| ← Titus (2/3) → |
| 1. | Ke wena, thetha izinto eziyifaneleyo imfundiso ephilileyo; |
| 2. | ukuba amadoda amakhulu abe ziingcathu, andileke, abe nesidima, aphile elukholweni, eluthandweni, elunyamezelweni; |
| 3. | ukuba abafazi abakhulu kwangokunjalo babe nesimilo esibafaneleyo, bangabi ngabatyholi; bangazilahleli kwiwayini eninzi; bafundise okuhle; |
| 4. | ukuze bayale abafazana ukuba babe nesidima, bawathande amadoda abo, babathande abantwana babo, |
| 5. | babe nesidima, babe nyulu, basebenze ezindlwini zabo, babe nokulunga, bawathobele awabo amadoda, ukuze ilizwi likaThixo linganyeliswa. |
| 6. | Kwangokunjalo amadoda amatsha wayale ukuba abe nesidima. |
| 7. | Ezintweni zonke zenze umzekelo wemisebenzi emihle; |
| 8. | emfundisweni ube ngomsulwa, ngondilekileyo, ngolizwi liphilileyo, lingenakugwetywa; ukuze ochasayo abe neentloni, engenanto imbi yakuthetha ngani. |
| 9. | Amakhoboka wathethele ukuba azithobele iinkosi zawo, abe ngakholekileyo kakuhle ezintweni zonke, engaphiki; angashinti; |
| 10. | asuke abonakalalise konke ukuthembeka okulungileyo, ukuze ayivathise imfundiso yoMsindisi wethu uThixo ezintweni zonke. |
| 11. | Kuba lubonakele kubantu bonke ubabalo lukaThixo, lulolusindisayo; |
| 12. | lusiqeqesha ukuze sithi, sikuncama ukungahloneli Thixo nokukhanuka okukokwehlabathi, sihlale ngokunesidima, nangokubulungisa, nangokuhlonela uThixo, kweli phakade langoku; |
| 13. | silinde ithemba elinoyolo, nembonakalo yobuqaqawuli boThixo omkhulu, uMsindisi wethu uYesu Kristu, |
| 14. | owazinikela ngenxa yethu, ukuze asikhulule ngokusihlawulela kuko konke ukuchasa umthetho, azihlambululele abantu abangabakhe, abazondelela imisebenzi emihle. |
| 15. | Ezi zinto zithethe, uvuselele, wohlwaye ngawo wonke ummiselo. Makungabikho namnye ukudelayo. |
| ← Titus (2/3) → |