| ← Revelation (22/22) | 
| 1. | Saza sandibonisa umlambo wamanzi obomi, uqaqambile, ngathi ngumkhenkce, uphuma etroneni kaThixo neyeMvana. | 
| 2. | Phakathi kwesitrato sawo, ngapha nangapha komlambo, ngumthi wobomi, ovelisa iintlobo zeziqhamo ezilishumi elinambini, unika iinyanga ngeenyanga zonke isiqhamo sawo; aye amagqabi omthi lowo engawokuphilisa iintlanga. | 
| 3. | Akusayi kuba sabakho nasinye isiqalekiso; yaye itrone kaThixo neyeMvana iya kubakho kuwo; abakhonzi bakhe bamkhonze, | 
| 4. | babubone ubuso bakhe, negama lakhe libe semabunzini abo. | 
| 5. | Akuyi kubakho busuku khona; abafuni sibane, nakukhanya kwelanga, ngokuba iNkosi uThixo ibakhanyisela; baya kuba ngookumkani, kuse emaphakadeni asema phakadeni. | 
| 6. | Saza sathi kum, La mazwi athembekile, ayinyaniso; iNkosi, uThixo wabaprofeti abangcwele, yathuma isithunywa sayo sasemazulwini ukubabonisa abakhonzi bayo izinto ezimele ukubakho kamsinya. | 
| 7. | Yabona, ndiyeza kamsinya; unoyolo lowo uwagcinayo amazwi esiprofeto sayo le ncwadi. | 
| 8. | Mna, Yohane, ndingulowo ubezibona ezi zinto, eziva; ndathi ndakuva, ndakubona, ndawa ndaqubuda phambi kweenyawo zesithunywa sezulu esandibonisa ezi zinto. | 
| 9. | Sithi kum, Lumka, ungenjenjalo; kuba ndingumkhonzi kunye nawe, nabazalwana bakho abaprofeti, nabo bawagcinayo amazwi ale ncwadi; qubuda kuThixo. | 
| 10. | Sithi kum, Musa ukuwatywina amazwi esiprofeto sale ncwadi; ngokuba ixesha likufuphi. | 
| 11. | Lowo ungalungisiyo, makaselehlala engalungisi; lowo uyinyhukunyhuku, makaselehlala eyinyhukunyhuku; nolilungisa makaselehlala elungisa; nongcwele makaselehlala ezingcwalisile. | 
| 12. | Yabona, ndiyeza kamsinya; umvuzo wam unam, ukuba ndivuze elowo njengoko umsebenzi wakhe uya kuba njalo. | 
| 13. | Mna ndinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo, owokuqala nowokugqibela. | 
| 14. | Banoyolo abo bayenzayo imithetho yakhe, ukuze igunya labo libe semthini wobomi, bangene ngamasango kuwo umzi. | 
| 15. | Ngaphandle ke zizinja, nabakhafuli, nabenzi bombulo, nababulali, nabakhonzi bezithixo, nabo bonke ababuthandayo, ababenzayo ubuxoki. | 
| 16. | Mna, Yesu, ndasithuma isithunywa sam sasemazulwini, ukuba ndizingqine kuni ezi zinto ngawo amabandla. Mna ndiyingcambu nenzala kaDavide, ikhwezi eliqaqambileyo lokusa. | 
| 17. | UMoya nomtshakazi bathi, Yiza. Lowo uvayo makathi, Yiza. Lowo unxaniweyo makeze; lowo uthandayo, makawathabathe amanzi obomi ngesisa. | 
| 18. | Kuba ndiyangqina kubantu bonke abawevayo amazwi esiprofeto sale ncwadi, ukuba, Xa athe umntu wongeza kwezo zinto, uThixo uya kongeza kuye izibetho ezibhaliweyo kule ncwadi; | 
| 19. | ukuba ke uthe umntu wasusa kuwo amazwi encwadi yesi siprofeto, uThixo uya kusisusa isabelo sakhe encwadini yobomi, nakuwo umzi ongcwele, nakuzo izinto ezibhaliweyo kule ncwadi. | 
| 20. | Uthi lowo uzingqinayo ezi zinto, Ewe, ndiyeza kamsinya. Amen. Ewe, yiza, Nkosi Yesu. | 
| 21. | Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani nonke. Amen. | 
| ← Revelation (22/22) |