| ← Romans (13/16) → | 
| 1. | Yonke imiphefumlo mayiwalulamele amagunya awongamileyo. Kuba akukho gunya lingelilo elivela kuThixo; amagunya ke akhoyo amiswe nguThixo. | 
| 2. | Ngoko ke olichasayo igunya, umelene nommiselo kaThixo; abo ke bameleneyo nawo, baya kuziguqulela ukugwetywa. | 
| 3. | Kuba abaphathi aba asingabokoyikwa kwimisebenzi elungileyo, ngabokoyikwa kwemibi. Unga akungeloyiki na ke igunya? Yenza okulungileyo, wodunyiswa kwalilo; | 
| 4. | kuba lingumlungiseleli kaThixo, wokuba kulungele wena. Ke, ukuba usuka wenze okubi, yoyika; kuba alifumane laliphatha ikrele, kuba lingumlungiseleli kaThixo, umphindezeli ngengqumbo kowenza okubi. | 
| 5. | Kungoko ndithi, kufuneka ukulilulamela, ningakwenzi oko ngenxa yengqumbo yodwa, nikwenze nangenxa yesazela. | 
| 6. | Kuba kukwangenxa yoko eninikela irhafu; kuba ngababusi bakaThixo, bezingisa ukusebenza loo nto. | 
| 7. | Ngoko bonke banikeni okubafaneleyo; mnikeni irhafu ofanelwe yirhafu, unikelo ofanelwe lunikelo, ukoyika ofanelwe kukoyikwa, imbeko ofanelwe yimbeko. | 
| 8. | Musani ukuba natyala lanto mntwini, lingelilo elokuthandana; kuba omthandayo omnye uzalise umthetho. | 
| 9. | Kuba oku kuthi, Uze ungakrexezi, uze ungabulali, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, uze ungakhanuki, nokuba kukho wumbi umthetho, uhlanganiselwe kweli lizwi lokuthi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako. | 
| 10. | Uthando alusebenzi bubi kuye ummelwane; ngoko uthando luyinzaliseko yomthetho. | 
| 11. | Ke oko masikwenze, silazi nje ixesha eli, ukuba lilixa lokuba ngoku sivuke ebuthongweni; kuba ngoku usindiso lukufuphi kuthi, kunokuya saqalayo ukukholwa. | 
| 12. | Ubusuku buhambile, ukusa ke kusondele. Masiyilahle ngoko imisebenzi yobumnyama, sixhobe iintonga zokukhanya. | 
| 13. | Masihambe sizibekile ngokwasemini; kungabi sezindywaleni nasekunxileni; kungabi sekuphimiseni naseburheletyweni; kungabi sezinkanini nasemoneni. | 
| 14. | Yambathani ke iNkosi uYesu Kristu; ize ukwazalelela inyama ningakwenzeli ukukhwezelela iinkanuko zayo. | 
| ← Romans (13/16) → |