← Ruth (2/4) → |
1. | Ke kaloku uNahomi ebenesihlobo sendoda yakhe, indoda esisityebi emzalwaneni kaElimeleki; igama layo libe linguBhohazi. |
2. | Wathi uRute umMowabhikazi kuNahomi, Makhe ndiye entsimini, ndibhikice izikhwebu emva kwalowo ndiya kubabalwa nguye. Wathi kuye, Hamba, ntombi yam. |
3. | Wahamba waya, wabhikica entsimini emva kwabavuni. Ithamsanqa lakhe lawela phezu kwesahlulo sentsimi kaBhohazi, obengowomzalwane kaElimeleki. |
4. | Wathi gqi uBhohazi, evela eBhetelehem, wathi kubavuni, UYehova makabe nani. Bathi kuye, UYehova makakusikelele. |
5. | Wathi uBhohazi kwindodana yakhe ephethe abavuni, Yekabani na le nkazana? |
6. | Yaphendula indodana ephethe abavuni, yathi. Yinkazana engumMowabhikazi, efike noNahomi, bevela elizweni lakwaMowabhi; |
7. | yathi ke, Makhe ndibhikice, ndibuthe phakathi kwezithungu emva kwabavuni; yeza ke, yema kwakusasa kwada kwangoku; ukuhlala kwayo endlwini kukancinane. |
8. | Wathi uBhohazi kuRute, Uyeva na, ntombi yam? Musa ukuya kubhikica ntsimini yimbi; kananjalo uze ungadluli apha; namathela wenjenje kumthinjana wam lo; |
9. | amehlo akho makabe sentsimini oyivunayo wona, uwulandele; yabona, abafana bakwam ndibawisele umthetho wokuba bangakuchukumisi; xa unxaniweyo, yiya ezityeni, usele into ekhiwe ngabafana. |
10. | Wawa ngobuso bakhe, waqubuda emhlabeni, wathi kuye, Kutheni na ukuba ndibabalwe nguwe, undibuke, ndiyinkazana yolunye uhlanga nje? |
11. | Waphendula uBhohazi, wathi kuye, Ndiyixelelwe kakuhle yonke into oyenzileyo kunyokozala, emva kokufa kwendoda yakho; ukuba ushiye uyihlo nonyoko, nelizwe owazalelwa kulo, weza ebantwini obungabazi ngaphambili. |
12. | UYehova makakubuyekeze ukwenza kwakho, uzaliseke umvuzo wakho ovela kuYehova uThixo kaSirayeli, oze wazimela phantsi kwamaphiko akhe wena. |
13. | Wathi yena, Mandibabalwe nguwe, nkosi yam; ngokuba undithuthuzele, ngokuba uthethe kakuhle nomkhonzazana wakho, ndingenjengomnye wabakhonzazana bakho nje. |
14. | Wathi uBhohazi kuye, Ngexesha lokudla sondela apha, udle isonka, uncinde iviniga ngeqhekeza lakho. Wahlala phantsi ngasecaleni labavuni. Wamnika ikhweba; wadla, wahlutha, washiya. |
15. | Wesuka ke waya kubhikica; uBhohazi waluwisela umthetho ulutsha olulolwakhe, wathi, Makabhikice naphakathi kwezithungu, ningamdanisi; |
16. | nimrholele nokumrholela inxenye ezithungwini, nishiye, abhikice, ningamkhalimeli. |
17. | Wabhikica entsimini leyo kwada kwahlwa; wayibhula into abeyibhikicile, yanga yiefa yerhasi. |
18. | Wathwala, waya ekhaya; wayibona uninazala into ayibhikicileyo; wakurhola, wamnika abekushiyile akuba ehluthi. |
19. | Wathi uninazala kuye, Ubhikice phi na namhla? Ubusebenza phi na? Makasikelelwe okubukileyo wena. Wamxelela uninazala umntu abesebenza kuye, wathi, Igama lendoda endisebenze kuyo namhla nguBhohazi. |
20. | Wathi uNahomi kumolokazana wakhe, Makasikelelwe yena nguYehova, ongayekelelanga ukwenza inceba yakhe kwabaphilileyo nakwabafileyo. Wathi uNahomi kuye, Indoda leyo iyalamana nathi; ingowabakhululi bethu. |
21. | Wathi uRute umMowabhikazi, Kananjalo ithe yona kum, Uze unamathele kulutsha olulolwam, lude lulugqibe lonke uvuno olulolwam. |
22. | Wathi uNahomi kuRute umolokazana wakhe, Kulungile, ntombi yam, ukuba uphume nomthinjana wakhe, ukuze ungafikelwa mntu ukwenye intsimi. |
23. | Wanamathela kumthinjana kaBhohazi, wabhikica, kwada kwagqitywa ukuvunwa kwerhasi nokuvunwa kwengqolowa; wahlala noninazala. |
← Ruth (2/4) → |