| ← Titus (3/3) |
| 1. | Bakhumbuze ukuba bathobele oozilawuli noomagunya, baphulaphule abaphathi, bawulungele wonke umsebenzi olungileyo. |
| 2. | Mabanganyelisi namnye umntu, bangabi nakulwa, babe nokuthantamisa, bebonakala benobulali bonke kubantu bonke. |
| 3. | Kuba nathi sibe sifudula singabasweli-kuqonda, singeva, silahleka, sikhonza iinkanuko neziyolo ngeziyolo, sihleli ngolunya nomona, sinezothe, sithiyana. |
| 4. | Kodwa kuthe kwakubonakala ububele bukaThixo, uMsindisi wethu, nokuthanda kwakhe abantu, |
| 5. | kungengamisebenzi esebulungiseni esayenzayo thina, kungokwenceba yakhe, wasisindisa ngentlambululo yokuzalwa ngokutsha, nangokuhlaziya koMoya oyiNgcwele; |
| 6. | awamthululayo phezu kwethu ngokobutyebi, ngoYesu Kristu uMsindisi wethu; |
| 7. | ukuze sithi, sigwetyelwe ngobabalo lwalowo, sibe ziindlalifa zobomi obungunaphakade ngokwethemba. |
| 8. | Lithembekile ilizwi elo; nezo zinto ndinga ungaziqinisela, ukuze banyameke, benze imisebenzi emihle, abo bakholiweyo kuThixo. Ezo zinto zintle, zinokubanceda abantu. |
| 9. | Ke yona imibuzo yobudenge, nemilibo yokuzalwa, neenkani, nokulwa ngawo umthetho, zinxweme, kuba azincedi lutho, asinto zanto. |
| 10. | Umntu ongumahlukanisi, akuba elulekwe kanye nokuba kukabini, mmangale; |
| 11. | usazi ukuba onjalo ugwenxeke kwaphela; uyona, ezigwebile ngokwakhe. |
| 12. | Xenikweni ndithe ndathuma kuwe uArtemas, nokuba nguTikiko, khawuleza uze kum eNikopolis; kuba ndigqibe kwelokuba ndobudlulisa ubusika khona apho. |
| 13. | UZenas, umqondisi-mthetho, noApolos, baxhobisele indlela ngokunyameka, ukuze bangasweli nto. |
| 14. | Abethu mabafunde ke ukwenza imisebenzi emihle yokunceda abaswele kanzima, ukuze bangabi ngabangenasiqhamo. |
| 15. | Bayakubulisa bonke abanam. Babulise abo basithandayo ngokwaselukholweni. Ubabalo malube nani nonke. Amen. |
| ← Titus (3/3) |