| ← Revelation (12/22) → |
| 1. | Kwabonakala umqondiso omkhulu emazulwini: umfazi ethiwe wambu ngelanga, inyanga ingaphantsi kweenyawo zakhe, entloko kuye isisithsaba seenkwenkwezi ezilishumi elinambini. |
| 2. | Uthi emithi akhale, enenimba, ethuthunjelwa ekuzaleni. |
| 3. | Kwabonakala omnye umqondiso emazulwini: nantso, inamba enkulu ebomvu, ineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi, kwiintloko zayo izizithsaba ezisixhenxe. |
| 4. | Umsila wayo wawurhola isahlulo sesithathu seenkwenkwezi zezulu, waziphosa emhlabeni. Yathi inamba leyo yema phambi komfazi owayeza kuzala, ukuze, xa athe wazala, imdle imgqibe umntwana wakhe. |
| 5. | Wazala umntwana oyinkwenkwe, oza kuzalusa zonke iintlanga ngentonga yentsimbi; umntwana wakhe lowo wathiwa xwi, wasiwa kuye uThixo, nakuyo itrone yakhe. |
| 6. | Wathi umfazi wasabela entlango, apho ikhona indawo ayilungiselwe nguThixo, ukuze bamnqake khona imihla eliwaka elinamakhulu mabini anamanci mathandathu. |
| 7. | Kwaza kwabakho imfazwe emazulwini, uMikayeli nezithunywa zakhe besilwa nenamba, inamba nezithunywa zayo zisilwa; |
| 8. | azaba nakweyisa, kanjalo ayaba safunyanwa indawo yazo emazulwini. |
| 9. | Yaphoswa phantsi inamba enkulu, inyoka yakudala, leyo kuthiwa nguMtyholi, uSathana ke, lowo ulilahlekisayo elimiweyo liphela; yaphoswa emhlabeni, nezithunywa zayo zaphoswa kunye nayo. |
| 10. | Ndaza ndeva izwi elikhulu emazulwini lisithi, Ngoku luthe usindiso, namandla, nobukumkani, lwaba lolukaThixo wethu, negunya laba lelikaKristu wakhe; ngokuba ukhahlelwe phantsi ummangaleli wabazalwana bethu, lowo ubamangalelayo emehlweni kaThixo wethu imini nobusuku. |
| 11. | Bameyisile bona ngenxa yegazi leMvana, nangenxa yelizwi lobungqina babo; abawuthandanga umphefumlo wabo, kwada kwasekufeni. |
| 12. | Ngenxa yoko yibani nemihlali, nina mazulu, nani ninomnquba kuwo. Yeha, abo bawumiyo umhlaba nolwandle! ngokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi nje ukuba ixesha analo lincinane. |
| 13. | Yaza yathi inamba, yakubona ukuba iphoswe emhlabeni, yamtshutshisa umfazi ozele umntwana oyinkwenkwe. |
| 14. | Umfazi wanikwa amaphiko amabini okhozi olukhulu, ukuze aphaphazele aye entlango, endaweni yakhe, apho anqakwa khona ixesha, namaxesha, nesiqingatha sexesha, kude nobuso benyoka. |
| 15. | Inyoka yakhupha emva komfazi ngomlomo wayo amanzi anjengomlambo, ukuze imkhukulise nomlambo. |
| 16. | Umhlaba wamsiza umfazi, wathi umhlaba wawuvula umlomo wawo, wawufinca umlambo eyawukhuphayo inamba ngomlomo wayo. |
| 17. | Yamqumbela umfazi inamba, yemka yaya kulwa nabaseleyo bembewu yakhe, abo bayigcinayo imithetho kaThixo, abanobungqina bukaYesu Kristu. |
| ← Revelation (12/22) → |