| ← Revelation (16/22) → |
| 1. | Ndeva izwi elikhulu liphuma etempileni, lisithi kuzo izithunywa zezulu zosixhenxe, Hambani, niye kuziphalaza iingqayi zomsindo kaThixo emhlabeni. |
| 2. | Semka ke esokuqala, sayiphalaza ingqayi yaso emhlabeni; kwabakho isilonda esibi esinobuhlungu ebantwini, abo banophawu lwerhamncwa, abo baqubudayo kuwo umfanekiselo walo. |
| 3. | Saza esesibini isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso elwandle; lwaba ligazi elinjengelofileyo, yaza yonke imiphefumlo edla ubomi yafa elwandle. |
| 4. | Saza esesithathu isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso emilanjeni nasemithonjeni yamanzi; yaba ligazi. |
| 5. | Ndeva isithunywa samanzi, sisithi: Unobulungisa, Nkosi, wena ukhoyo, wawukho, uyingcwele, ngokuba ugwebile wenjenje; |
| 6. | Ngokuba baliphalazile igazi labangcwele nelabaprofeti; Wabanika igazi ukuba balisele, ngokuba belifanele. |
| 7. | Ndeva esinye siphuma esibingelelweni, sisithi: Ewe, Nkosi, Thixo Somandla, Iyinyaniso, inobulungisa imigwebo yakho. |
| 8. | Saza esesine isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso elangeni; sanikwa igunya lokutshisa abantu ngomlilo. |
| 9. | Batsha abantu bubushushu obukhulu; balinyelisa igama likaThixo, onalo igunya kwezo zibetho; abaguquka bamzukise. |
| 10. | Saza esesihlanu isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso etroneni yerhamncwa; baba mnyama ubukumkani balo; bamana beziluma iilwimi ngenxa yeentlungu; |
| 11. | bamnyelisa uThixo wamazulu ngenxa yeentlungu zabo, nangenxa yezilonda zabo: abaguquka emisebenzini yabo. |
| 12. | Saza esesithandathu isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso emlanjeni omkhulu ongumEfrati; atsha amanzi awo, ukuze ilungiswe indlela yookumkani abo bavela empumalanga. |
| 13. | Ndabona kuphuma emlonyeni wenamba, nasemlonyeni werhamncwa, nasemlonyeni womprofeti wobuxoki, oomoya abathathu abangcolileyo, befana namasele. |
| 14. | Kuba bangoomoya beedemon, besenza imiqondiso; abaphuma baye kubo ookumkani bomhlaba, nabelimiweyo liphela, ukubahlanganisela emfazweni yaloo mini inkulu kaThixo, uSomandla. |
| 15. | Yabona, ndiza njengesela. Unoyolo lowo uphaphileyo, uzigcinayo iingubo zakhe, ukuze angahambi ze, balibone ihlazo lakhe. |
| 16. | Babahlanganisela endaweni ekuthiwa ngesiHebhere yiArmagedon. |
| 17. | Saza esesixhenxe isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso esibhakabhakeni; kwaphuma izwi elikhulu, livela etempileni yamazulu, livela etroneni, lisithi, Kwenzekile. |
| 18. | Kwabakho imibane, nezandi, neendudumo; kwabakho nonyikimo lomhlaba olukhulu, ekungazanga kubekho lunjalo unyikimo ukuha lukhulu, kuseloko kwabakhoyo abantu emhlabeni. |
| 19. | Umzi omkhulu lowo waba zahlulo zithathu; yathi imizi yeentlanga yawa; iBhabheli enkulu yakhunjulwa emehlweni kaThixo, ukuba inikwe indebe yewayini yomsindo wengqumbo yakhe. |
| 20. | Into yonke eziziqithi yabaleka, neentaba zafunyanwa. |
| 21. | Kwesuka kwehla ezulwini phezu kwabantu isichotho esikhulu, esimatye ngathi ubunzima bawo yitalente ngalinye; baza abantu bamnyelisa uThixo ngenxa yesibetho sesichotho eso, ngokuba sisikhulu kakhulu isibetho saso. |
| ← Revelation (16/22) → |