Romans (10/16)  

1. Bazalwana, inkolelo yeyam intliziyo, nesikhungo sam kuye uThixo, ngenxa yamaSirayeli, sesokuba asindiswe.
2. Kuba ndiyabangqinela ukuba banokumzondelela uThixo, koko bengamzondeleli ngokokwazi okukuko.
3. Kuba bathe, bengabazi ubulungisa bukaThixo, befuna nokumisa obabo ubulungisa, ababululamela ubulungisa bukaThixo.
4. Kuba intsingiselo yomthetho nguKristu, ukuze abe bubulungisa kubo bonke abakholwayo.
5. Kuba uMoses ubulungisa basemthethweni uthi ukububhala, Umntu ozenzileyo ezi zinto uya kuphila zizo.
6. Ke bona obaselukholweni ubulungisa buthetha ngolu hlobo, Musa ukuthi entliziyweni yakho, Ngubani na oya kunyuka aye emazulwini ukuba ahlise uKristu?
7. nokuthi, Ngubani na oya kuhla aye enzonzobileni, ukuba anyuse uKristu kwabafileyo?
8. Buthini na ke? Buthi, Ilizwi eli likufuphi kuwe, emlonyeni wakho nasentliziyweni yakho: elo ke lilizwi lokholo, eli sivakalisa lona.
9. Ngokuba, xa uthe wamvuma ngomlomo wakho ukuba uyiNkosi uYesu, wakholwa ngentliziyo yakho ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa.
10. Kuba umntu ukholwa ngentliziyo, ukuze abe nobulungisa; avume ke ngomlomo, ukuze asindiswe.
11. Kuba isibhalo sithi, Bonke abakholwayo kuye abayi kudaniswa.
12. Kuba akukho kwahluka kwamYuda namGrike; kuba ikwayiloo Nkosi eyiNkosi yabo bonke, ibubutyebi kubo bonke abayinqulayo.
13. Kuba bonke abasukuba belinqula igama leNkosi bosindiswa.
14. Bothini na ke ukumnqula lowo bangakholwanga kuye? Bothini na ke ukukholwa kulowo bangamvanga?
15. Bothini na ke ukuva, kungekho mshumayeli? Bothini na ke ukushumayela, bengathunywanga? Njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Hayi, ukuba zintle kwazo iinyawo zabashumayela iindaba ezilungileyo zoxolo, zabashumayela iindaba ezilungileyo zezinto ezilungileyo!
16. Abazilulamelanga ke bonke iindaba ezilungileyo, kuba uIsaya uthi, Nkosi, ngubani na owakholwayo ludaba lwethu?
17. Ngoko ke ukholo luphuma eludabeni, udaba ke lukho ngelizwi likaThixo.
18. Ingaba kodwa, abevanga na? Ehla wena! Intlokoma yabo yaphuma, yaya kulo lonke ihlabathi, Namazwi abo aya eziphelweni zelimiweyo.
19. Ndithi, Kodwa ubengazi na uSirayeli? Ukuqala, uMoses uthi, Mna ndiya kunikhweletisa ngabangeluhlanga, Ndiya kunicaphukisa ngohlanga olungenangqondo.
20. Ke yena uIsaya akanqwanqwi; uthi, Ndifunyenwe ngababengandifuni, Ndaba nokubonakala kwababengandibuzi.
21. Ke ngokubhekisele kuSirayeli uthi, Imini yonke izandla zam ndizolulele kubantu abangevayo, abaphikayo.

  Romans (10/16)