| ← SongOfSongs (2/8) → |
| 1. | Ndingumfiyo waseSharon, Ndiyinyibiba yasezintlangeni. |
| 2. | Njengenyibiba phakathi kweminga, Unjalo uwethu phakathi kweentombi. |
| 3. | Njengomapile phakathi kwemithi yehlathi, Injalo intanda yam phakathi koonyana. Ndanqwena, ndahlala phantsi emthunzini wawo, Nesiqhamo sawo sanencasa ekhuhlangubeni lam. |
| 4. | Indingenise endlwini yewayini, Nebhanile yayo phezu kwam luthando. |
| 5. | Ndixhaseni ngezicumba zeerasintyisi, Ndisekeleni ngeeapile; ngokuba ndisifa luthando. |
| 6. | Isandla sayo sokhohlo siphantsi kwentloko yam; Esokunene siyandiwola. |
| 7. | Zintombi zaseYerusalem, ndinifungisa Amabhadikazi namaxhamakazi asendle, Ukuba ningaluvusi, ukuba ningaluvuseleli uthando, Lude luthande. |
| 8. | Phulaphulani! Intanda yam, nantso isiza, Itsiba ezintabeni, isuka imitsi ezindulini. |
| 9. | Intanda yam ifana nebhadi, nenkonyana yexhama. Nantso imi emva kodonga lwakokwethu, Ithe nzo ngeefestile, Inyondla ngekroba. |
| 10. | Intanda yam yasusela, yathi kum, Suk ume, wethu, nzwakazi yam, uze; |
| 11. | Ngokuba uyabona, ubusika budlule, Imvula igqithile yemka; |
| 12. | Iintyantyambo zibonakele ezweni; Ixesha lokuntyiloza kweentaka lifikile; Izwi lehobe ivakele ezweni lethu; |
| 13. | Umkhiwane ukrwala amakhiwane awo, Imidiliya ityatyambile, Itsho ngevumba elimnandi. Suk ume, wethu, nzwakazi yam, uze. |
| 14. | Vukuthu lam elisemxawukeni wengxondorha, entsithelweni yemiba, Ndibonise ubuso bakho, ndivise ilizwi lakho; Ngokuba izwi lakho limnandi, ubuso bakho bunomkhitha. |
| 15. | Sibambeleni iimpungutye, iimpungutye ezincinane ezonakalisa izidiliya; Izidiliya zethu zityatyambile. |
| 16. | Intanda yam yeyam, mna ke ndingowayo Yalusela ezinyibibeni. |
| 17. | Ide iphole imini, oluke amathunzi, Jika, ntanda yam, uxelise ibhadi, uxelise inkonyana yexhama, Ezintabeni ezibugqagala. |
| ← SongOfSongs (2/8) → |