← SongOfSongs (6/8) → |
1. | Iye phi na intanda yakho, Wena nzwakazindini phakathi kweentokazi? Ibheke ngaphi na intanda yakho, Ukuze sikufunise? |
2. | Intanda yam ihle yaya emyezweni wayo, emityinweni yetyeleba, Ukuba yalusele emyezweni, ukuba ikhe iinyibiba. |
3. | Mna ndingowentanda yam, nentanda yam yeyam yona; Yalusela ezinyibibeni. |
4. | Uyinzwakazi, wethu, njengeTirtsa, Unomkhitha njengeYerusalem; Woyikeka njengemikhosi eneebhanile. |
5. | Wasuse amehlo akho kum, Ngokuba andiqwelile. Iinwele zakho zinjengomhlambi weebhokhwe Ezisemathambekeni aseGiliyadi. |
6. | Amazinyo akho anjengomhlambi weemazi zeegusha Ezinyukayo, zivela ekuhlanjweni, Zonke zizele amawele, Kungekho ifelweyo kuzo. |
7. | Zinjengothanda lwerharnate iintlafuno zakho, Ngaphaya kwesigqubuthelo sakho. |
8. | Bangamashumi amathandathu ookumkanikazi, angamashumi asibhozo amashweshwe, Neentombi ezingenakubalwa. |
9. | Mnye yena olivukuthu lam oyingqibeleli yam; Mnye yena kunina, Umnyulwa walowo wamzalayo. Zambona iintombi, zathi unoyolo, Bamdumisa ookumkanikazi namashweshwe. |
10. | Ngubani na lo uthi gqi njengesifingo, Mhle njengenyanga, Unyulu njengelanga, Woyikeka njengemikhosi eneebhanile? |
11. | Bendihle ndaya emyezweni weminoti, Ukuba ndikhangele uhlaza lwesihlambo, Ndikhangele ukuba umdiliya unamathupha na, Imirharnate ityatyambile na. |
12. | Bendingazi ukuba umphefumlo wam undibeke Ezinqwelweni zabantu bam, zamanene. |
13. | Buya, buya, mShulamikazi; Buya, buya, sikubone. Nibona ntoni na kumShulamikazi, Njengokungathi kukuqamba kwabaMahanayim? |
← SongOfSongs (6/8) → |