← Ruth (3/4) → |
1. | Wathi uNahomi uninazala kuye, Ntombi yam, ndingakufuneli na ukuphumla okokulungela? |
2. | Kaloku akasihlobo sethu na uBhohazi, lowo umthinjana ubunawo? Nanko esela irhasi ngobu busuku esandeni. |
3. | Zihlambe, uthambise, unxibe iingubo zakho, uhle uye esandeni. Uze ungazazisi endodeni leyo, ide igqibe ukudla nokusela. |
4. | Wothi, ukulala kwayo phantsi, uqonde indawo eye kulala kuyo, uye uyityhile ingubo ngasezinyaweni zayo, ulale phantsi; yokuxelela ke yona into owoyenza. |
5. | Wathi kuye, Yonke into oyithethayo ndoyenza. |
6. | Wehla ke waya esandeni, wenza ngako konke abemwisele umthetho ngako uninazala. |
7. | Wadla uBhohazi, wasela, yachwayitha intliziyo yakhe; waya walala phantsi ekupheleni kwentlaba. Waya ke ecotha, wamtyhila ingubo ngasezinyaweni zakhe, walala phantsi. |
8. | Kwathi phakathi kobusuku, yothuka indoda leyo, yaguquka, yabona kulele inkazana ngasezinyaweni zayo. |
9. | Yathi, Ungubani? Wathi, NdinguRute, umkhonzazana wakho; twabulula isondo lengubo yakho phezu komkhonzazana wakho, ngokuba ungumkhululi wena. |
10. | Yathi, Usikelelwe nguYehova, ntombi yam. Inceba yakho yamva nje ingaphezu kweyokuqala, ungalandelanga madodana nje, nokuba ngasweleyo nokuba nganobutyebi. |
11. | Kaloku ke, ntombi yam, musa ukoyika; konke okuthethileyo ndokwenzela; ngokuba bonke abantu bomzi wakowethu bayazi ukuba uyinkazana enesidima. |
12. | Ewe! Kuyinene, ndingumkhululi inyaniso. Ke kukho umkhululi osondeleyo kuwe kunam. |
13. | Lala ngobu busuku; kothi kusasa, ukuba uthe wakukhulula ngentlawulelo, kulunge, makakukhulule ngentlawulelo; ke ukuba akathanga akunanze ukukukhulula ngentlawulelo, ndokukhulula ngentlawulelo mna, ehleli nje uYehova. Lala kude kuse. |
14. | Walala ke ngasezinyaweni zakhe kwada kwasa; wavuka bengekanakanani abantu. Yathi, Makungaziwa ukuba bekuze inkazana esandeni. |
15. | Yathi, Ethe ingubo yakho yokwaleka, ukhongozele. Wakhongozela ke ngayo. Yalinganisa izilinganiso zerhasi ezithandathu, yamthwalisa; wagoduka. |
16. | Waya kuninazala, wathi yena, Utheni, ntombi yam? Wamxelela konke emenzele khona indoda leyo. |
17. | Wathi, Indinike ezi zilinganiso zerhasi; ngokuba yayisithi, Musa ukuya kunyokozala ulambatha. |
18. | Wathi, Hlala, ntombi yam, ude wazi okuya kuhla; kuba indoda leyo ayiyi kuphumla, ingakuphelisanga oku namhla. |
← Ruth (3/4) → |