvu, nangwevu, namhlophe. |
9. | Ndathi, Ngoobani na aba, nkosi yam? Sathi kum isithunywa ebesithetha nam, Ndokubonisa ukuba ngoobani na aba. |
10. | Waphendula umntu obemi phakathi kwemimirtile wathi, Aba ngabathunywe nguYehova, ukuba balihambahambe ihlabathi. |
11. | Basiphendula isithunywa sikaYehova ebesimi phakathi kwemimirtile, bathi, Silihambahambile ihlabathi, nalo lonke ihlabathi lihleli lizolile. |
12. | Saphendula ke isithunywa sikaYehova, sathi, Yehova wemikhosi, koba nini na ungasikwa yimfesane wena, ngenxa yeYerusalem nemizi yakwaYuda, owayibhavumelayo le minyaka imashumi asixhenxe? |
13. | UYehova wasiphendula isithunywa esibe sithetha nam, ngamazwi alungileyo, ngamazwi athuthuzelayo. |
14. | Sathi kum isithunywa esibe sithetha nam, Memeza uthi, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ndinekhwele, ikhwele elikhulu, ngeYerusalem nangeZiyon. |
15. | Ndinoburhalarhume obukhulu kuzo iintlanga ezihleli ngokonwaba; ngokokuba bendinoburhalarhume mna umzuzwana, ke zona zongezelelela ububi. |
16. | Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Ndiyibuyele iYerusalem ngemfesane; indlu yam iya kwakhelwa khona, utsho uYehova wemikhosi; ulutya lokulinganisa luya kolulwa phezu kweYerusalem. |
17. | Buya umemeze, uthi, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Imizi yam isaya kuphalala okulungileyo; uYehova usaya kuyithuthuzela iZiyon, ayinyule iYerusalem. |
18. | Ndaphakamisa amehlo am, ndakhangela, nanzo iimpondo, zine. |
19. | Ndathi kwisithunywa esibe sithetha nam, Ziyintoni na ezi? Sathi kum, Ezi ziimpondo ezichithachithe uYuda, uSirayeli, neYerusalem. |
20. | UYehova wandibonisa iingcibi zokukhanda, zine. |
21. | Ndathi, Aba baze kwenza ntoni na? Sathetha sathi, Ezi ziimpondo ezichithachithe uYuda, ngokokude kungabikho bani uphakamisa intloko yakhe: aba ke baze kuzothusa, baziwise phantsi iimpondo zeentlanga, eziphakamise uphondo ezweni lakwaYuda, ukuba zilichithachithe. |
Zechariah (1/14) → |