Revelation (9/22)  

1. Sathi esesihlanu isithunywa savuthela ixilongo; ndabona inkwenkwezi iphuma ezulwini, yawela emhlabeni; sanikwa isitshixo sequla lenzonzobila.
2. Salivula iqula lenzonzobila. Kwenyuka umsi uphuma equleni apho, njengomsi weziko elikhulu, lamnyama ilanga nesibhakabhaka ngumsi wequla elo.
3. Emsini apho kwaphuma iinkumbi, ezeza emhlabeni, zanikwa igunya, njengokuba benegunya oonomadudwane bomhlaba.
4. Kwathiwa kuzo, ize utyani bomhlaba zingaboni, nanye into eluhlaza, nanye into engumthi; ibe ngabantu bodwa, bona abo bangenalo itywina likaThixo emabunzini abo.
5. Zanikwa igunya lokungababulali, bathuthunjelwe nje kodwa iinyanga ezintlanu; intuthumbo yazo yayinjengentuthumbo yoonomadudwane, xa athe wamhlaba umntu.
6. Ngaloo mihla abantu baya kukufuna ukufa, bangakufumani; baya kukunqwenela ukufa, kusuke ukufa kusabe kubo.
7. Iimfano zeenkumbi ezo, zibe zifana namahashe, elungiselwe imfazwe, ezintloko izizithsaba ezifana negolide, nobuso bazo bunjengobuso babantu.
8. Zaye zineenwele ezingathi ziinwele zamankazana, namazinyo azo engathi ngawengonyama.
9. Zaye zinezigcina-zifuba ezingathi zizigcina-zifuba zentsimbi, isandi samaphiko azo singathi sisandi seenqwelo zamahashe amaninzi, ebaleka esiya emfazweni.
10. Zinemisila efana neyoonomadudwane, kukho nezamvila emisileni yazo; igunya lazo lilelokona abantu iinyanga ezintlanu.
11. Zinokumkani phezu kwazo, usisithunywa senzonzobila, ogama lakhe ngesiHebhere linguAbhadon, ngesiGrike unegama elinguApoliyon.
12. Owokuqala uyeha udlule; yabona, kuza ooyeha ababini emva koko.
13. Sathi esesithandathu isithunywa savuthela ixilongo, ndeva izwi liphuma ezimpondweni zone zesibingelelo segolide esisemehlweni kaThixo,
14. lisithi kwisithunywa sesithandathu esasinexilongo, Zikhulule izithunywa ezine ezikhonkxwe emlanjeni omkhulu ongumEfrati.
15. Zaza zakhululwa izithunywa zozine, ezazilungiselwe ilixa nemini nenyanga nomnyaka, ukuze zibulale isahlulo sesithathu sabantu.
16. Laye inani lemikhosi yamahashe lizizigidi zezigidi eziphindeke kabini; ndaliva inani layo.
17. Ndawabona ngokunjalo amahashe embonweni lowo, nabo babehleli phezu kwawo, benezigcina-zifuba ezimlilo, nezimsi, nezisulfure; iintloko zamahashe zingathi ziintloko zeengonyama, emlonyeni wawo kuphuma umlilo, nomsi, nesulfure.
18. Ngezo nto zontathu sabulawa isahlulo sesithathu sabantu ngomlilo, nangomsi, nangesulfure, ezaphumayo emlonyeni wawo.
19. Kuba amagunya awo asemlonyeni wawo nasemisileni yawo; kuba imisila yawo ifana neenyoka, ineentloko; ngayo ayonakalisa.
20. Amasalela abantu, abangabulawanga ngazo ezo zibetho, akaguqukanga emisebenzini yezandla zawo, ukuze angaqubudi kuzo iidemon, nezithixo zegolide, nezesilivere, nezobhedu, nezamatye, nezemithi, ezingenako nokubona, nokuva, nokuhamba;
21. akaguqukanga nasekubulaleni kwawo, nasekukhafuleni kwawo, nasembulweni wawo, nasebuseleni bawo.

  Revelation (9/22)