| ← Revelation (15/22) → | 
| 1. | Ndabona ezulwini omnye umqondiso omkhulu, ongummangaliso; izithunywa zezulu ezisixhenxe zinazo izibetho ezisixhenxe zokugqibela; ngokuba wazaliseka umsindo kaThixo ngazo. | 
| 2. | Ndabona ngathi lulwandle lwegilasi, luphithikezene nomlilo; nabo bavela beloyisile irhamncwa, nomfanekiselo walo, nophawu lwalo, nenani legama lalo, bemi ngaselwandle lwegilasi, beneehadi zikaThixo. | 
| 3. | Bayivuma ingoma kaMoses, umkhonzi kaThixo, nengoma yeMvana, besithi: Mikhulu, ingummangaliso imisebenzi yakho, Nkosi, Thixo Somandla; Zinobulungisa, ziyinyaniso iindlela zakho, Kumkani weentlanga. | 
| 4. | Ngubani na ongekhe akoyike wena, Nkosi, Angalizukisi igama lakho? Ngokuba inguwe wedwa ongcwele; Ngokuba zonke iintlanga ziya kuza ziqubude phambi kwakho, Ngokuba imisebenzi yakho yobulungisa ibonakalalisiwe. | 
| 5. | Ndaza emva koko ndabona, nantso ivuliwe itempile yomnquba wobungqina emazulwini. | 
| 6. | Zaphuma ke etempileni izithunywa zosixhenxe, zinezibetho ezisixhenxe, zambethe ilinen emhlophe eqaqambileyo, ziyibhinqele ezifubeni imibhinqo yegolide. | 
| 7. | Yathi enye kuzo izinto eziphilileyo zone, yazinika izithunywa ezisixhenxe iingqayi zegolide ezisixhenxe, zizele ngumsindo kaThixo, odla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni. | 
| 8. | Yazala itempile ngumsi ophuma ebuqaqawulini bukaThixo, nasemandleni akhe; kwaye kungekho namnye unako ukungena etempileni, zada zazaliseka izibetho zosixhenxe zezithunywa zosixhenxe. | 
| ← Revelation (15/22) → |