Romans (11/16)  

1. Ngoko ke ndithi, UThixo ubagibile na abantu bakhe? Nakanye! Kuba nam lo ndingumSirayeli wasembewini ka-Abraham, wesizwe sikaBhenjamin.
2. UThixo akabagibanga bona abantu bakhe, abebazi ngenxa engaphambili. Okanye aniyazi na indawo ethetha ngoEliya esibhalweni, ukumangalela kwakhe amaSirayeli kuThixo, esithi,
3. Nkosi, abaprofeti bakho ababulele, nezibingelelo zakho azichithile; mna ndisele ndedwa; afuna ke ubomi bam?
4. Sisuka esikaThixo isihlabo sithini na kuye? Sithi, Ndizishiyele amadoda angamawaka asixhenxe, angagobanga dolo kuBhahali wona.
5. Ngokunjalo ke ngoko, nakweli xesha lakalokunje, kukho amasalela ngokonyulo lobabalo.
6. Ukuba ke kungobabalo, akusengamisebenzi; okanye ubabalo alungebi saba lubabalo.
7. Kuthiweni na ngoko? Kuthiwe, Khona oko akungxameleyo amaSirayeli akakufumananga; ke abanyuliweyo bakufumana, bathi ke abanye baqaqadekiswa;
8. njengokuba kubhaliwe kwathiwa, UThixo ubanike umoya wokuqoba, amehlo okuba bangaboni, neendlebe zokuba bangeva, kwada kwaba yimini yanamhla.
9. Kanjalo uDavide uthi, Isithebe sabo masibe sisibatha, nesihogo sokubambisa, Nesikhubekiso, nesiphindezelo kubo:
10. Makenziwe abe mnyama amehlo abo, ukuba bangaboni; Nomhlana wabo wugobe amaxa onke.
11. Ndithi ngoko, Bakhubeka ukuze bawe na? Nakanye! Kuthe ngesiphoso sabo, usindiso lwafika kuzo iintlanga, ukuze zibakhweletise.
12. Ukuba ke isiphoso sabo siba bubutyebi behlabathi, nokuncipha kwabo kuba bubutyebi beentlanga, yobeka phi na inzaliseko yabo?
13. Kuba ndithetha kuni, zintlanga. Ekubeni okunene mna ndingumpostile weentlanga, ndiyaluzukisa ulungiselelo lwam;
14. ukuba ndingade ndibakhweletise abenyama yam, ndisindise inxenye yabo.
15. Kuba xa ukulahlwa kwabo kuluxolelaniso lwehlabathi, koba yintoni na ukwamkelwa kwabo? Akububomi obuphuma kwabafileyo, yini na?
16. Ukuba ke intlahlela ingcwele, ikwanjalo nentlama; ukuba ke ingcambu ingcwele, akwanjalo namasebe.
17. Ke ukuba inxenye yamasebe yaxhuzulwa, wathi ke wena, ungumnquma wasendle nje, wamiliselwa phakathi kwawo, waba lidlelane nengcambu nokutyeba komnquma:
18. musa ukuwaqhayisela amasebe; ke ukuba uyawaqhayisela, yazi ukuba asinguwe oyithweleyo ingcambu; yingcambu ethwele wena.
19. Uya kuthi ngoko, Axhuzulwa amasebe, ukuze mna ndimiliselwe.
20. Utyaphile; axhuzulwa ngokungakholwa, ke wena umi ngokholo; musa ukukratsha, yoyika.
21. Kuba, xa uThixo angawaconganga awasemvelweni amasebe, lumka hleze angakucongi nawe lo.
22. Khawububone ke ububele nobukhali bukaThixo; ubukhali okunene kwabo bawayo; kodwa kuwe, ububele, ukuba uthe wahlala kobo bubele; okanye wogawulwa nawe lo.
23. Nabo ke, ukuba abathanga bahlale ekungakholweni, bomiliselwa; kuba uThixo unako ukubuya abamilisele.
24. Kuba wena, xa wagawulwa kumnquma ongowasendle ngokwemvelo, waza wamiliselwa ngokunxamnye nemvelo komhle umnquma: bobeka phi na aba bangamasebe ngokwemvelo, ukumiliselwa kwabo kowabo umnquma?
25. Kuba andithandi, bazalwana, ukuba ningayazi le mfihlelo, ukuze ningabi ziingqondi ngokwenu: le yokuba ukuqaqadeka kuwahlele amaSirayeli ngenxenye, ide ingene inzaliseko yazo iintlanga;
26. aze ngokunjalo ke wonke uSirayeli asindiswe, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Uya kuvela eZiyon uMhlanguli, Akusonge kumke kwaYakobi ukungahloneli Thixo.
27. Nguwo ke lo umnqophiso wam nabo, Xa ndithe ndazisusa izono zabo.
28. Okunene ngokweendaba ezilungileyo, baziintshaba ngenxa yenu; kodwa ngokonyulo, ngabaziintanda ngenxa yoobawo.
29. Kuba azinabuyambo izibabalo ezi, nobizo olu lukaThixo.
30. Kuba, njengokuba nani benifudula ningamvi uThixo, ngoku ke nenzelwe inceba kukungeva kwabo abo;
31. kwangokunjalo, nabo ababanga namvo ngoku, ukuze ngokwenzelwa kwenu inceba, benzelwe nabo inceba.
32. Kuba uThixo ubavalele ndawonye entsweleni-kuva bonke, ukuze abenzele inceba bonke.
33. Hayi, ubunzulu bobutyebi nobobulumko nobokwazi kukaThixo! Asikuko nokuba ayiphengululeki imigwebo yakhe, azilandeki iindlela zakhe!
34. Kuba ngubani na oyazileyo ingqiqo yeNkosi? Ngubani na khona othe waba ngumcebisi wayo?
35. Ngubani na khona owayinikayo ngenxa engaphambili, kwaza kwabuyekezwa kuye?
36. Ngokuba ziphuma kuyo ke, zikho ngayo, zikholo yona, zonke ezo zinto. Malube kuyo uzuko, kude kube ngunaphakade. Amen.

  Romans (11/16)