Romans (15/16)  

1. Thina ke bomeleleyo sifanele ukukuthwala ukuswela amandla kwabangomeleleyo, singazikholisi.
2. Masithi sonke ngabanye simkholise ummelwane kokumlungeleyo, ukuze akheke.
3. Kuba naye uKristu akazikholisanga; wathi, njengokuba kubhaliwe, Iingcikivo zabakungcikivayo zawa phezu kwam.
4. Kuba izinto zonke ezabhalwayo ngenxa engaphambili, zaye zibhalelwa okwethu ukufundiswa, ukuze sithi ngalo unyamezelo novuselelo lwezibhalo sibe nalo ithemba.
5. Wanga ke uThixo wonyamezelo novuselelo anganinika ukucinga nto-nye phakathi kwenu, ngokukaKristu Yesu;
6. ukuze nithi, nimxhelo mnye, engamlomo mnye uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu.
7. Kungoko ndithi, Yamkelanani, njengokuba naye uKristu wasamkelayo, ukuba kuzukiswe uThixo.
8. Ke kaloku ndithi, uYesu Kristu waba ngumlungiseleli wolwaluko ngenxa yenyaniso kaThixo, ukuze aqiniseke amadinga akhe koobawo;
9. zithi ke iintlanga zimzukise uThixo ngenxa yenceba yakhe, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ngenxa yoko, ndiya kukudumisa phakathi kweentlanga, Ndilibethele uhadi igama lakho.
10. Kananjalo athi, Yibani nemihlali, zintlanga, ndawonye nabantu bakhe.
11. Kananjalo, Yidumiseni iNkosi, nonke nina zintlanga, Niyibonge, nonke nina bantu.
12. Kananjalo uIsaya uthi, Liya kubakho iHlumelo likaYese; Uya kuvela oya kulawula iintlanga; Ziya kuthembela kuye iintlanga.
13. Wanga ke uThixo wethemba elo anganizalisa ngalo lonke uvuyo noxolo ekukholweni, ukuze niphuphume ithemba ngamandla oMoya oyiNgcwele.
14. Ke kaloku, bazalwana bam, ndeyisekile nam ngokwam, mayelana nani, kukuba nani ngokwenu nizele nazaliswa kukulunga, nizele kuko konke ukwazi, ninako nokululekana.
15. Kodwa ke ndibhalile kuni ngobuganga obukhulu kwezinye iindawo, bazalwana, ngokophindayo ukunikhumbuza ngenxa yobabalo awandibabala ngalo uThixo,
16. ukuze ndibe ngobusela iintlanga kuYesu Kristu, osebenza ububingeleli ngazo iindaba ezilungileyo zikaThixo, ukuze ukusondezwa kweentlanga kwamkeleke kakuhle, kungcwalisiwe ngoMoya oyiNgcwele.
17. Ngoko ndiyazingca, ndikuKristu Yesu, ngezinto ezilunge kuThixo.
18. Kuba mna andiyi kuba nabuganga bakuthetha nto ngezinto angazisebenzanga uKristu ngam, ukuze zimlulamele iintlanga, ngelizwi ke nangomsebenzi, ngamandla emiqondiso nezimanga,
19. ngamandla oMoya kaThixo; endide ndathi, ndithabathela eYerusalem, ndajikelezisa, ndezisa kwelaseIliriko, ndazizalisa iindaba ezilungileyo zikaKristu.
20. Ndenjenjalo ke ukuzondelela ukushumayela iindaba ezilungileyo; kungekhona apho uKristu wakhankanywayo, ukuze ndingakhi phezu kwesiseko somnye;
21. kube njengokuba kubhaliwe, kwathiwa, Abo bangabikelwanga nto ngaye, baya kubona; Nabo bangevanga nto, baya kuqonda.
22. Kungoko ndabanjezelwayo nokubanjezelwa futhi, ukuba ndingafiki kuni.
23. Ngoku ke ndingasenandawo nje kule mimandla, ndineminyaka ke emininzi ndilangazelela ukuza kuni,
24. xa ndihambela kwelaseSpani, ndoza kuni; kuba ndithemba ukunibona xa ndicandayo kuni, nokuphelekelelwa nini ukuya khona, ukuba ndithe kuqala ndakha ndadlelana nani ngokwaneleyo.
25. Kalokunje ke ndisinga eYerusalem, ndisiya kulungiselela abangcwele.
26. Kuba kwakholeka kwabelaseMakedoni nabelaseAkaya, ukuba badlelane namahlwempu abo bangcwele baseYerusalem ngokuwupha okuthile.
27. Ndithi kwakholeka kubo, kuba kakade banetyala kubo. Kuba iintlanga, xa zadlelanayo nabo ngezinto zabo ezizezomoya, zifanele ukubabusela ngezizezenyama.
28. Ngoko, ndakuba ndikufinyezile oko, ndasinqabisela kubo eso siqhamo, ndobuya ngani ukuya kwelaseSpani.
29. Ndiyazi ke ukuba ndothi, ndakuza kuni, ndize ndinentsikelelo ezalisekileyo yeendaba ezilungileyo zikaKristu.
30. Ke kaloku ndiyanivuselela, bazalwana, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, nangalo uthando loMoya, ukuba nizame kunye nam ekundithandazeleni kuye uThixo,
31. ukuze ndihlangulwe kwabaziingqola kwelakwaYuda, nokuze ulungiselelo lwam olusinga eYerusalem lube nokwamkeleka kakuhle kubo abangcwele,
32. ukuze ndize kuni ndinovuyo, ngokuthanda kukaThixo, siphumzane.
33. UThixo ke woxolo makabe nani nonke. Amen.

  Romans (15/16)